Surah 9 · 129 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana
Surah At-Tawbah in Xhosa
بَرَآءَةٌ مِّنَ ٱللَّهِ وَرَسُولِهِۦٓ إِلَى ٱلَّذِينَ عَٰهَدتُّم مِّنَ ٱلۡمُشۡرِكِينَ
Inkululeko kuzo (zonke) iimbopheleleko kwabo bangabakhonzi bezithixo enenza umnqophiso nabo (ibhengeziwe) nguAllâh noMthuywa waKhe
فَسِيحُواْ فِي ٱلۡأَرۡضِ أَرۡبَعَةَ أَشۡهُرٍ وَٱعۡلَمُوٓاْ أَنَّكُمۡ غَيۡرُ مُعۡجِزِي ٱللَّهِ وَأَنَّ ٱللَّهَ مُخۡزِي ٱلۡكَٰفِرِينَ
Ke hamba-hambani ngokukhululekileyo (nina bakhonzi bezithixo) isithuba seenyanga ezine, emhlabeni, kodwa nazi kakuhle okokuba aniyi kuphuncula kuAllâh, yaye uAllâh Uza kubahlazisa abangakholwayo
وَأَذَٰنٌ مِّنَ ٱللَّهِ وَرَسُولِهِۦٓ إِلَى ٱلنَّاسِ يَوۡمَ ٱلۡحَجِّ ٱلۡأَكۡبَرِ أَنَّ ٱللَّهَ بَرِيٓءٌ مِّنَ ٱلۡمُشۡرِكِينَ وَرَسُولُهُۥۚ فَإِن تُبۡتُمۡ فَهُوَ خَيۡرٌ لَّكُمۡۖ وَإِن تَوَلَّيۡتُمۡ فَٱعۡلَمُوٓاْ أَنَّكُمۡ غَيۡرُ مُعۡجِزِي ٱللَّهِۗ وَبَشِّرِ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ بِعَذَابٍ أَلِيمٍ
Kananjalo isibhengezo esivela kuAllâh noMthunywa waKhe ebantwini ngowona mhla mkhulu1 sesokuba uAllâh Ukhululekile kwiimbophelelo ezimayela nabakhonzi bezithixo, ukwanjalo noMthunywa waKhe. Ukuba ke nina bakhonzi bezithixo niyaguquka, kolunga (oko) kuni, kodwa ukuba niyajibilika, yazini kakuhle okokuba anisokuze niphuncule kuAllâh. Ke kaloku (Muhammad) nika iindaba ezivuyisayo zesohlwayo esibuhlungu kwabo bangakholwayo
إِلَّا ٱلَّذِينَ عَٰهَدتُّم مِّنَ ٱلۡمُشۡرِكِينَ ثُمَّ لَمۡ يَنقُصُوكُمۡ شَيۡـًٔا وَلَمۡ يُظَٰهِرُواْ عَلَيۡكُمۡ أَحَدًا فَأَتِمُّوٓاْ إِلَيۡهِمۡ عَهۡدَهُمۡ إِلَىٰ مُدَّتِهِمۡۚ إِنَّ ٱللَّهَ يُحِبُّ ٱلۡمُتَّقِينَ
Ngaphandle kwabo bakhonzi bezithixo eninomnqophiso nabo, abangekaniphoxi, bengazanga baxhasa nomnye kwabachasene nani. Zalisekisani umnqophiso nabo kude kuphele ixesha elo (lomnqophiso). Inene uAllâh Uyawathanda amalungisa
فَإِذَا ٱنسَلَخَ ٱلۡأَشۡهُرُ ٱلۡحُرُمُ فَٱقۡتُلُواْ ٱلۡمُشۡرِكِينَ حَيۡثُ وَجَدتُّمُوهُمۡ وَخُذُوهُمۡ وَٱحۡصُرُوهُمۡ وَٱقۡعُدُواْ لَهُمۡ كُلَّ مَرۡصَدٍۚ فَإِن تَابُواْ وَأَقَامُواْ ٱلصَّلَوٰةَ وَءَاتَوُاْ ٱلزَّكَوٰةَ فَخَلُّواْ سَبِيلَهُمۡۚ إِنَّ ٱللَّهَ غَفُورٌ رَّحِيمٌ
Xa ke iiNyanga eziNgcwele zigqithile, babulaleni abakhonzi bezithixo naphi na apho nibafumana khona, nibabambe nibathimbe, nibancathamele kuzo zonke iindawo zokuncathamela. Kodwa ukuba bayaguquka, benze iSalâh, banikele ngeZakâh, bayekeni nisuke endleleni yabo. Inene uAllâh nguMxoleli uSozinceba
وَإِنۡ أَحَدٌ مِّنَ ٱلۡمُشۡرِكِينَ ٱسۡتَجَارَكَ فَأَجِرۡهُ حَتَّىٰ يَسۡمَعَ كَلَٰمَ ٱللَّهِ ثُمَّ أَبۡلِغۡهُ مَأۡمَنَهُۥۚ ذَٰلِكَ بِأَنَّهُمۡ قَوۡمٌ لَّا يَعۡلَمُونَ
Kananjalo ukuba kuthe kwabakho nawuphi na umkhonzi wezithixo ofuna ukhuseleko lwakho, uya kumnika ukhuseleko (olo) khon’ukuze abe nokuva ilizwi lika-Allâh (i’Kur’ân) nize nimkhaphe ade abe kwindawo aya kuhamba esindile kuyo, oko kungenxa yokuba bangabantu abangenalwazi
كَيۡفَ يَكُونُ لِلۡمُشۡرِكِينَ عَهۡدٌ عِندَ ٱللَّهِ وَعِندَ رَسُولِهِۦٓ إِلَّا ٱلَّذِينَ عَٰهَدتُّمۡ عِندَ ٱلۡمَسۡجِدِ ٱلۡحَرَامِۖ فَمَا ٱسۡتَقَٰمُواْ لَكُمۡ فَٱسۡتَقِيمُواْ لَهُمۡۚ إِنَّ ٱللَّهَ يُحِبُّ ٱلۡمُتَّقِينَ
Kungathini na ukuba kubekho umnqophiso kuAllâh noMthunywa waKhe wabakhonzi bezithixo ngaphandle kwabo nenza umnqophiso nabo ngaseMasjid eNgcwele (eMakkah) oko nje besanyanisekile kuni, yimani ninyaniseke nani kubo. Inene uAllâh Uyabathanda abanyulu
كَيۡفَ وَإِن يَظۡهَرُواْ عَلَيۡكُمۡ لَا يَرۡقُبُواْ فِيكُمۡ إِلًّا وَلَا ذِمَّةًۚ يُرۡضُونَكُم بِأَفۡوَٰهِهِمۡ وَتَأۡبَىٰ قُلُوبُهُمۡ وَأَكۡثَرُهُمۡ فَٰسِقُونَ
Ungabakho njani (umnqophiso phakathi kwenu nabo) njengokuba besithi xa benongamele bangazikhathaleli izibophelelo nokuba zezokuzalana nokuba zezomnqophiso na nani? Bayanivuyisa ngamazwi amnandi aphuma emilonyeni yabo kodwa ezintliziyweni zabo bachasene nani, kananjalo uninzi lwabo ngabenzi bokungcola
ٱشۡتَرَوۡاْ بِـَٔايَٰتِ ٱللَّهِ ثَمَنًا قَلِيلًا فَصَدُّواْ عَن سَبِيلِهِۦٓۚ إِنَّهُمۡ سَآءَ مَا كَانُواْ يَعۡمَلُونَ
Bona bathenge inzuzwana encinane ngeeVesi zika-Allâh, bathintela abantu bangangeni eNdleleni yaKhe; inene kungcolile oko bakwenzayo
لَا يَرۡقُبُونَ فِي مُؤۡمِنٍ إِلًّا وَلَا ذِمَّةًۚ وَأُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡمُعۡتَدُونَ
Ngokumayela (nomntu) olikholwa, abawahloniphi amaqhina okuzalana (naye) nawomnqophiso na kakade! Ngabo kanye abangabagabadeli
فَإِن تَابُواْ وَأَقَامُواْ ٱلصَّلَوٰةَ وَءَاتَوُاْ ٱلزَّكَوٰةَ فَإِخۡوَٰنُكُمۡ فِي ٱلدِّينِۗ وَنُفَصِّلُ ٱلۡأٓيَٰتِ لِقَوۡمٍ يَعۡلَمُونَ
Kodwa ukuba bayaguquka, benze iSalâh, banikele ngeZakâh bangabazalwana benu ke ngokwenkolo. Sizicacisa (ngolo hlobo ke iiVesi, Sinike) ingcombolo kubantu abanolwazi
وَإِن نَّكَثُوٓاْ أَيۡمَٰنَهُم مِّنۢ بَعۡدِ عَهۡدِهِمۡ وَطَعَنُواْ فِي دِينِكُمۡ فَقَٰتِلُوٓاْ أَئِمَّةَ ٱلۡكُفۡرِ إِنَّهُمۡ لَآ أَيۡمَٰنَ لَهُمۡ لَعَلَّهُمۡ يَنتَهُونَ
Ke kaloku ukuba bayazijikela izifungo zabo emva komnqophiso wabo, baze bahlasele inkolo yenu ngokungayamkeli nangokuyigxeka, balweni ke ngoko (abo) baziinkokeli zokungakholwa kuba kakade izifungo zabo azinto yanto kubo khon’ukuze baziyeke (izenzo zokungcola)
أَلَا تُقَٰتِلُونَ قَوۡمًا نَّكَثُوٓاْ أَيۡمَٰنَهُمۡ وَهَمُّواْ بِإِخۡرَاجِ ٱلرَّسُولِ وَهُم بَدَءُوكُمۡ أَوَّلَ مَرَّةٍۚ أَتَخۡشَوۡنَهُمۡۚ فَٱللَّهُ أَحَقُّ أَن تَخۡشَوۡهُ إِن كُنتُم مُّؤۡمِنِينَ
Aniyi kulwa na nabantu abaphule izifungo zabo abade bazama nokugxotha uMthunywa, ekubeni ingabo abaqala ngokuhlasela nina kuqala. Niyaboyika na? UAllâh Unelungelo elingaphaya lokuba noyike Yena ukuba ningamakholwa
قَٰتِلُوهُمۡ يُعَذِّبۡهُمُ ٱللَّهُ بِأَيۡدِيكُمۡ وَيُخۡزِهِمۡ وَيَنصُرۡكُمۡ عَلَيۡهِمۡ وَيَشۡفِ صُدُورَ قَوۡمٍ مُّؤۡمِنِينَ
Yilwani nabo khon’ukuze uAllâh Abohlwaye ngezandla zenu Abahlazise, Aninike uloyiso phezu kwabo Aphilise izifuba2 zabantu abakholwayo
وَيُذۡهِبۡ غَيۡظَ قُلُوبِهِمۡۗ وَيَتُوبُ ٱللَّهُ عَلَىٰ مَن يَشَآءُۗ وَٱللَّهُ عَلِيمٌ حَكِيمٌ
Asuse umsindo ezintliziyweni zabo (bakholwayo). UAllâh Uyayamkela inguquko yalowo Athande ukuyamkela kuye. UAllâh nguSolwazi, uSobulumko
أَمۡ حَسِبۡتُمۡ أَن تُتۡرَكُواْ وَلَمَّا يَعۡلَمِ ٱللَّهُ ٱلَّذِينَ جَٰهَدُواْ مِنكُمۡ وَلَمۡ يَتَّخِذُواْ مِن دُونِ ٱللَّهِ وَلَا رَسُولِهِۦ وَلَا ٱلۡمُؤۡمِنِينَ وَلِيجَةًۚ وَٱللَّهُ خَبِيرُۢ بِمَا تَعۡمَلُونَ
Nicinga ukuba niza kuyekwa ekubeni ukuba uAllâh Engekabavavanyi abanye benu abazabalaza nzima balwa, bengazanga bathabatha bancedisi ngaphandle koAllâh noMthunywa waKhe, namakholwa. UAllâh Ukwazi kakuhle enikwenzayo
مَا كَانَ لِلۡمُشۡرِكِينَ أَن يَعۡمُرُواْ مَسَٰجِدَ ٱللَّهِ شَٰهِدِينَ عَلَىٰٓ أَنفُسِهِم بِٱلۡكُفۡرِۚ أُوْلَٰٓئِكَ حَبِطَتۡ أَعۡمَٰلُهُمۡ وَفِي ٱلنَّارِ هُمۡ خَٰلِدُونَ
Ayikokwabakhonzi bezithixo ukugcina iMasjid3 ka-Allâh, lo gama besangqinela ukungakholwa okuchasene neziqu zabo. Imisebenzi yabo banjalo ililize yaye eMlilweni kulapho baya kuhlala khona ngonaphakade
إِنَّمَا يَعۡمُرُ مَسَٰجِدَ ٱللَّهِ مَنۡ ءَامَنَ بِٱللَّهِ وَٱلۡيَوۡمِ ٱلۡأٓخِرِ وَأَقَامَ ٱلصَّلَوٰةَ وَءَاتَى ٱلزَّكَوٰةَ وَلَمۡ يَخۡشَ إِلَّا ٱللَّهَۖ فَعَسَىٰٓ أُوْلَٰٓئِكَ أَن يَكُونُواْ مِنَ ٱلۡمُهۡتَدِينَ
IMasjid ka-Allâh iya kugcinwa kuphela ngabo bakholwayo kuAllâh nakwiMini yokuGqibela, abenza iSalâh, banikele ngeZakâh Abangoyiki bani ngaphandle koAllâh. Ngabo abakwisiKhokelo sokwenene
أَجَعَلۡتُمۡ سِقَايَةَ ٱلۡحَآجِّ وَعِمَارَةَ ٱلۡمَسۡجِدِ ٱلۡحَرَامِ كَمَنۡ ءَامَنَ بِٱللَّهِ وَٱلۡيَوۡمِ ٱلۡأٓخِرِ وَجَٰهَدَ فِي سَبِيلِ ٱللَّهِۚ لَا يَسۡتَوُۥنَ عِندَ ٱللَّهِۗ وَٱللَّهُ لَا يَهۡدِي ٱلۡقَوۡمَ ٱلظَّٰلِمِينَ
Nicinga ukuba ukubonelela abahambi abangcwele ngamanzi okusela nokugcina iMasjid eNgcwele (eMakkah) kuyafana na ngexabiso nabo bakholwa kuAllâh nakwiMini yokuGqibela, bezabalaza ngamandla besilwa eNdleleni ka-Allâh? Abafani phambi koAllâh. Kananjalo uAllâh Akabakhokeli abantu abangabagabadeli
ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَهَاجَرُواْ وَجَٰهَدُواْ فِي سَبِيلِ ٱللَّهِ بِأَمۡوَٰلِهِمۡ وَأَنفُسِهِمۡ أَعۡظَمُ دَرَجَةً عِندَ ٱللَّهِۚ وَأُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡفَآئِزُونَ
Abo bakholwayo baza bafuduka, bazabalaza nzima balwa eNdleleni ka-Allâh ngobutyebi babo nangobomi babo bakumgangatho ongentla kude lee ngokuka-Allâh. Bona bangabaphumeleleyo
يُبَشِّرُهُمۡ رَبُّهُم بِرَحۡمَةٍ مِّنۡهُ وَرِضۡوَٰنٍ وَجَنَّٰتٍ لَّهُمۡ فِيهَا نَعِيمٌ مُّقِيمٌ
INkosi yabo Ibanika iindaba ezivuyisayo zeNceba evela kuYo, yaye Ikholisekile (ngabo), nayiMiyezo yabo ekukho ulonwabo lwanaphakade
خَٰلِدِينَ فِيهَآ أَبَدًاۚ إِنَّ ٱللَّهَ عِندَهُۥٓ أَجۡرٌ عَظِيمٌ
Baya kuhlala apho ngonaphakade. Inene kuAllâh kukho umvuzo omkhulu
يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ لَا تَتَّخِذُوٓاْ ءَابَآءَكُمۡ وَإِخۡوَٰنَكُمۡ أَوۡلِيَآءَ إِنِ ٱسۡتَحَبُّواْ ٱلۡكُفۡرَ عَلَى ٱلۡإِيمَٰنِۚ وَمَن يَتَوَلَّهُم مِّنكُمۡ فَأُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلظَّٰلِمُونَ
Hini na nina bakholwayo! Musani ukuthabatha ootata benu nabantakwenu nibenze abakhuseli benu ukuba basakhetha ukungakholwa kunokukholwa. Nabani na kuni owenza loo nto ungomnye wabagabadeli
قُلۡ إِن كَانَ ءَابَآؤُكُمۡ وَأَبۡنَآؤُكُمۡ وَإِخۡوَٰنُكُمۡ وَأَزۡوَٰجُكُمۡ وَعَشِيرَتُكُمۡ وَأَمۡوَٰلٌ ٱقۡتَرَفۡتُمُوهَا وَتِجَٰرَةٌ تَخۡشَوۡنَ كَسَادَهَا وَمَسَٰكِنُ تَرۡضَوۡنَهَآ أَحَبَّ إِلَيۡكُم مِّنَ ٱللَّهِ وَرَسُولِهِۦ وَجِهَادٍ فِي سَبِيلِهِۦ فَتَرَبَّصُواْ حَتَّىٰ يَأۡتِيَ ٱللَّهُ بِأَمۡرِهِۦۗ وَٱللَّهُ لَا يَهۡدِي ٱلۡقَوۡمَ ٱلۡفَٰسِقِينَ
Yithi: “Ukuba ngaba ooyihlo benu, oonyana benu, abantakwenu, abafazi benu, izizalwana zenu, ubutyebi benu enibuzuzileyo, ushishino lwenu enoyikisela ukuncipha kwalo nemizi yenu eninamabhongo ngayo zezona zinto zithandeka kakhulu kuni kunoAllâh noMthunywa waKhe nokuzabalaza ngamandla nokulwa eNdleleni yaKhe, lindani ke de uAllâh Azise isigqibo saKhe kodwa uAllâh Akabakhokeli abantu abangabenzi bobubi
لَقَدۡ نَصَرَكُمُ ٱللَّهُ فِي مَوَاطِنَ كَثِيرَةٍ وَيَوۡمَ حُنَيۡنٍ إِذۡ أَعۡجَبَتۡكُمۡ كَثۡرَتُكُمۡ فَلَمۡ تُغۡنِ عَنكُمۡ شَيۡـًٔا وَضَاقَتۡ عَلَيۡكُمُ ٱلۡأَرۡضُ بِمَا رَحُبَتۡ ثُمَّ وَلَّيۡتُم مُّدۡبِرِينَ
Inene uAllâh Uninike uloyiso kumadabi amaninzi kananjalo ngeMini yedabi laseHunayn, nisavuyiswa bubuninzi benu, suke (obo buninzi benu) banganincedi nto, nomhlaba, ngoku umkhulu kangaka, wacutheka kuni, naza nabaleka nina
ثُمَّ أَنزَلَ ٱللَّهُ سَكِينَتَهُۥ عَلَىٰ رَسُولِهِۦ وَعَلَى ٱلۡمُؤۡمِنِينَ وَأَنزَلَ جُنُودًا لَّمۡ تَرَوۡهَا وَعَذَّبَ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْۚ وَذَٰلِكَ جَزَآءُ ٱلۡكَٰفِرِينَ
Ke Yena uAllâh Wathulula ukuthozama phezu koMthunywa (uMuhammad) nakumakholwa, Wathumela imikhosi (yeengelosi) enaningayiboni nina, wabohlwaya abangakholwayo. Lowo ngumvuzo wabangakholwayo
ثُمَّ يَتُوبُ ٱللَّهُ مِنۢ بَعۡدِ ذَٰلِكَ عَلَىٰ مَن يَشَآءُۗ وَٱللَّهُ غَفُورٌ رَّحِيمٌ
Emva koko uAllâh Uya kuyamkela inguquko yalowo Athande ukuyamkela. Kananjalo uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُوٓاْ إِنَّمَا ٱلۡمُشۡرِكُونَ نَجَسٌ فَلَا يَقۡرَبُواْ ٱلۡمَسۡجِدَ ٱلۡحَرَامَ بَعۡدَ عَامِهِمۡ هَٰذَاۚ وَإِنۡ خِفۡتُمۡ عَيۡلَةً فَسَوۡفَ يُغۡنِيكُمُ ٱللَّهُ مِن فَضۡلِهِۦٓ إِن شَآءَۚ إِنَّ ٱللَّهَ عَلِيمٌ حَكِيمٌ
Hini na nina bakholwayo! Inene abakhonzi bezithixo bakukungcola. Ke ngoko musani ukubavumela basondele eMasjid eNgcwele (eMakkah) emva kwalo unyaka, kananjalo ukuba noyika ukuhlwempuzeka, uAllâh Uya kuninika indyebo ukuba Uthandile, evela kubuBele baKhe. Inene uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
قَٰتِلُواْ ٱلَّذِينَ لَا يُؤۡمِنُونَ بِٱللَّهِ وَلَا بِٱلۡيَوۡمِ ٱلۡأٓخِرِ وَلَا يُحَرِّمُونَ مَا حَرَّمَ ٱللَّهُ وَرَسُولُهُۥ وَلَا يَدِينُونَ دِينَ ٱلۡحَقِّ مِنَ ٱلَّذِينَ أُوتُواْ ٱلۡكِتَٰبَ حَتَّىٰ يُعۡطُواْ ٱلۡجِزۡيَةَ عَن يَدٍ وَهُمۡ صَٰغِرُونَ
Yilwani nabo bangakholwayo kuAllâh, nakwiMini yokuGqibela, abangakwaleliyo oko kwalelwe nguAllâh noMthunywa waKhe nabo bangayivumiyo inkolo yenyaniso (i-Islam) phakathi kwabantu beNcwadi, de bahlawule iJiziya4 bavume ngokuzithobileyo, bazive nabo buqu bengaboyisiweyo
وَقَالَتِ ٱلۡيَهُودُ عُزَيۡرٌ ٱبۡنُ ٱللَّهِ وَقَالَتِ ٱلنَّصَٰرَى ٱلۡمَسِيحُ ٱبۡنُ ٱللَّهِۖ ذَٰلِكَ قَوۡلُهُم بِأَفۡوَٰهِهِمۡۖ يُضَٰهِـُٔونَ قَوۡلَ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ مِن قَبۡلُۚ قَٰتَلَهُمُ ٱللَّهُۖ أَنَّىٰ يُؤۡفَكُونَ
AmaYuda athi u’Uzayr5 ngunyana ka-Allâh, kanti namaKhristu athi uMesiya ngunyana ka-Allâh, leyo yintetho nje yawo ayitsho ngemilomo yawo, ifana nqwa nentetho yabo bamandulo babengakholwa. Isiqalekiso sika-Allâh masibe phezu kwabo, balahleke baphambuka njani enyanisweni
ٱتَّخَذُوٓاْ أَحۡبَارَهُمۡ وَرُهۡبَٰنَهُمۡ أَرۡبَابًا مِّن دُونِ ٱللَّهِ وَٱلۡمَسِيحَ ٱبۡنَ مَرۡيَمَ وَمَآ أُمِرُوٓاْ إِلَّا لِيَعۡبُدُوٓاْ إِلَٰهًا وَٰحِدًاۖ لَّآ إِلَٰهَ إِلَّا هُوَۚ سُبۡحَٰنَهُۥ عَمَّا يُشۡرِكُونَ
Wona (amaYuda namaKhristu) athabatha ababingeleli bawo namalolo6 wawo awenze (oothixo) iinkosi zawo aze athabatha noMesiya unyana kaMaryam amenza (uthixo) inkosi yawo ngaphandle koAllâh, kodwa ayeyalelwe ukuba akhonze uThixo Omnye (jwi). Akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe (uAllâh). Uzuko malube kuYe (Yena Ukude lee kwezo nto bazenza) amahlulelane aKhe
يُرِيدُونَ أَن يُطۡفِـُٔواْ نُورَ ٱللَّهِ بِأَفۡوَٰهِهِمۡ وَيَأۡبَى ٱللَّهُ إِلَّآ أَن يُتِمَّ نُورَهُۥ وَلَوۡ كَرِهَ ٱلۡكَٰفِرُونَ
Bona banga bangakucima ukukhanya kuka-Allâh ngemilomo yabo, kodwa Yena uAllâh Akayi kuvuma ukusuka apho ukukhanya kwaKhe kuza kuya kugqibelela nangona abangakholwayo bekuchasile nje oko
هُوَ ٱلَّذِيٓ أَرۡسَلَ رَسُولَهُۥ بِٱلۡهُدَىٰ وَدِينِ ٱلۡحَقِّ لِيُظۡهِرَهُۥ عَلَى ٱلدِّينِ كُلِّهِۦ وَلَوۡ كَرِهَ ٱلۡمُشۡرِكُونَ
NguYe Othumele uMthunywa waKhe (uMuhammad) nesiKhokelo nenkolo yenyaniso ukuba Ayenze ibe ngentla kwazo zonke ezinye iinkolo nangona abanquli zithixo bekuchasile nje oko
يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُوٓاْ إِنَّ كَثِيرًا مِّنَ ٱلۡأَحۡبَارِ وَٱلرُّهۡبَانِ لَيَأۡكُلُونَ أَمۡوَٰلَ ٱلنَّاسِ بِٱلۡبَٰطِلِ وَيَصُدُّونَ عَن سَبِيلِ ٱللَّهِۗ وَٱلَّذِينَ يَكۡنِزُونَ ٱلذَّهَبَ وَٱلۡفِضَّةَ وَلَا يُنفِقُونَهَا فِي سَبِيلِ ٱللَّهِ فَبَشِّرۡهُم بِعَذَابٍ أَلِيمٍ
Hini na nina bakholwayo! Inene, baninzi phakathi kwababingeleli (bamaYuda nabamaKhristu) abadla ingqwebo yabantu ngenkohliso, babathintele naseNdleleni ka-Allâh. Kanti nabo baqokelela igolide ifumbe nesilivere, banganikeli ngazo eNdleleni ka-Allâh, vakalisa kubo isohlwayo esibuhlungu
يَوۡمَ يُحۡمَىٰ عَلَيۡهَا فِي نَارِ جَهَنَّمَ فَتُكۡوَىٰ بِهَا جِبَاهُهُمۡ وَجُنُوبُهُمۡ وَظُهُورُهُمۡۖ هَٰذَا مَا كَنَزۡتُمۡ لِأَنفُسِكُمۡ فَذُوقُواْ مَا كُنتُمۡ تَكۡنِزُونَ
NgeMini apho (loo mfumba yobutyebi babo) iza kutshiswa eMlilweni wesiHogo baze babekwe imitshiso (yokubaphawula) emabunzini abo, ezimpangweni zabo, nasemihlana yabo, kuze kuthiwe kubo: “Naku ke oko naziqokelela kona, kungcamleni ke oko nakuqokelelayo.”
إِنَّ عِدَّةَ ٱلشُّهُورِ عِندَ ٱللَّهِ ٱثۡنَا عَشَرَ شَهۡرًا فِي كِتَٰبِ ٱللَّهِ يَوۡمَ خَلَقَ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضَ مِنۡهَآ أَرۡبَعَةٌ حُرُمٌۚ ذَٰلِكَ ٱلدِّينُ ٱلۡقَيِّمُۚ فَلَا تَظۡلِمُواْ فِيهِنَّ أَنفُسَكُمۡۚ وَقَٰتِلُواْ ٱلۡمُشۡرِكِينَ كَآفَّةً كَمَا يُقَٰتِلُونَكُمۡ كَآفَّةًۚ وَٱعۡلَمُوٓاْ أَنَّ ٱللَّهَ مَعَ ٱلۡمُتَّقِينَ
Inene inani leenyanga kuAllâh lishumi elinambini (enyakeni), oko kwamiselwa nguAllâh ngeMini Awadala amazulu nomhlaba; kuzo kukho ezine eziNgcwele. Leyo yinkolo ethe tye, ningazenzi bugwenxa ngazo, yilwani ke nabanquli zithixo niyimbumba njengoko nabo besilwa nani beyimbumba. Kodwa nazi nina okokuba uAllâh Ungakwabangcwele
إِنَّمَا ٱلنَّسِيٓءُ زِيَادَةٌ فِي ٱلۡكُفۡرِۖ يُضَلُّ بِهِ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ يُحِلُّونَهُۥ عَامًا وَيُحَرِّمُونَهُۥ عَامًا لِّيُوَاطِـُٔواْ عِدَّةَ مَا حَرَّمَ ٱللَّهُ فَيُحِلُّواْ مَا حَرَّمَ ٱللَّهُۚ زُيِّنَ لَهُمۡ سُوٓءُ أَعۡمَٰلِهِمۡۗ وَٱللَّهُ لَا يَهۡدِي ٱلۡقَوۡمَ ٱلۡكَٰفِرِينَ
Kananjalo urhoxiso (lweNyanga eNgcwele) lusisandiso sokungakholwa: ngaso (isandiso eso) abangakholwayo bakhokeleleka ekulahlekeni, kuba bayenza ivumeleke komnye unyaka ze bayenze ingavumeleki komnye unyaka khon’ukuze bakwazi ukunyenyisa inani leenyanga ezalelweyo ezo nyanga zalelweyo nguAllâh. Izenzo zabo zokungcola zibonakala zilungile kubo, kanti uAllâh Akabakhokeli abangakholwayo
يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ مَا لَكُمۡ إِذَا قِيلَ لَكُمُ ٱنفِرُواْ فِي سَبِيلِ ٱللَّهِ ٱثَّاقَلۡتُمۡ إِلَى ٱلۡأَرۡضِۚ أَرَضِيتُم بِٱلۡحَيَوٰةِ ٱلدُّنۡيَا مِنَ ٱلۡأٓخِرَةِۚ فَمَا مَتَٰعُ ٱلۡحَيَوٰةِ ٱلدُّنۡيَا فِي ٱلۡأٓخِرَةِ إِلَّا قَلِيلٌ
Hini na nina bakholwayo! Yintoni ngani, xa kusithiwa kuni yiyani phambili (edabini) eNdleleni ka-Allâh, nisuke nina nitshele ngamandla ehlabathini? Ingaba nanelisekile na yimpilo yobu bomi kuneyoBomi oBuzayo? Kodwa hayi ukuba luncinci kolonwabo lobomi balo mhlaba xa luthelekiswa noloBomi oBuzayo
إِلَّا تَنفِرُواْ يُعَذِّبۡكُمۡ عَذَابًا أَلِيمًا وَيَسۡتَبۡدِلۡ قَوۡمًا غَيۡرَكُمۡ وَلَا تَضُرُّوهُ شَيۡـًٔاۗ وَٱللَّهُ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءٍ قَدِيرٌ
Ukuba aniyi phambili, Yena Uza kunohlwaya ngesohlwayo esibuhlungu Aze Abeke abanye abantu endaweni yenu; yaye Anisokuze nimenze bubi konke-konke, kananjalo uAllâh Uyakwazi ukwenza iinto zonke
إِلَّا تَنصُرُوهُ فَقَدۡ نَصَرَهُ ٱللَّهُ إِذۡ أَخۡرَجَهُ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ ثَانِيَ ٱثۡنَيۡنِ إِذۡ هُمَا فِي ٱلۡغَارِ إِذۡ يَقُولُ لِصَٰحِبِهِۦ لَا تَحۡزَنۡ إِنَّ ٱللَّهَ مَعَنَاۖ فَأَنزَلَ ٱللَّهُ سَكِينَتَهُۥ عَلَيۡهِ وَأَيَّدَهُۥ بِجُنُودٍ لَّمۡ تَرَوۡهَا وَجَعَلَ كَلِمَةَ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ ٱلسُّفۡلَىٰۗ وَكَلِمَةُ ٱللَّهِ هِيَ ٱلۡعُلۡيَاۗ وَٱللَّهُ عَزِيزٌ حَكِيمٌ
Ukuba animncedisi (uMuhammad) akunamsebenzi kuba kakade uAllâh Wamncedisa ngethuba abangakholwayo babemgxotha, owesibini kubo bobabini, xa (uMuhammad noAbubakr) babesemqolombeni wathi kugxa wakhe (uAbubakr): “Ungaxhalabi wena eneneni uAllâh Unathi”. Waza uAllâh wathulula ukuthozama phezu kwakhe, Wamnika ukomelela kananjalo ngemikhosi (yeengelosi) enaningayiboni nina Wenza ilizwi labo bangakholwayo layinto engento, lo gama iLizwi lika-Allâh lona laphakama lalelona lingaphezulu; ke kaloku uAllâh nguSomandla, uSobulumko
ٱنفِرُواْ خِفَافًا وَثِقَالًا وَجَٰهِدُواْ بِأَمۡوَٰلِكُمۡ وَأَنفُسِكُمۡ فِي سَبِيلِ ٱللَّهِۚ ذَٰلِكُمۡ خَيۡرٌ لَّكُمۡ إِن كُنتُمۡ تَعۡلَمُونَ
Yiyaniphambilienokubanikhaphukhaphunanokubaninzima, na nizabalaze ngamandla ngobutyebi benu nangobomi benu eNdleleni ka-Allâh. Oku kolunga kuni, ukuba benisazi
لَوۡ كَانَ عَرَضًا قَرِيبًا وَسَفَرًا قَاصِدًا لَّٱتَّبَعُوكَ وَلَٰكِنۢ بَعُدَتۡ عَلَيۡهِمُ ٱلشُّقَّةُۚ وَسَيَحۡلِفُونَ بِٱللَّهِ لَوِ ٱسۡتَطَعۡنَا لَخَرَجۡنَا مَعَكُمۡ يُهۡلِكُونَ أَنفُسَهُمۡ وَٱللَّهُ يَعۡلَمُ إِنَّهُمۡ لَكَٰذِبُونَ
Ukuba ibiyinzuzo yexhayelo elikufutshane (kubo) nohambo lulula, ngebekulandele, kodwa umgama (wohambo lwaseTabuk) wawumde kubo; ukanti babefunga ngoAllâh (besithi), “Ukuba sasinako ngesasiye phambili nawe”. Bazitshabalalisa iziqu zabo (ngokuxoka), ukanti uAllâh Uyabazi ukuba ngamaxoki
عَفَا ٱللَّهُ عَنكَ لِمَ أَذِنتَ لَهُمۡ حَتَّىٰ يَتَبَيَّنَ لَكَ ٱلَّذِينَ صَدَقُواْ وَتَعۡلَمَ ٱلۡكَٰذِبِينَ
UAllâh Ukuxolele wena (Muhammad). Kwakungani ukuba ubakhulule bahambe (ekubeni babengaphumanga nomkhosi) de abo bathetha inyaniso babonakale kuwe ekuhleni, uwazi amaxoki
لَا يَسۡتَـٔۡذِنُكَ ٱلَّذِينَ يُؤۡمِنُونَ بِٱللَّهِ وَٱلۡيَوۡمِ ٱلۡأٓخِرِ أَن يُجَٰهِدُواْ بِأَمۡوَٰلِهِمۡ وَأَنفُسِهِمۡۗ وَٱللَّهُ عَلِيمُۢ بِٱلۡمُتَّقِينَ
Abo bakholwa kuAllâh nakwiMini yokuGqibela babengekhe bakucele ukuba ubakhulule bangayi (edabini) baye kulwa ngezinto zabo nobomi babo; yaye uAllâh Uyawazi amalungisa
إِنَّمَا يَسۡتَـٔۡذِنُكَ ٱلَّذِينَ لَا يُؤۡمِنُونَ بِٱللَّهِ وَٱلۡيَوۡمِ ٱلۡأٓخِرِ وَٱرۡتَابَتۡ قُلُوبُهُمۡ فَهُمۡ فِي رَيۡبِهِمۡ يَتَرَدَّدُونَ
Ngabo bangakholwayo kuAllâh nakwiMini yokuGqibela kuphela abantliziyo zabo zineentandabuzo abacela ukuba ubakhulule (bangayi edabini). Ezintandabuzweni zabo baya hexa-hexa
وَلَوۡ أَرَادُواْ ٱلۡخُرُوجَ لَأَعَدُّواْ لَهُۥ عُدَّةً وَلَٰكِن كَرِهَ ٱللَّهُ ٱنۢبِعَاثَهُمۡ فَثَبَّطَهُمۡ وَقِيلَ ٱقۡعُدُواْ مَعَ ٱلۡقَٰعِدِينَ
Ukuba babezimisele ukuya phambili, inene ngebabezenzele amalungiselelookuphumaoko; kantikenoAllâh Wayechasene nokuba bathunyelwe (edabini) Wabenza bashiyeka ngemva ke, kwaza kwathiwa kubo, “Hlalani nina nabo bahleli
لَوۡ خَرَجُواْ فِيكُم مَّا زَادُوكُمۡ إِلَّا خَبَالًا وَلَأَوۡضَعُواْ خِلَٰلَكُمۡ يَبۡغُونَكُمُ ٱلۡفِتۡنَةَ وَفِيكُمۡ سَمَّٰعُونَ لَهُمۡۗ وَٱللَّهُ عَلِيمُۢ بِٱلظَّٰلِمِينَ
Ukuba babephume baya phambili kunye nani babengayi kongeza nto kuni ngaphandle kwesiwiliwili (kumawabo).” yaye babeza kuhamba ngezantya phakathi kwenu (besasaza impixano) bahlwayele intlebendwane phakathi kwenu kananjalo phakathi kwenu bakhona ababeza kubaphulaphula. Yaye uAllâh Uyabazi abagabadeli
لَقَدِ ٱبۡتَغَوُاْ ٱلۡفِتۡنَةَ مِن قَبۡلُ وَقَلَّبُواْ لَكَ ٱلۡأُمُورَ حَتَّىٰ جَآءَ ٱلۡحَقُّ وَظَهَرَ أَمۡرُ ٱللَّهِ وَهُمۡ كَٰرِهُونَ
Inene sebekhe bahlwayela intlebendwane phakathi kwenu, baniphixanisela izinto kwada kwafika inyaniso (uloyiso) nommiselo8 ka-Allâh wacaca nangona babewuchasile
وَمِنۡهُم مَّن يَقُولُ ٱئۡذَن لِّي وَلَا تَفۡتِنِّيٓۚ أَلَا فِي ٱلۡفِتۡنَةِ سَقَطُواْۗ وَإِنَّ جَهَنَّمَ لَمُحِيطَةُۢ بِٱلۡكَٰفِرِينَ
Kananjalo phakathi kwabo kukho othi: “Ndinike imvume (ndingayi edabini) kodwa ungandifaki entshutshisweni.” Inene sele begaxelekile entshutshisweni. Kananjalo isiHogo sibarhangqele abangakholwayo
إِن تُصِبۡكَ حَسَنَةٌ تَسُؤۡهُمۡۖ وَإِن تُصِبۡكَ مُصِيبَةٌ يَقُولُواْ قَدۡ أَخَذۡنَآ أَمۡرَنَا مِن قَبۡلُ وَيَتَوَلَّواْ وَّهُمۡ فَرِحُونَ
Xa okulungileyo kuhle phezu kwakho (Muhammad) bayakhathazeka, kodwa xa uhlelwe lilishwa, bathi: “Siye salumka kwangoko,” baze bemke bevuya
قُل لَّن يُصِيبَنَآ إِلَّا مَا كَتَبَ ٱللَّهُ لَنَا هُوَ مَوۡلَىٰنَاۚ وَعَلَى ٱللَّهِ فَلۡيَتَوَكَّلِ ٱلۡمُؤۡمِنُونَ
Yithi: “Akukho nto inokuze isihlele ngaphandle kwaloo nto ingummiselo ka-Allâh kuthi. Yena nguMlondolozi wethu, yaye amakholwa makabeke ithemba lawo kuAllâh.”
قُلۡ هَلۡ تَرَبَّصُونَ بِنَآ إِلَّآ إِحۡدَى ٱلۡحُسۡنَيَيۡنِۖ وَنَحۡنُ نَتَرَبَّصُ بِكُمۡ أَن يُصِيبَكُمُ ٱللَّهُ بِعَذَابٍ مِّنۡ عِندِهِۦٓ أَوۡ بِأَيۡدِينَاۖ فَتَرَبَّصُوٓاْ إِنَّا مَعَكُم مُّتَرَبِّصُونَ
Yithi: “Ingaba ikhona na enye into eniyilindeleyo kuthi ngaphandle kwenye yezona zinto zilungileyo zimbini (ubufelukholo okanye uloyiso); lo gama thina silindele ukuba uAllâh Anithwaxe ngesohlwayo esivela kuYe kungenjalo ngezandla zethu. Lindani ke, nathi silindile kunye nani.”
قُلۡ أَنفِقُواْ طَوۡعًا أَوۡ كَرۡهًا لَّن يُتَقَبَّلَ مِنكُمۡ إِنَّكُمۡ كُنتُمۡ قَوۡمًا فَٰسِقِينَ
Yithi: “Chithani (kumalizo eNdleleni ka-Allâh) nithanda ningathandi, akuyi kwamkelwa (nto) kuni. Inene nina ningabantu abangcolileyo
وَمَا مَنَعَهُمۡ أَن تُقۡبَلَ مِنۡهُمۡ نَفَقَٰتُهُمۡ إِلَّآ أَنَّهُمۡ كَفَرُواْ بِٱللَّهِ وَبِرَسُولِهِۦ وَلَا يَأۡتُونَ ٱلصَّلَوٰةَ إِلَّا وَهُمۡ كُسَالَىٰ وَلَا يُنفِقُونَ إِلَّا وَهُمۡ كَٰرِهُونَ
Ukanti akukho nto ithintela iminikelo yabo ukuba yamkeleke kubo ngaphandle kokuba bengakholwa kuAllâh nakuMthunywa waKhe kwanokuba abezi emthandazweni bengezi ngokunqena kwanokuba abayinikeli iminikelo yabo bengayinikeli ngomunyu
فَلَا تُعۡجِبۡكَ أَمۡوَٰلُهُمۡ وَلَآ أَوۡلَٰدُهُمۡۚ إِنَّمَا يُرِيدُ ٱللَّهُ لِيُعَذِّبَهُم بِهَا فِي ٱلۡحَيَوٰةِ ٱلدُّنۡيَا وَتَزۡهَقَ أَنفُسُهُمۡ وَهُمۡ كَٰفِرُونَ
Ke ngoko musa ukumangaliswa bubutyebi babo nabantwana babo; enyanisweni wena icebo lika-Allâh kukubohlwaya ngezi zinto zobomi beli hlabathi, nokuba imiphefumlo yabo yohlukane nabo besengabangakholwayo
وَيَحۡلِفُونَ بِٱللَّهِ إِنَّهُمۡ لَمِنكُمۡ وَمَا هُم مِّنكُمۡ وَلَٰكِنَّهُمۡ قَوۡمٌ يَفۡرَقُونَ
Bafunga ngoAllâh okokuba bakunye nani ngenene lo gama bengekho ngakuni; koko bona ngabantu abanobugwala
لَوۡ يَجِدُونَ مَلۡجَـًٔا أَوۡ مَغَٰرَٰتٍ أَوۡ مُدَّخَلًا لَّوَلَّوۡاْ إِلَيۡهِ وَهُمۡ يَجۡمَحُونَ
Ukuba bangafumana ukhuseleko, okanye imiqolomba nokuba yindawo enemfihlakalo, bebeza kuya ngqo kuyo apho bengxamile
وَمِنۡهُم مَّن يَلۡمِزُكَ فِي ٱلصَّدَقَٰتِ فَإِنۡ أُعۡطُواْ مِنۡهَا رَضُواْ وَإِن لَّمۡ يُعۡطَوۡاْ مِنۡهَآ إِذَا هُمۡ يَسۡخَطُونَ
Phakathi kwabo kukho abo bakutyholayo wena (Muhammad) kumbandela wolwabiwo lwamalizo, xa beyinikiwe inxalenye yawo, bayavuya, kodwa xa benganikwanga nto kuwo, yeha bayatshikila
وَلَوۡ أَنَّهُمۡ رَضُواْ مَآ ءَاتَىٰهُمُ ٱللَّهُ وَرَسُولُهُۥ وَقَالُواْ حَسۡبُنَا ٱللَّهُ سَيُؤۡتِينَا ٱللَّهُ مِن فَضۡلِهِۦ وَرَسُولُهُۥٓ إِنَّآ إِلَى ٱللَّهِ رَٰغِبُونَ
Ukuba bebenokwaneliseka yiloo nto uAllâh noMthunywa waKhe Abanike yona bathi: “UAllâh Wanele kuthi, uAllâh Uya kusipha kwiziBele zakhe, kanti noMthunywa waKhe, inene thina kuAllâh siza singabanethemba.”
إِنَّمَا ٱلصَّدَقَٰتُ لِلۡفُقَرَآءِ وَٱلۡمَسَٰكِينِ وَٱلۡعَٰمِلِينَ عَلَيۡهَا وَٱلۡمُؤَلَّفَةِ قُلُوبُهُمۡ وَفِي ٱلرِّقَابِ وَٱلۡغَٰرِمِينَ وَفِي سَبِيلِ ٱللَّهِ وَٱبۡنِ ٱلسَّبِيلِۖ فَرِيضَةً مِّنَ ٱللَّهِۗ وَٱللَّهُ عَلِيمٌ حَكِيمٌ
ISada’ka (yeZakâh) kuphela yeyabo bangamahlwempu nabasweleyo, nabo baqashelwe ukuyiqokelela nokomeleza iintliziyo zabo batyekela ngakwi-Islam, nokukhulula abathinjwa, nabo banamatyala naseNdleleni ka-Allâh, nabaseluhambeni; (olu) luxanduva olumiselwe nguAllâh kwaye uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
وَمِنۡهُمُ ٱلَّذِينَ يُؤۡذُونَ ٱلنَّبِيَّ وَيَقُولُونَ هُوَ أُذُنٌۚ قُلۡ أُذُنُ خَيۡرٍ لَّكُمۡ يُؤۡمِنُ بِٱللَّهِ وَيُؤۡمِنُ لِلۡمُؤۡمِنِينَ وَرَحۡمَةٌ لِّلَّذِينَ ءَامَنُواْ مِنكُمۡۚ وَٱلَّذِينَ يُؤۡذُونَ رَسُولَ ٱللَّهِ لَهُمۡ عَذَابٌ أَلِيمٌ
Phakathi kwabo kukho abo bakhubekisa uMprofeti, bathi: “Yena ugundlebe9.” Yithi wena: “Yena ungundlebe olungileyo kuni, ukholwa kuAllâh, ubathembile abakholwayo.” Kodwa abo bakhubekisa uMthunywa ka-Allâh (uMuhammad) baya kufumana isohlwayo esibuhlungu
يَحۡلِفُونَ بِٱللَّهِ لَكُمۡ لِيُرۡضُوكُمۡ وَٱللَّهُ وَرَسُولُهُۥٓ أَحَقُّ أَن يُرۡضُوهُ إِن كَانُواْ مُؤۡمِنِينَ
Bafunga ngoAllâh kuni besenzela ukunivuyisa, kodwa bekuya kulunga ngakumbi (kubo) ukuba bebenokuvuyisa uAllâh noMthunywa waKhe ukuba bangamakholwa
أَلَمۡ يَعۡلَمُوٓاْ أَنَّهُۥ مَن يُحَادِدِ ٱللَّهَ وَرَسُولَهُۥ فَأَنَّ لَهُۥ نَارَ جَهَنَّمَ خَٰلِدًا فِيهَاۚ ذَٰلِكَ ٱلۡخِزۡيُ ٱلۡعَظِيمُ
Abazi na okokuba nabani na ophikisa, abonakalise ubutshaba kuAllâh noMthunywa waKhe inene lowo okwakhe iya kuba nguMlilo wesiHogo ukuba ahlale apho? Elo lihlazo elibi ngokugqithisileyo
يَحۡذَرُ ٱلۡمُنَٰفِقُونَ أَن تُنَزَّلَ عَلَيۡهِمۡ سُورَةٌ تُنَبِّئُهُم بِمَا فِي قُلُوبِهِمۡۚ قُلِ ٱسۡتَهۡزِءُوٓاْ إِنَّ ٱللَّهَ مُخۡرِجٌ مَّا تَحۡذَرُونَ
Abahanahanisi banoloyiko lokuba hleze kubekho iSûrah etyhilwayo ngokubhekiselele kubo, edandalazisa okusezintliziyweni zabo. Yithi: “(Qhubekani) nigculele nina! Kodwa inene uAllâh uza kukubeka emhlotsheni konke oko nikoyikayo.”
وَلَئِن سَأَلۡتَهُمۡ لَيَقُولُنَّ إِنَّمَا كُنَّا نَخُوضُ وَنَلۡعَبُۚ قُلۡ أَبِٱللَّهِ وَءَايَٰتِهِۦ وَرَسُولِهِۦ كُنتُمۡ تَسۡتَهۡزِءُونَ
Xa ubabuza (ngale nto) bathi bona: “Hayi thina besithetha nje siqhula.” Yithi: “Ingaba ibinguAllâh na neeVesi zaKhe noMthunywa waKhe na lo beniMgculela?”
لَا تَعۡتَذِرُواْ قَدۡ كَفَرۡتُم بَعۡدَ إِيمَٰنِكُمۡۚ إِن نَّعۡفُ عَن طَآئِفَةٍ مِّنكُمۡ نُعَذِّبۡ طَآئِفَةَۢ بِأَنَّهُمۡ كَانُواْ مُجۡرِمِينَ
Musani ukuzithethelela; nina niye nangakholwa emveni kokuba besele nikholiwe. Ukuba Siyabaxolela abanye benu, Siya kubohlwaya abanye benu kuba bangabenzi bobubi
ٱلۡمُنَٰفِقُونَ وَٱلۡمُنَٰفِقَٰتُ بَعۡضُهُم مِّنۢ بَعۡضٍۚ يَأۡمُرُونَ بِٱلۡمُنكَرِ وَيَنۡهَوۡنَ عَنِ ٱلۡمَعۡرُوفِ وَيَقۡبِضُونَ أَيۡدِيَهُمۡۚ نَسُواْ ٱللَّهَ فَنَسِيَهُمۡۚ إِنَّ ٱلۡمُنَٰفِقِينَ هُمُ ٱلۡفَٰسِقُونَ
Abahanahanisi, abangamadoda nabasetyhini banye, omnye ngowomnye kubo, bayahlangana ngobubi, balela abantu ukuba bangenzi okulungileyo, bazivale izandla zabo (ekunikeleni ngamalizo). Balibala (kudala) ngoAllâh, naYe ke Walibala ngabo. Inene abahanahanisi ngabenzi bobubi
وَعَدَ ٱللَّهُ ٱلۡمُنَٰفِقِينَ وَٱلۡمُنَٰفِقَٰتِ وَٱلۡكُفَّارَ نَارَ جَهَنَّمَ خَٰلِدِينَ فِيهَاۚ هِيَ حَسۡبُهُمۡۚ وَلَعَنَهُمُ ٱللَّهُۖ وَلَهُمۡ عَذَابٌ مُّقِيمٌ
UAllâh Ubathembisile abahanahanisi abangamadoda nabasetyhini nabangakholwayo, ngoMlilo wesiHogo; baya kuhlala apho. Kuya kwanela oko kubo. UAllâh Ubaqalekisile kananjalo okwabo sisohlwayo sanaphakade
كَٱلَّذِينَ مِن قَبۡلِكُمۡ كَانُوٓاْ أَشَدَّ مِنكُمۡ قُوَّةً وَأَكۡثَرَ أَمۡوَٰلًا وَأَوۡلَٰدًا فَٱسۡتَمۡتَعُواْ بِخَلَٰقِهِمۡ فَٱسۡتَمۡتَعۡتُم بِخَلَٰقِكُمۡ كَمَا ٱسۡتَمۡتَعَ ٱلَّذِينَ مِن قَبۡلِكُم بِخَلَٰقِهِمۡ وَخُضۡتُمۡ كَٱلَّذِي خَاضُوٓاْۚ أُوْلَٰٓئِكَ حَبِطَتۡ أَعۡمَٰلُهُمۡ فِي ٱلدُّنۡيَا وَٱلۡأٓخِرَةِۖ وَأُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡخَٰسِرُونَ
Njengabo bangaphambili kunani: babenamandla kunani. Benobutyebinabantwanangaphezulukunani.Bonabonwabela esabo isahlulo (okwexeshana) nani ke yonwabelani esenu isahlulo (okwexeshana) njengabo bangaphambili kunani bonwabela isahlulo sabo okwexeshana; kananjalo nina niyazonwabisa emidlalweni nasekugqithiseni ixesha kanye njengoko babezonwabisa emidlalweni nasekugqithiseni ixesha. Abanjalo ngabo izenzo zabo zingento yanto kweli hlabathi nakuBomi oBuzayo. Abanjalo ngabo bangabalahlekelwa
أَلَمۡ يَأۡتِهِمۡ نَبَأُ ٱلَّذِينَ مِن قَبۡلِهِمۡ قَوۡمِ نُوحٍ وَعَادٍ وَثَمُودَ وَقَوۡمِ إِبۡرَٰهِيمَ وَأَصۡحَٰبِ مَدۡيَنَ وَٱلۡمُؤۡتَفِكَٰتِۚ أَتَتۡهُمۡ رُسُلُهُم بِٱلۡبَيِّنَٰتِۖ فَمَا كَانَ ٱللَّهُ لِيَظۡلِمَهُمۡ وَلَٰكِن كَانُوٓاْ أَنفُسَهُمۡ يَظۡلِمُونَ
Ingaba imbali yabo bangaphambili kunabo ayizanga ifike na kubo? Abantu bakwa Nûh, abakwa’Ad, nabakwaThamûd, abantu bakwaIbrâhîm nabemi bakwaMidiyani nabezixeko ezagqunyelelwayo; kuzo kwafika abaProfeti babo nemiqondiso ecacileyo. AyingoAllâh ke Owabenza ububi, koko ngabo ngokwabo abazenza ububi
وَٱلۡمُؤۡمِنُونَ وَٱلۡمُؤۡمِنَٰتُ بَعۡضُهُمۡ أَوۡلِيَآءُ بَعۡضٍۚ يَأۡمُرُونَ بِٱلۡمَعۡرُوفِ وَيَنۡهَوۡنَ عَنِ ٱلۡمُنكَرِ وَيُقِيمُونَ ٱلصَّلَوٰةَ وَيُؤۡتُونَ ٱلزَّكَوٰةَ وَيُطِيعُونَ ٱللَّهَ وَرَسُولَهُۥٓۚ أُوْلَٰٓئِكَ سَيَرۡحَمُهُمُ ٱللَّهُۗ إِنَّ ٱللَّهَ عَزِيزٌ حَكِيمٌ
Amakholwa angamadoda namakholwa angabasetyhini ngabakhuseli omnye komnye, bayalela okulungileyo, balele (ukwenziwa) kokungcolileyo, benza iSalâh, banikele ngeZakâh, bathobele uAllâh noMthunywa waKhe. UAllâh Uya kuba nenceba ngakubo. Inene uAllâh nguSomandla, uSobulumko
وَعَدَ ٱللَّهُ ٱلۡمُؤۡمِنِينَ وَٱلۡمُؤۡمِنَٰتِ جَنَّٰتٍ تَجۡرِي مِن تَحۡتِهَا ٱلۡأَنۡهَٰرُ خَٰلِدِينَ فِيهَا وَمَسَٰكِنَ طَيِّبَةً فِي جَنَّٰتِ عَدۡنٍۚ وَرِضۡوَٰنٌ مِّنَ ٱللَّهِ أَكۡبَرُۚ ذَٰلِكَ هُوَ ٱلۡفَوۡزُ ٱلۡعَظِيمُ
UAllâh Uthembise amadoda angamakholwa nabasetyhini abangamakholwa ngeMiyezo ekumpompoza imilambo phantsi kwayo, bahlale apho ngonaphakade, namabhotwe (ezindlu) amahle eMiyezweni yaseEdeni. Kodwa olona lonwabo lukhulu kukukholisa uAllâh. Leyo yimpumelelo enkulu
يَٰٓأَيُّهَا ٱلنَّبِيُّ جَٰهِدِ ٱلۡكُفَّارَ وَٱلۡمُنَٰفِقِينَ وَٱغۡلُظۡ عَلَيۡهِمۡۚ وَمَأۡوَىٰهُمۡ جَهَنَّمُۖ وَبِئۡسَ ٱلۡمَصِيرُ
Hini na Mprofeti zabalaza ngamandla ngokuchasene nabangakholwayo nabahanahanisi, ube ngqwabalala kubo, ikhaya labo sisiHogo yaye sesona siphelo sohambo sibi eso
يَحۡلِفُونَ بِٱللَّهِ مَا قَالُواْ وَلَقَدۡ قَالُواْ كَلِمَةَ ٱلۡكُفۡرِ وَكَفَرُواْ بَعۡدَ إِسۡلَٰمِهِمۡ وَهَمُّواْ بِمَا لَمۡ يَنَالُواْۚ وَمَا نَقَمُوٓاْ إِلَّآ أَنۡ أَغۡنَىٰهُمُ ٱللَّهُ وَرَسُولُهُۥ مِن فَضۡلِهِۦۚ فَإِن يَتُوبُواْ يَكُ خَيۡرًا لَّهُمۡۖ وَإِن يَتَوَلَّوۡاْ يُعَذِّبۡهُمُ ٱللَّهُ عَذَابًا أَلِيمًا فِي ٱلدُّنۡيَا وَٱلۡأٓخِرَةِۚ وَمَا لَهُمۡ فِي ٱلۡأَرۡضِ مِن وَلِيٍّ وَلَا نَصِيرٍ
Bafunga ngoAllâh okokuba akukho nto bayithethileyo (embi), kodwa eneneni bathethe ilizwi lokungakholwa, kananjalo baye abakholwa emveni kokuba bemkele i-Islam, kananjalo bona baye baqulunqa (ukubulala uMprofeti) qulunqo olo bangazanga bakwazi ukulufezekisa bengazanga bakwazi nokufumana isizathu sokwenza loo nto ngaphandle kokuba uAllâh noMthunywa waKhe Esuke wabatyebisa ngeziBele zaKhe. Kodwa ukuba bayaguquka, kuya kuba ngcono oko kubo, ukanti ukuba bayafulathela, uAllâh Uza kubohlwaya ngesohlwayo kobu bomi nakuBomi oBuzayo. Yaye abanabani emhlabeni ongumkhuseli okanye umncedi
وَمِنۡهُم مَّنۡ عَٰهَدَ ٱللَّهَ لَئِنۡ ءَاتَىٰنَا مِن فَضۡلِهِۦ لَنَصَّدَّقَنَّ وَلَنَكُونَنَّ مِنَ ٱلصَّٰلِحِينَ
Ke kaloku phakathi kwabo kukho abo benza umnqophiso noAllâh (besithi): “Ukuba Angasipha kubuBele baKhe, inene thina siya kunikela ngamalizo kananjalo thina siya kuba ngabanye babo bangamalungisa
فَلَمَّآ ءَاتَىٰهُم مِّن فَضۡلِهِۦ بَخِلُواْ بِهِۦ وَتَوَلَّواْ وَّهُم مُّعۡرِضُونَ
Wathi Akubanika kubuBele baKhe, baba ngamagqolo, bafulathela (bezele) yinkcaso
فَأَعۡقَبَهُمۡ نِفَاقًا فِي قُلُوبِهِمۡ إِلَىٰ يَوۡمِ يَلۡقَوۡنَهُۥ بِمَآ أَخۡلَفُواْ ٱللَّهَ مَا وَعَدُوهُ وَبِمَا كَانُواْ يَكۡذِبُونَ
WabohlwayakeYena ngokufakaubuhanahanisiezintliziyweni zabo kude kube yiMini apho baya kuhlangana naYe, kuba bawaphula (umnqophiso) lowo ababethembise ngawo kuYe ngenxa yokuba babethetha ubuxoki
أَلَمۡ يَعۡلَمُوٓاْ أَنَّ ٱللَّهَ يَعۡلَمُ سِرَّهُمۡ وَنَجۡوَىٰهُمۡ وَأَنَّ ٱللَّهَ عَلَّٰمُ ٱلۡغُيُوبِ
Abazi na ukuba uAllâh Wazi iimbono eziziimfihlelo (zabo) namacebiso abo asekhusini, nokuba uAllâh nguMazi wokungabonwayo
ٱلَّذِينَ يَلۡمِزُونَ ٱلۡمُطَّوِّعِينَ مِنَ ٱلۡمُؤۡمِنِينَ فِي ٱلصَّدَقَٰتِ وَٱلَّذِينَ لَا يَجِدُونَ إِلَّا جُهۡدَهُمۡ فَيَسۡخَرُونَ مِنۡهُمۡ سَخِرَ ٱللَّهُ مِنۡهُمۡ وَلَهُمۡ عَذَابٌ أَلِيمٌ
Abobanyelisaamakholwaanikelangamalizongokuzithandela, nabo bangakwaziyo ukufumana into yokunikela ngaphandle kwaloo nto banayo ke kaloku bayabagculela; uAllâh Uza kukuphindisela kwakubo ukugculela kwabo yaye baza kufumana isohlwayo esibuhlungu
ٱسۡتَغۡفِرۡ لَهُمۡ أَوۡ لَا تَسۡتَغۡفِرۡ لَهُمۡ إِن تَسۡتَغۡفِرۡ لَهُمۡ سَبۡعِينَ مَرَّةً فَلَن يَغۡفِرَ ٱللَّهُ لَهُمۡۚ ذَٰلِكَ بِأَنَّهُمۡ كَفَرُواْ بِٱللَّهِ وَرَسُولِهِۦۗ وَٱللَّهُ لَا يَهۡدِي ٱلۡقَوۡمَ ٱلۡفَٰسِقِينَ
Enokuba wena (Muhammad) ungabacelela itarhu okanye ungabaceleli itarhu. Kanti nokuba ungabacelela itarhu izihlandlo ezingamashumi asixhenxe uAllâh Akayi kubaxolela kuba baye bangakholwa kuAllâh nakuMthunywa waKhe. Kananjalo uAllâh Akabakhokeli abantu abangabenzi bobubi
فَرِحَ ٱلۡمُخَلَّفُونَ بِمَقۡعَدِهِمۡ خِلَٰفَ رَسُولِ ٱللَّهِ وَكَرِهُوٓاْ أَن يُجَٰهِدُواْ بِأَمۡوَٰلِهِمۡ وَأَنفُسِهِمۡ فِي سَبِيلِ ٱللَّهِ وَقَالُواْ لَا تَنفِرُواْ فِي ٱلۡحَرِّۗ قُلۡ نَارُ جَهَنَّمَ أَشَدُّ حَرًّاۚ لَّوۡ كَانُواْ يَفۡقَهُونَ
Abo bangazanga baye (kwidabi laseTabuk) babevuya ngokushiyeka kwabo kuMthunywa ka-Allâh; babekuthiyile ukuzabalaza nokulwa ngezinto zabo nobomi babo eNdleleni ka-Allâh, yaye babesithi: “Musani ukuya phambili kobu bushushu bungaka.” Yithi: “UMlilo wesiHogo utshisa ngaphezulu (kunoku) ukuba bebeqonda.”
فَلۡيَضۡحَكُواْ قَلِيلًا وَلۡيَبۡكُواْ كَثِيرًا جَزَآءَۢ بِمَا كَانُواْ يَكۡسِبُونَ
Bayeke ke bahleke okomzuzwana, baza kulila ngaphezulu (kunokuhleka kwabo) oko kuya kuba yimbuyekezo yoko bakusebenzelayo
فَإِن رَّجَعَكَ ٱللَّهُ إِلَىٰ طَآئِفَةٍ مِّنۡهُمۡ فَٱسۡتَـٔۡذَنُوكَ لِلۡخُرُوجِ فَقُل لَّن تَخۡرُجُواْ مَعِيَ أَبَدًا وَلَن تُقَٰتِلُواْ مَعِيَ عَدُوًّاۖ إِنَّكُمۡ رَضِيتُم بِٱلۡقُعُودِ أَوَّلَ مَرَّةٍ فَٱقۡعُدُواْ مَعَ ٱلۡخَٰلِفِينَ
Ukuba uAllâh Uye Wakubuyisela kwiqela labo (abahanahanisi), baze bacele imvume kuwe yokuya kulwa, yithi kubo: “Anisokuze nihambe nam ningasokuze nilwe utshaba nam nina nanonwabele ukuhlala phantsi (komawenu) ngesihlandlo sokuqala, hlalani kaloku nabo bashiyeka ngemva (nangoku).”
وَلَا تُصَلِّ عَلَىٰٓ أَحَدٍ مِّنۡهُم مَّاتَ أَبَدًا وَلَا تَقُمۡ عَلَىٰ قَبۡرِهِۦٓۖ إِنَّهُمۡ كَفَرُواْ بِٱللَّهِ وَرَسُولِهِۦ وَمَاتُواْ وَهُمۡ فَٰسِقُونَ
Kananjalo ungaze wena (Muhammad) uthandazele namnye kubo othe wafa, ungemi naphezu kwengcwaba lakhe. Inene bona baye bangakholwa kuAllâh nakuMthunywa waKhe, bada bafa besengabenzi bobubi
وَلَا تُعۡجِبۡكَ أَمۡوَٰلُهُمۡ وَأَوۡلَٰدُهُمۡۚ إِنَّمَا يُرِيدُ ٱللَّهُ أَن يُعَذِّبَهُم بِهَا فِي ٱلدُّنۡيَا وَتَزۡهَقَ أَنفُسُهُمۡ وَهُمۡ كَٰفِرُونَ
Ke kaloku ubutyebi babo nabantwana babo, mabungakumangalisi. Icebo lika-Allâh kukubohlwaya ngezi zinto kobu bomi balo mhlaba, nokuba imiphefumlo yabo iphume kubo bengekakholwa
وَإِذَآ أُنزِلَتۡ سُورَةٌ أَنۡ ءَامِنُواْ بِٱللَّهِ وَجَٰهِدُواْ مَعَ رَسُولِهِ ٱسۡتَـٔۡذَنَكَ أُوْلُواْ ٱلطَّوۡلِ مِنۡهُمۡ وَقَالُواْ ذَرۡنَا نَكُن مَّعَ ٱلۡقَٰعِدِينَ
Kananjalo xa kutyhilwa iSûrah (ye’Kur’ân) ibayalela ukuba mabakholwe kuAllâh, bazabalaze ngamandla, balwe noMthunywa waKhe, abazizityebi phakathi kwabo baye bacele ukuba ubakhulule bangangeni (edabini) bathi, “Siyeke (sihlale), thina siya kuba nabo bahleli (emawabo)
رَضُواْ بِأَن يَكُونُواْ مَعَ ٱلۡخَوَالِفِ وَطُبِعَ عَلَىٰ قُلُوبِهِمۡ فَهُمۡ لَا يَفۡقَهُونَ
Bayoneliseka bona kukuhlala (nabafazi) abashiyeka ngemva (emawabo). Iintliziyo zabo zitywiniwe yaye abaqondi
لَٰكِنِ ٱلرَّسُولُ وَٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ مَعَهُۥ جَٰهَدُواْ بِأَمۡوَٰلِهِمۡ وَأَنفُسِهِمۡۚ وَأُوْلَٰٓئِكَ لَهُمُ ٱلۡخَيۡرَٰتُۖ وَأُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡمُفۡلِحُونَ
Kodwa yena uMthunywa nabo bakholwa naye bazabalaza, balwa ngobutyebi babo nobomi babo. Abanjalo izinto ezilungileyo zezabo, yaye ngabo abaza kuphumelela
أَعَدَّ ٱللَّهُ لَهُمۡ جَنَّٰتٍ تَجۡرِي مِن تَحۡتِهَا ٱلۡأَنۡهَٰرُ خَٰلِدِينَ فِيهَاۚ ذَٰلِكَ ٱلۡفَوۡزُ ٱلۡعَظِيمُ
UAllâh Ubalungiselele iMiyezo ekumpompoza amanzi ngaphantsi kwayo, baya kuhlala apho ngonaphakade. Leyo yimpumelelo enkulu
وَجَآءَ ٱلۡمُعَذِّرُونَ مِنَ ٱلۡأَعۡرَابِ لِيُؤۡذَنَ لَهُمۡ وَقَعَدَ ٱلَّذِينَ كَذَبُواْ ٱللَّهَ وَرَسُولَهُۥۚ سَيُصِيبُ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ مِنۡهُمۡ عَذَابٌ أَلِيمٌ
Ke bona abo banika izizathu (zokungayi edabini) abangama- Arabhu asentlango baye beza bakucela imvume yakho ukuba ubavumele bangayi (edabini), nabo baxokayo kuAllâh noMthunywa waKhe bahlala emawabo (bengacelanga nemvume) isohlwayo esibuhlungu siza kubahlasela abangakholwayo
لَّيۡسَ عَلَى ٱلضُّعَفَآءِ وَلَا عَلَى ٱلۡمَرۡضَىٰ وَلَا عَلَى ٱلَّذِينَ لَا يَجِدُونَ مَا يُنفِقُونَ حَرَجٌ إِذَا نَصَحُواْ لِلَّهِ وَرَسُولِهِۦۚ مَا عَلَى ٱلۡمُحۡسِنِينَ مِن سَبِيلٍۚ وَٱللَّهُ غَفُورٌ رَّحِيمٌ
Akukho gxeke kwabo babuthathaka nabagulayo abangenandlela yakufumana nto yakuchitha (kumalizo), ukuba banyanisekile bethembekile kuAllâh nakuMthunywa waKhe. Akuyi kubakho siphene ngokumayela nabenzi bokulungileyo, kananjalo uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
وَلَا عَلَى ٱلَّذِينَ إِذَا مَآ أَتَوۡكَ لِتَحۡمِلَهُمۡ قُلۡتَ لَآ أَجِدُ مَآ أَحۡمِلُكُمۡ عَلَيۡهِ تَوَلَّواْ وَّأَعۡيُنُهُمۡ تَفِيضُ مِنَ ٱلدَّمۡعِ حَزَنًا أَلَّا يَجِدُواْ مَا يُنفِقُونَ
Akukho (gxeke kananjalo) kwabo beza kuwe ukuba babonelelwengamaqegu,xawathiwena“Andinakunifumanela amaqegu,” babuyela emva amehlo abo ethe gwantyi ziinyembezi bekhathazekile kukungafumani nto yokunikela (edabini)
إِنَّمَا ٱلسَّبِيلُ عَلَى ٱلَّذِينَ يَسۡتَـٔۡذِنُونَكَ وَهُمۡ أَغۡنِيَآءُۚ رَضُواْ بِأَن يَكُونُواْ مَعَ ٱلۡخَوَالِفِ وَطَبَعَ ٱللَّهُ عَلَىٰ قُلُوبِهِمۡ فَهُمۡ لَا يَعۡلَمُونَ
Igxeke likwabo bazizityebi kuphela abacela ukukhululwa (bangayi edabini). Bona bayoneliseka kukushiyeka (nabafazi) abashiyeka ngemva (emawabo) kananjalo uAllâh uzitywinile iintliziyo zabo khonu’ukuze bangazi nto
يَعۡتَذِرُونَ إِلَيۡكُمۡ إِذَا رَجَعۡتُمۡ إِلَيۡهِمۡۚ قُل لَّا تَعۡتَذِرُواْ لَن نُّؤۡمِنَ لَكُمۡ قَدۡ نَبَّأَنَا ٱللَّهُ مِنۡ أَخۡبَارِكُمۡۚ وَسَيَرَى ٱللَّهُ عَمَلَكُمۡ وَرَسُولُهُۥ ثُمَّ تُرَدُّونَ إِلَىٰ عَٰلِمِ ٱلۡغَيۡبِ وَٱلشَّهَٰدَةِ فَيُنَبِّئُكُم بِمَا كُنتُمۡ تَعۡمَلُونَ
Bona (abahanahanisi) baza kuza nezizathu kuni xa nifika kubo. Yithi wena (Muhammad), (nifane) neza nezizathu, thina asiyi kunikholelwa. UAllâh sele Esixelele kakade ngeendaba eziphathelene nani. UAllâh noMthunywa waKhe Uza kuqwalasela izenzo zenu. Ekugqibeleni niza kubuyela kwakuSolwazi wokungabonwayo nokubonwayo, Aze Yena Anixelele ngoko nanikwenza (ehlabathini)
سَيَحۡلِفُونَ بِٱللَّهِ لَكُمۡ إِذَا ٱنقَلَبۡتُمۡ إِلَيۡهِمۡ لِتُعۡرِضُواْ عَنۡهُمۡۖ فَأَعۡرِضُواْ عَنۡهُمۡۖ إِنَّهُمۡ رِجۡسٌۖ وَمَأۡوَىٰهُمۡ جَهَنَّمُ جَزَآءَۢ بِمَا كَانُواْ يَكۡسِبُونَ
Baza kufunga ngoAllâh kuni ukubuyela kwenu khon’ukuze nibayeke. Bayeke ke, bona bakukungcola, yaye isiHogo likhaya labo siyimbuyekezo yoko bakusebenzelayo
يَحۡلِفُونَ لَكُمۡ لِتَرۡضَوۡاْ عَنۡهُمۡۖ فَإِن تَرۡضَوۡاْ عَنۡهُمۡ فَإِنَّ ٱللَّهَ لَا يَرۡضَىٰ عَنِ ٱلۡقَوۡمِ ٱلۡفَٰسِقِينَ
Baza kufunga ngoAllâh kuni khon’ukuze nikholiseke ngabo, ke kaloku ukuba niye nakholiseka ngabo, inene Yena uAllâh Akakholisekanga ngabantu abazizingcoli
ٱلۡأَعۡرَابُ أَشَدُّ كُفۡرًا وَنِفَاقًا وَأَجۡدَرُ أَلَّا يَعۡلَمُواْ حُدُودَ مَآ أَنزَلَ ٱللَّهُ عَلَىٰ رَسُولِهِۦۗ وَٱللَّهُ عَلِيمٌ حَكِيمٌ
Ama-Arabhu asentlango ngawona mabi ekungakholweni nasebuhanahanisini, yaye wona ubukhulu becala anobuyatha akayazi imithetho ka-Allâh Awayityhila kuMthunywa waKhe, kwaye uAllâh nguSolwazi uSobulumko
وَمِنَ ٱلۡأَعۡرَابِ مَن يَتَّخِذُ مَا يُنفِقُ مَغۡرَمًا وَيَتَرَبَّصُ بِكُمُ ٱلدَّوَآئِرَۚ عَلَيۡهِمۡ دَآئِرَةُ ٱلسَّوۡءِۗ وَٱللَّهُ سَمِيعٌ عَلِيمٌ
Phakathi kwama-Arabhu asentlango kukho abo bajonga abakuchitha (eNdleleni ka-Allâh) kokulungileyo baze balindele ishwangusha eliza kunihlela, ishwangusha lokubi malihle phezu kwabo, yaye uAllâh nguSokuva, uSolwazi
وَمِنَ ٱلۡأَعۡرَابِ مَن يُؤۡمِنُ بِٱللَّهِ وَٱلۡيَوۡمِ ٱلۡأٓخِرِ وَيَتَّخِذُ مَا يُنفِقُ قُرُبَٰتٍ عِندَ ٱللَّهِ وَصَلَوَٰتِ ٱلرَّسُولِۚ أَلَآ إِنَّهَا قُرۡبَةٌ لَّهُمۡۚ سَيُدۡخِلُهُمُ ٱللَّهُ فِي رَحۡمَتِهِۦٓۚ إِنَّ ٱللَّهَ غَفُورٌ رَّحِيمٌ
Kananjalo kuma-Arabhu asentlango kukho abo bakholwa kuAllâh nakwiMini yokuGqibela, abajonga oko bakuchitha eNdleleni ka-Allâh besenzela ukuzisondeza kuAllâh, nendlela yokwamkela imithandazo yoMthunywa. Inene ezi ziindlela zokuzisondeza kwabo. UAllâh Uza kubangenisa kwiNceba yaKhe. Inene uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
وَٱلسَّٰبِقُونَ ٱلۡأَوَّلُونَ مِنَ ٱلۡمُهَٰجِرِينَ وَٱلۡأَنصَارِ وَٱلَّذِينَ ٱتَّبَعُوهُم بِإِحۡسَٰنٍ رَّضِيَ ٱللَّهُ عَنۡهُمۡ وَرَضُواْ عَنۡهُ وَأَعَدَّ لَهُمۡ جَنَّٰتٍ تَجۡرِي تَحۡتَهَا ٱلۡأَنۡهَٰرُ خَٰلِدِينَ فِيهَآ أَبَدًاۚ ذَٰلِكَ ٱلۡفَوۡزُ ٱلۡعَظِيمُ
Nabo baba ngabokuqala ukwamkela i-Islam kwiiMuhâjirûn10 nama-Ansâr11 nabo babalandelayo (elukholweni) uAllâh Ukholisekile ngabo njengoko nabo bekholisekile nguYe. Ubalungiselele iMiyezo ekumpompoza imilambo ngaphantsi kwayo, baya kuhlala apho ngonaphakade. Leyo yimpumelelo enkulu
وَمِمَّنۡ حَوۡلَكُم مِّنَ ٱلۡأَعۡرَابِ مُنَٰفِقُونَۖ وَمِنۡ أَهۡلِ ٱلۡمَدِينَةِ مَرَدُواْ عَلَى ٱلنِّفَاقِ لَا تَعۡلَمُهُمۡۖ نَحۡنُ نَعۡلَمُهُمۡۚ سَنُعَذِّبُهُم مَّرَّتَيۡنِ ثُمَّ يُرَدُّونَ إِلَىٰ عَذَابٍ عَظِيمٍ
Kananjalo phakathi kwama-Arabhu asentlango akungqongileyo kukho abangabahanahanisi, kanti nabanye kubantu base Al-Madînah abathe gqolo ukuba nobuhanahanisi, wena akubazi, Thina Siyabazi. Siza kubohlwaya ngokuphindwe kabini, baze emva koko babuyiselwe kwesona sohlwayo sikhulu
وَءَاخَرُونَ ٱعۡتَرَفُواْ بِذُنُوبِهِمۡ خَلَطُواْ عَمَلًا صَٰلِحًا وَءَاخَرَ سَيِّئًا عَسَى ٱللَّهُ أَن يَتُوبَ عَلَيۡهِمۡۚ إِنَّ ٱللَّهَ غَفُورٌ رَّحِيمٌ
Kukwakho nabanye abazivumayo izono zabo, bona baye baxuba isenzo esilungileyo nesenzo esingendawo. Mhlawumbi uAllâh Uza kubuya ngetarhu kubo. Inene uAllâh nguMxoleli, uSozinceba
خُذۡ مِنۡ أَمۡوَٰلِهِمۡ صَدَقَةً تُطَهِّرُهُمۡ وَتُزَكِّيهِم بِهَا وَصَلِّ عَلَيۡهِمۡۖ إِنَّ صَلَوٰتَكَ سَكَنٌ لَّهُمۡۗ وَٱللَّهُ سَمِيعٌ عَلِيمٌ
Thabatha iSada’kah12 ebutyebini babo ukuze ubahlambulule ubangcwalise ngayo, ubathandazele kuAllâh. Inene imithandazo yakho iyindlela yokhuseleko kubo, kananjalo uAllâh nguSokuva, uSolwazi
أَلَمۡ يَعۡلَمُوٓاْ أَنَّ ٱللَّهَ هُوَ يَقۡبَلُ ٱلتَّوۡبَةَ عَنۡ عِبَادِهِۦ وَيَأۡخُذُ ٱلصَّدَقَٰتِ وَأَنَّ ٱللَّهَ هُوَ ٱلتَّوَّابُ ٱلرَّحِيمُ
Abazi na ukuba uAllâh Uyayamkela inguquko kwizicaka zaKhe Athabathe neSada’kah, kwanokuba uAllâh Eyedwa nguYe Oxolelayo Amkele nenguquko, uSozinceba
وَقُلِ ٱعۡمَلُواْ فَسَيَرَى ٱللَّهُ عَمَلَكُمۡ وَرَسُولُهُۥ وَٱلۡمُؤۡمِنُونَۖ وَسَتُرَدُّونَ إِلَىٰ عَٰلِمِ ٱلۡغَيۡبِ وَٱلشَّهَٰدَةِ فَيُنَبِّئُكُم بِمَا كُنتُمۡ تَعۡمَلُونَ
Kananjaloyithi(Muhammad):“Yenzani izenzo(zobulungisa)! UAllâh Uza kuzibona izenzo zenu, ngokunjalo noMthunywa waKhe namakholwa. Kwaye niza kubuyiselwa kuYe uMazi wokungabonwayo nokubonwayo, Aze Anixelele ke Yena enakwenzayo.”
وَءَاخَرُونَ مُرۡجَوۡنَ لِأَمۡرِ ٱللَّهِ إِمَّا يُعَذِّبُهُمۡ وَإِمَّا يَتُوبُ عَلَيۡهِمۡۗ وَٱللَّهُ عَلِيمٌ حَكِيمٌ
Ke kaloku abanye baye balindiswe ummiselo ka-Allâh, enokuba Uza kubohlwaya na okanye Abaxolele. UAllâh nguSolwazi, uSobulumko
وَٱلَّذِينَ ٱتَّخَذُواْ مَسۡجِدًا ضِرَارًا وَكُفۡرًا وَتَفۡرِيقَۢا بَيۡنَ ٱلۡمُؤۡمِنِينَ وَإِرۡصَادًا لِّمَنۡ حَارَبَ ٱللَّهَ وَرَسُولَهُۥ مِن قَبۡلُۚ وَلَيَحۡلِفُنَّ إِنۡ أَرَدۡنَآ إِلَّا ٱلۡحُسۡنَىٰۖ وَٱللَّهُ يَشۡهَدُ إِنَّهُمۡ لَكَٰذِبُونَ
Ke kaloku abo bakha iMasjid beyakhela ukona nokungakholwa nokwenza iyantlukwano kumakholwa nokuba ibe sisikhululo semikhosi yabo benza imfazwe ngokuchasene noAllâh noMthunywa waKhe (uMuhammad) kumathuba angaphambili, baza bafunga bathi injongo yabo ayinto yimbi ngaphandle kokwenza okulungileyo. Ke Yena uAllâh Unika ubungqina bokuba bangamaxoki okwenene
لَا تَقُمۡ فِيهِ أَبَدًاۚ لَّمَسۡجِدٌ أُسِّسَ عَلَى ٱلتَّقۡوَىٰ مِنۡ أَوَّلِ يَوۡمٍ أَحَقُّ أَن تَقُومَ فِيهِۚ فِيهِ رِجَالٌ يُحِبُّونَ أَن يَتَطَهَّرُواْۚ وَٱللَّهُ يُحِبُّ ٱلۡمُطَّهِّرِينَ
Ungaze ume (uthandaze) apho (kuloo masjid). Inene, iMasjid esiseko sayo sathi kwangomhla wokuqala saba phezu kobunyulu yiyona ifanelwe kukuba ume kuyo wena. Kuyo apho kukho amadoda athanda ukuzicoca azihlambulule imiphefumlo yawo. Ke kaloku uAllâh Uyabathanda abo bazicocayo bazihlambulule
أَفَمَنۡ أَسَّسَ بُنۡيَٰنَهُۥ عَلَىٰ تَقۡوَىٰ مِنَ ٱللَّهِ وَرِضۡوَٰنٍ خَيۡرٌ أَم مَّنۡ أَسَّسَ بُنۡيَٰنَهُۥ عَلَىٰ شَفَا جُرُفٍ هَارٍ فَٱنۡهَارَ بِهِۦ فِي نَارِ جَهَنَّمَۗ وَٱللَّهُ لَا يَهۡدِي ٱلۡقَوۡمَ ٱلظَّٰلِمِينَ
Ingaba lowo wabeka isiseko sesakhiwo sakhe phezu kobunyulu kuAllâh nokukholisa Yena, nguyena ungcono na okanye ngulowo wabeka isiseko sesakhiwo sakhe ecicini lomngxuma osele ulungele ukuphasalaka (eso sakhiwo sakhe sithi saa) phantsi, kangangokuba sidilike siphasalake sibe ngamasuntswana ndawonye naye eMlilweni wesiHogo? UAllâh Akabakhokeli abantu abazizingcoli
لَا يَزَالُ بُنۡيَٰنُهُمُ ٱلَّذِي بَنَوۡاْ رِيبَةً فِي قُلُوبِهِمۡ إِلَّآ أَن تَقَطَّعَ قُلُوبُهُمۡۗ وَٱللَّهُ عَلِيمٌ حَكِيمٌ
Isakhiwo abasakhileyo asisokuze siyeke ukuba ngunobangela wobuhanahanisi neentandabuzo ezintliziyweni zabo ngaphandle kokuba (ezo) ntliziyo zabo zinokusikwa zibe zizicwityana, ke kaloku uAllâh nguSolwazi, uSobulumko
إِنَّ ٱللَّهَ ٱشۡتَرَىٰ مِنَ ٱلۡمُؤۡمِنِينَ أَنفُسَهُمۡ وَأَمۡوَٰلَهُم بِأَنَّ لَهُمُ ٱلۡجَنَّةَۚ يُقَٰتِلُونَ فِي سَبِيلِ ٱللَّهِ فَيَقۡتُلُونَ وَيُقۡتَلُونَۖ وَعۡدًا عَلَيۡهِ حَقًّا فِي ٱلتَّوۡرَىٰةِ وَٱلۡإِنجِيلِ وَٱلۡقُرۡءَانِۚ وَمَنۡ أَوۡفَىٰ بِعَهۡدِهِۦ مِنَ ٱللَّهِۚ فَٱسۡتَبۡشِرُواْ بِبَيۡعِكُمُ ٱلَّذِي بَايَعۡتُم بِهِۦۚ وَذَٰلِكَ هُوَ ٱلۡفَوۡزُ ٱلۡعَظِيمُ
Inene uAllâh kumakholwa Uthenge ubomi bawo nezinto zawo (ngexabiso) elikukuba okwawo ibe yiPaladesi. Wona alwa eNdleleni ka-Allâh, ayabulala nawo abulawe. (Esi) sisithembiso senyaniso esisisibophelelo kuYe kwiTorah nakwi-Injîl nakwi’Kur’ân. Ngubani na ke onyanisekileyo kumnqophiso wakhe ngaphezu koAllâh? Ke kaloku vuyelani isisulu esenibhambathise ngaso. Leyo yimpumelelo enkulu ngenene
ٱلتَّٰٓئِبُونَ ٱلۡعَٰبِدُونَ ٱلۡحَٰمِدُونَ ٱلسَّٰٓئِحُونَ ٱلرَّٰكِعُونَ ٱلسَّٰجِدُونَ ٱلۡأٓمِرُونَ بِٱلۡمَعۡرُوفِ وَٱلنَّاهُونَ عَنِ ٱلۡمُنكَرِ وَٱلۡحَٰفِظُونَ لِحُدُودِ ٱللَّهِۗ وَبَشِّرِ ٱلۡمُؤۡمِنِينَ
AbobabuyelakuAllâhngenguquko,bamMkhonze,baMdumise bazile, bagobe baqubude kuYe, abayalela ukwenziwa kokulungileyo, balele ukwenziwa kokungalunganga. Nabagcina imiyalelo ebekwe nguAllâh, vakalisa iindaba zovuyo ke kwabo bakholwayo
مَا كَانَ لِلنَّبِيِّ وَٱلَّذِينَ ءَامَنُوٓاْ أَن يَسۡتَغۡفِرُواْ لِلۡمُشۡرِكِينَ وَلَوۡ كَانُوٓاْ أُوْلِي قُرۡبَىٰ مِنۢ بَعۡدِ مَا تَبَيَّنَ لَهُمۡ أَنَّهُمۡ أَصۡحَٰبُ ٱلۡجَحِيمِ
Akulunganga kuMprofeti nabo bakholwayo ukuba bacelele abakhonzi bezithixo itarhu kuAllâh enokuba bazizizalwana zabo na, emva kokuba sele kucacile kubo okokuba bangabahlali baseMlilweni
وَمَا كَانَ ٱسۡتِغۡفَارُ إِبۡرَٰهِيمَ لِأَبِيهِ إِلَّا عَن مَّوۡعِدَةٍ وَعَدَهَآ إِيَّاهُ فَلَمَّا تَبَيَّنَ لَهُۥٓ أَنَّهُۥ عَدُوٌّ لِّلَّهِ تَبَرَّأَ مِنۡهُۚ إِنَّ إِبۡرَٰهِيمَ لَأَوَّٰهٌ حَلِيمٌ
NoIbrâhîmukucelelakwakheutatawakheitarhukwakungenxa yokuba wayesele enze isithembiso kwangaphambili kuye (uyise). Kodwa kwathi kusakucaca mhlophe kuye (uIbrâhîm) okokuba utata wakhe wayelutshaba luka- Allâh, wazikhwebula kuye. Inene uIbrâhîm wayenentliziyo enobulali, enokunyamezela
وَمَا كَانَ ٱللَّهُ لِيُضِلَّ قَوۡمَۢا بَعۡدَ إِذۡ هَدَىٰهُمۡ حَتَّىٰ يُبَيِّنَ لَهُم مَّا يَتَّقُونَۚ إِنَّ ٱللَّهَ بِكُلِّ شَيۡءٍ عَلِيمٌ
Kananjalo uAllâh Akasokuze Akhokelele abantu ekulahlekeni emveni kokuba Ebanikile isikhokelo de enze kucace kubo ukuba yintoni na ekufuneka bengayenzanga. Inene uAllâh nguMazi wezinto zonke
إِنَّ ٱللَّهَ لَهُۥ مُلۡكُ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِۖ يُحۡيِۦ وَيُمِيتُۚ وَمَا لَكُم مِّن دُونِ ٱللَّهِ مِن وَلِيٍّ وَلَا نَصِيرٍ
Inene loluka-Allâh ulongamelo lwamazulu nomhlaba, Unika ubomi Enze ukufa. Ukanti ngaphandle koAllâh aninamkhuseli ningenamncedi
لَّقَد تَّابَ ٱللَّهُ عَلَى ٱلنَّبِيِّ وَٱلۡمُهَٰجِرِينَ وَٱلۡأَنصَارِ ٱلَّذِينَ ٱتَّبَعُوهُ فِي سَاعَةِ ٱلۡعُسۡرَةِ مِنۢ بَعۡدِ مَا كَادَ يَزِيغُ قُلُوبُ فَرِيقٍ مِّنۡهُمۡ ثُمَّ تَابَ عَلَيۡهِمۡۚ إِنَّهُۥ بِهِمۡ رَءُوفٌ رَّحِيمٌ
UAllâh Umxolele uMprofeti, iiMuhâjirûn13 nama-Ansâr14 amlandelayo ngexesha eyayilelikaxakeka (ngedabi laseTabûk) emva kokuba iintliziyo zeqela labathile kubo zaphantse zaphambuka (eNdleleni) kodwa Yena Wayamkela inguquko yabo. Inene Yena Uzele yimFesane neNceba kubo
وَعَلَى ٱلثَّلَٰثَةِ ٱلَّذِينَ خُلِّفُواْ حَتَّىٰٓ إِذَا ضَاقَتۡ عَلَيۡهِمُ ٱلۡأَرۡضُ بِمَا رَحُبَتۡ وَضَاقَتۡ عَلَيۡهِمۡ أَنفُسُهُمۡ وَظَنُّوٓاْ أَن لَّا مَلۡجَأَ مِنَ ٱللَّهِ إِلَّآ إِلَيۡهِ ثُمَّ تَابَ عَلَيۡهِمۡ لِيَتُوبُوٓاْۚ إِنَّ ٱللَّهَ هُوَ ٱلتَّوَّابُ ٱلرَّحِيمُ
Wabaxolela kananjalo nabanye abathathu15 (abaye basala ngasemva abaya edabini) emveni kokuba wathi umhlaba ungaka ukuba banzi, wasuka wacutheka kubo, nabo buqu (baziva) becuthekile baqonda kananjalo okokuba akukho ukubaleka kuAllâh, kungekho lukhuseleko ngaphandle kolwaKhe. Wabaxolela ke khona ukuze bakwazi ukucela ukuxolelwa NguYe. Inene uAllâh nguYe Oxolelayo Amkele inguquko, nguSozinceba
يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ ٱتَّقُواْ ٱللَّهَ وَكُونُواْ مَعَ ٱلصَّٰدِقِينَ
Hini na nina bakholwayo! Moyikeni uAllâh, nibe kunye nabo banyanisekileyo
مَا كَانَ لِأَهۡلِ ٱلۡمَدِينَةِ وَمَنۡ حَوۡلَهُم مِّنَ ٱلۡأَعۡرَابِ أَن يَتَخَلَّفُواْ عَن رَّسُولِ ٱللَّهِ وَلَا يَرۡغَبُواْ بِأَنفُسِهِمۡ عَن نَّفۡسِهِۦۚ ذَٰلِكَ بِأَنَّهُمۡ لَا يُصِيبُهُمۡ ظَمَأٌ وَلَا نَصَبٌ وَلَا مَخۡمَصَةٌ فِي سَبِيلِ ٱللَّهِ وَلَا يَطَـُٔونَ مَوۡطِئًا يَغِيظُ ٱلۡكُفَّارَ وَلَا يَنَالُونَ مِنۡ عَدُوٍّ نَّيۡلًا إِلَّا كُتِبَ لَهُم بِهِۦ عَمَلٌ صَٰلِحٌۚ إِنَّ ٱللَّهَ لَا يُضِيعُ أَجۡرَ ٱلۡمُحۡسِنِينَ
Kwakungeyonto ilungileyo kubantu baseMadinah nama- Arabhu asentlango ayengabamelwane okokuba bashiyeke ngemva kuMthunywa ka-Allâh (uMuhammad) nokuba bakhethe (ukusindisa) ubomi babo kunobakhe. Oko kwakungenxa yokuba abazanga bave kusindwa buthongo, badliwa ndlala eNdleleni ka-Allâh, bengazanga bathabatha naliphi na inyathelo ukuvusa umsindo wabangakholwayo bengazanga babavisa nonjani umonzakalo abaziintshaba kodwa oko kubhaliwe njengemisebenzi emihle yabo abayenzayo. Inene uAllâh Akawonakalisi umvuzo wabenzi bobulungisa
وَلَا يُنفِقُونَ نَفَقَةً صَغِيرَةً وَلَا كَبِيرَةً وَلَا يَقۡطَعُونَ وَادِيًا إِلَّا كُتِبَ لَهُمۡ لِيَجۡزِيَهُمُ ٱللَّهُ أَحۡسَنَ مَا كَانُواْ يَعۡمَلُونَ
Kungekho kwanto bayichithayo (kumalizo eNdleleni ka- Allâh) encinane nokuba yenkulu na bengazanga bawele ntili, kodwa kubhaliwe oko (ukuba bakwenza) khon’ukuze uAllâh abavuze ngokungcono ngakumbi kunoko bona bakwenzayo
وَمَا كَانَ ٱلۡمُؤۡمِنُونَ لِيَنفِرُواْ كَآفَّةًۚ فَلَوۡلَا نَفَرَ مِن كُلِّ فِرۡقَةٍ مِّنۡهُمۡ طَآئِفَةٌ لِّيَتَفَقَّهُواْ فِي ٱلدِّينِ وَلِيُنذِرُواْ قَوۡمَهُمۡ إِذَا رَجَعُوٓاْ إِلَيۡهِمۡ لَعَلَّهُمۡ يَحۡذَرُونَ
Kananjalo akuyonto ilungileyo kumakholwa ukuba aphume onke aye kulwa (iJihâd). Kumkhosi ngamnye wabo, iqela elithilelifaneleliphume, zeabobashiyekengasemvabafumane iimfundiso zenkolo, khon’ukuze bakwazi ukulumkisa abantu bakubo xa bebuyela kubo, ukuze babe nokuphaphama
يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ قَٰتِلُواْ ٱلَّذِينَ يَلُونَكُم مِّنَ ٱلۡكُفَّارِ وَلۡيَجِدُواْ فِيكُمۡ غِلۡظَةًۚ وَٱعۡلَمُوٓاْ أَنَّ ٱللَّهَ مَعَ ٱلۡمُتَّقِينَ
Hini na nina bakholwayo balweni abo bangakholwayo bazizizalwana zenu, mabafumane ubungqwabalala kuni; bazi kananjalo okokuba uAllâh ukunye nabamoyikayo
وَإِذَا مَآ أُنزِلَتۡ سُورَةٌ فَمِنۡهُم مَّن يَقُولُ أَيُّكُمۡ زَادَتۡهُ هَٰذِهِۦٓ إِيمَٰنًاۚ فَأَمَّا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ فَزَادَتۡهُمۡ إِيمَٰنًا وَهُمۡ يَسۡتَبۡشِرُونَ
Qho xa kufika iSûrah abanye babo bathi: “Ngubani ke owongezeleleke ukholo lwakhe yiyo?” Ke bona abo bakholwayo, iyalongezelela ukholo lwabo yaye banochulumanco
وَأَمَّا ٱلَّذِينَ فِي قُلُوبِهِم مَّرَضٌ فَزَادَتۡهُمۡ رِجۡسًا إِلَىٰ رِجۡسِهِمۡ وَمَاتُواْ وَهُمۡ كَٰفِرُونَ
Ke bona abo iintliziyo zabo zinesifo, iya kongeza izikrokro neentandabuzo kwizikrokro zabo, nokungakholwa nokuthandabuza, baze bafe besengabangakholwayo
أَوَلَا يَرَوۡنَ أَنَّهُمۡ يُفۡتَنُونَ فِي كُلِّ عَامٍ مَّرَّةً أَوۡ مَرَّتَيۡنِ ثُمَّ لَا يَتُوبُونَ وَلَا هُمۡ يَذَّكَّرُونَ
Ababoni na ukuba bafakwa elucikidweni kube kanye okanye kube kabini enyakeni, kodwa abajiki babuye ngenguquko, bengafundi nasifundo (kolo cikido)
وَإِذَا مَآ أُنزِلَتۡ سُورَةٌ نَّظَرَ بَعۡضُهُمۡ إِلَىٰ بَعۡضٍ هَلۡ يَرَىٰكُم مِّنۡ أَحَدٍ ثُمَّ ٱنصَرَفُواْۚ صَرَفَ ٱللَّهُ قُلُوبَهُم بِأَنَّهُمۡ قَوۡمٌ لَّا يَفۡقَهُونَ
Maxa onke kufika iSûrah bayana ngamehlo: (besithi omnye komnye) “Ingaba ukhona na onibonayo?” Baze bafulathele bemke. Ke kaloku uAllâh Uzigqwethile iintliziyo zabo kuba bangabantu abangaqiqiyo
لَقَدۡ جَآءَكُمۡ رَسُولٌ مِّنۡ أَنفُسِكُمۡ عَزِيزٌ عَلَيۡهِ مَا عَنِتُّمۡ حَرِيصٌ عَلَيۡكُم بِٱلۡمُؤۡمِنِينَ رَءُوفٌ رَّحِيمٌ
Inene ufikile kuni uMthunywa (uMuhammad) ephuma phakathi kwenu. Iyamkhathaza yena into yokuba nifumane umonzakalo okaye ubunzima. Yena unenkathalo ngani, kumakholwa uzele lusizi, imfesane, nenceba
فَإِن تَوَلَّوۡاْ فَقُلۡ حَسۡبِيَ ٱللَّهُ لَآ إِلَٰهَ إِلَّا هُوَۖ عَلَيۡهِ تَوَكَّلۡتُۖ وَهُوَ رَبُّ ٱلۡعَرۡشِ ٱلۡعَظِيمِ
Kodwa ukuba bayatshikila bemke, yithi (Muhammad) uAllâh Wanele Eyedwa kum. Akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe. Mna ndibeka ithemba lam kuYe kwaye Yena yiNkosi yeTrone yaMandla
Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.