Surah 57 · 29 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana
Surah Al-Hadid in Xhosa
بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ
سَبَّحَ لِلَّهِ مَا فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِۖ وَهُوَ ٱلۡعَزِيزُ ٱلۡحَكِيمُ
Yonke into esemazulwini nasemhlabeni izukisa uAllâh, Yena nguSobunganga, uSobulumko
لَهُۥ مُلۡكُ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِۖ يُحۡيِۦ وَيُمِيتُۖ وَهُوَ عَلَىٰ كُلِّ شَيۡءٍ قَدِيرٌ
LolwaKhe ulongamelo lwamazulu nomhlaba, Unika ubomi, Enze ukufa. Kananjalo Yena Unamandla ngaphezulu kwezinto zonke
هُوَ ٱلۡأَوَّلُ وَٱلۡأٓخِرُ وَٱلظَّٰهِرُ وَٱلۡبَاطِنُۖ وَهُوَ بِكُلِّ شَيۡءٍ عَلِيمٌ
Yena ngowokuQala ngowokuGqibela, Ungentla, yaye Ukufutshane, kananjalo nguMazi wezinto zonke
هُوَ ٱلَّذِي خَلَقَ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضَ فِي سِتَّةِ أَيَّامٍ ثُمَّ ٱسۡتَوَىٰ عَلَى ٱلۡعَرۡشِۖ يَعۡلَمُ مَا يَلِجُ فِي ٱلۡأَرۡضِ وَمَا يَخۡرُجُ مِنۡهَا وَمَا يَنزِلُ مِنَ ٱلسَّمَآءِ وَمَا يَعۡرُجُ فِيهَاۖ وَهُوَ مَعَكُمۡ أَيۡنَ مَا كُنتُمۡۚ وَٱللَّهُ بِمَا تَعۡمَلُونَ بَصِيرٌ
NguYe Owadala amazulu nomhlaba ngeentsuku ezintandathu, waza Wanyukela ngentla kweTrone, Uyakwazi okungena emhlabeni nokuphuma kuwo, nokuhlayo kuvela ezulwini nokunyukela kulo kwaye Yena Ukunye nani naphi na apho nikhoyo, kananjalo uAllâh Uyakwazi enikwenzayo
لَّهُۥ مُلۡكُ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِۚ وَإِلَى ٱللَّهِ تُرۡجَعُ ٱلۡأُمُورُ
Yena lulongamelo lwamazulu nomhlaba. Kananjalo kukuAllâh apho (zonke) izinto zibuyela khona
يُولِجُ ٱلَّيۡلَ فِي ٱلنَّهَارِ وَيُولِجُ ٱلنَّهَارَ فِي ٱلَّيۡلِۚ وَهُوَ عَلِيمُۢ بِذَاتِ ٱلصُّدُورِ
Yena Wenza ubusuku bungene kwimini, Enze imini ingene kubusuku, Yaye nguMazi wokusezifubeni
ءَامِنُواْ بِٱللَّهِ وَرَسُولِهِۦ وَأَنفِقُواْ مِمَّا جَعَلَكُم مُّسۡتَخۡلَفِينَ فِيهِۖ فَٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ مِنكُمۡ وَأَنفَقُواْ لَهُمۡ أَجۡرٌ كَبِيرٌ
Kholwani ke kuAllâh noMthunywa waKhe, ninikele kumalizo ngoko Anenze naba ziindlalifa zako. Ngokuba abo bakholiweyo phakathi kwenu baze banikele kumalizo baya kuba nomvuzo omkhulu
وَمَا لَكُمۡ لَا تُؤۡمِنُونَ بِٱللَّهِ وَٱلرَّسُولُ يَدۡعُوكُمۡ لِتُؤۡمِنُواْ بِرَبِّكُمۡ وَقَدۡ أَخَذَ مِيثَٰقَكُمۡ إِن كُنتُم مُّؤۡمِنِينَ
Kungani na ukuba ningakholwa kuAllâh lo gama uMthunywa enimemela ekukholweni kwiNkosi yenu, ethe kananjalo wathabatha umnqophiso wenu, ukuba ninokuthi nikholwe
هُوَ ٱلَّذِي يُنَزِّلُ عَلَىٰ عَبۡدِهِۦٓ ءَايَٰتِۭ بَيِّنَٰتٍ لِّيُخۡرِجَكُم مِّنَ ٱلظُّلُمَٰتِ إِلَى ٱلنُّورِۚ وَإِنَّ ٱللَّهَ بِكُمۡ لَرَءُوفٌ رَّحِيمٌ
NguYe Othumele iiVesi kwisiCaka saKhe (uMuhammad) ezibubungqina obucacileyo khona ukuze anikhuphe ebumnyameni anifake ekukhanyeni. Inene uAllâh Unobubele, Unenceba kuni
وَمَا لَكُمۡ أَلَّا تُنفِقُواْ فِي سَبِيلِ ٱللَّهِ وَلِلَّهِ مِيرَٰثُ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِۚ لَا يَسۡتَوِي مِنكُم مَّنۡ أَنفَقَ مِن قَبۡلِ ٱلۡفَتۡحِ وَقَٰتَلَۚ أُوْلَٰٓئِكَ أَعۡظَمُ دَرَجَةً مِّنَ ٱلَّذِينَ أَنفَقُواْ مِنۢ بَعۡدُ وَقَٰتَلُواْۚ وَكُلًّا وَعَدَ ٱللَّهُ ٱلۡحُسۡنَىٰۚ وَٱللَّهُ بِمَا تَعۡمَلُونَ خَبِيرٌ
Kungani na ukuba ninganikeli eNdleleni ka-Allâh lo gama ilifa lamazulu nomhlaba ilelaKhe? Abalingani phakathi kwenu abo banikelayo, balwa nokulwa ngaphambi (koloyiso lwaseMakkah) nabo balwayo (emva kwalo). Abo (balwa ngaphambili) bangentla ngokwebakala kunabo banikela kamva balwa nokulwa. Kodwa uAllâh bonke Ubathembise (ngomvuzo). Kananjalo uAllâh enikwenzayo Uyakwazi
مَّن ذَا ٱلَّذِي يُقۡرِضُ ٱللَّهَ قَرۡضًا حَسَنًا فَيُضَٰعِفَهُۥ لَهُۥ وَلَهُۥٓ أَجۡرٌ كَرِيمٌ
Ngubani (kuni) oya kuboleka uAllâh imboleko elungileyo khon’ukuze (Ayihlawule kuye) ngokuphindaphindiweyo aze ngaphezu koko abe nomvuzo oxabisekileyo
يَوۡمَ تَرَى ٱلۡمُؤۡمِنِينَ وَٱلۡمُؤۡمِنَٰتِ يَسۡعَىٰ نُورُهُم بَيۡنَ أَيۡدِيهِمۡ وَبِأَيۡمَٰنِهِمۖ بُشۡرَىٰكُمُ ٱلۡيَوۡمَ جَنَّٰتٌ تَجۡرِي مِن تَحۡتِهَا ٱلۡأَنۡهَٰرُ خَٰلِدِينَ فِيهَاۚ ذَٰلِكَ هُوَ ٱلۡفَوۡزُ ٱلۡعَظِيمُ
NgeMini eniya kuwabona amakholwa namakholwakazi, ukukhanya kwawo kuwakhokelele ngaphambi kwawo nangasekunene kwawo, (kuya kuthiwa): “Iindaba zovuyo kuni namhlanje zezeMiyezo ekumpompoza imilambo ngaphantsi kwayo, niya kuhlala apho ngonaphakade Inenene le yimpumelelo enkulu!”
يَوۡمَ يَقُولُ ٱلۡمُنَٰفِقُونَ وَٱلۡمُنَٰفِقَٰتُ لِلَّذِينَ ءَامَنُواْ ٱنظُرُونَا نَقۡتَبِسۡ مِن نُّورِكُمۡ قِيلَ ٱرۡجِعُواْ وَرَآءَكُمۡ فَٱلۡتَمِسُواْ نُورًاۖ فَضُرِبَ بَيۡنَهُم بِسُورٍ لَّهُۥ بَابُۢ بَاطِنُهُۥ فِيهِ ٱلرَّحۡمَةُ وَظَٰهِرُهُۥ مِن قِبَلِهِ ٱلۡعَذَابُ
NgeMini leyo abahanahanisi nabahanahanisikazi baya kuthi kwabo bakholwayo, “Khanisilindeni khon’ukuze sizuze inxalenye yokukhanya kwenu.” Kuya kuthiwa kubo: “Buyelani emva kwenu niye kufuna ukukhanya.” Ke kaloku udonga luya kubekwa phakathi kwabo lunocango, umphakathi walo unenceba, kodwa umphandle walo usisohlwayo
يُنَادُونَهُمۡ أَلَمۡ نَكُن مَّعَكُمۡۖ قَالُواْ بَلَىٰ وَلَٰكِنَّكُمۡ فَتَنتُمۡ أَنفُسَكُمۡ وَتَرَبَّصۡتُمۡ وَٱرۡتَبۡتُمۡ وَغَرَّتۡكُمُ ٱلۡأَمَانِيُّ حَتَّىٰ جَآءَ أَمۡرُ ٱللَّهِ وَغَرَّكُم بِٱللَّهِ ٱلۡغَرُورُ
Bona (abahanahanisi) baya kukhwaza (abakholwayo) bathi: “Sasingekunyanga nani na?” Abakholwayo baya kuthi: “Ewe, kodwa nina nazithuthumbisa ngokwenu, nilindele (ilishwa phezu kwethu1) neengcinga zeminqweno yenu zanimfamekisa kwada kwafika umyalelo ka-Allâh. Kwaye umkhohlisi (uSathana) wanikhohlisa ngoAllâh
فَٱلۡيَوۡمَ لَا يُؤۡخَذُ مِنكُمۡ فِدۡيَةٌ وَلَا مِنَ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْۚ مَأۡوَىٰكُمُ ٱلنَّارُۖ هِيَ مَوۡلَىٰكُمۡۖ وَبِئۡسَ ٱلۡمَصِيرُ
Namhlanje ke akukho ntlawuliso yakuzikhulula iya kwamkelwa kuni nakwabo bangakholwayo. Ikhaya lenu nguMlilo, yiyona nto inifanele kakhulu (leyo). Aliselibi ngako ikhaya lenu lokugqibela
أَلَمۡ يَأۡنِ لِلَّذِينَ ءَامَنُوٓاْ أَن تَخۡشَعَ قُلُوبُهُمۡ لِذِكۡرِ ٱللَّهِ وَمَا نَزَلَ مِنَ ٱلۡحَقِّ وَلَا يَكُونُواْ كَٱلَّذِينَ أُوتُواْ ٱلۡكِتَٰبَ مِن قَبۡلُ فَطَالَ عَلَيۡهِمُ ٱلۡأَمَدُ فَقَسَتۡ قُلُوبُهُمۡۖ وَكَثِيرٌ مِّنۡهُمۡ فَٰسِقُونَ
Alikafiki na ixesha kwabo bakholwayo lokuba iintliziyo zabo zibe nokuzithoba, zizinikele kwinkumbulo ka-Allâh noko kwehlayo kuyinyaniso (i’Kur’ân)? IsiBhalo ngaphambili, kwaza kwathi kwakugqitha ithuba elide kubo iintliziyo zabo (zaqaqadeka) zaba lukhuni, ukanti uninzi lwabo bayadelela, abanantobeko
ٱعۡلَمُوٓاْ أَنَّ ٱللَّهَ يُحۡيِ ٱلۡأَرۡضَ بَعۡدَ مَوۡتِهَاۚ قَدۡ بَيَّنَّا لَكُمُ ٱلۡأٓيَٰتِ لَعَلَّكُمۡ تَعۡقِلُونَ
Yazini into yokuba uAllâh Unika ubomi emhlabeni emva kokungabi nabomi kwawo. Sinicacisele kakuhle imiqondiso hleze niqiqe
إِنَّ ٱلۡمُصَّدِّقِينَ وَٱلۡمُصَّدِّقَٰتِ وَأَقۡرَضُواْ ٱللَّهَ قَرۡضًا حَسَنًا يُضَٰعَفُ لَهُمۡ وَلَهُمۡ أَجۡرٌ كَرِيمٌ
Inene amadoda anikelayo ngamalizo, nabasetyhini abanikelayo ngamalizo baboleke uAllâh imboleko elungileyo, iya (kuhlawulwa) ngokuphindeneyo kubo kananjalo baya kuba nomvuzo oxabisekileyo
وَٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ بِٱللَّهِ وَرُسُلِهِۦٓ أُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلصِّدِّيقُونَۖ وَٱلشُّهَدَآءُ عِندَ رَبِّهِمۡ لَهُمۡ أَجۡرُهُمۡ وَنُورُهُمۡۖ وَٱلَّذِينَ كَفَرُواْ وَكَذَّبُواْ بِـَٔايَٰتِنَآ أُوْلَٰٓئِكَ أَصۡحَٰبُ ٱلۡجَحِيمِ
Abo bakholwayo kuAllâh nabaThunywa baKhe abo bangabaxhasi benyaniso nabafelukholo, bakunye neNkosi yabo. Okwabo ngumvuzo wabo nokukhanya kwabo kodwa bona abo bangakholwayo, baphika iiVesi zeThu, abo ngamadlelane oMlilo wesiHogo
ٱعۡلَمُوٓاْ أَنَّمَا ٱلۡحَيَوٰةُ ٱلدُّنۡيَا لَعِبٌ وَلَهۡوٌ وَزِينَةٌ وَتَفَاخُرُۢ بَيۡنَكُمۡ وَتَكَاثُرٌ فِي ٱلۡأَمۡوَٰلِ وَٱلۡأَوۡلَٰدِۖ كَمَثَلِ غَيۡثٍ أَعۡجَبَ ٱلۡكُفَّارَ نَبَاتُهُۥ ثُمَّ يَهِيجُ فَتَرَىٰهُ مُصۡفَرًّا ثُمَّ يَكُونُ حُطَٰمًاۖ وَفِي ٱلۡأٓخِرَةِ عَذَابٌ شَدِيدٌ وَمَغۡفِرَةٌ مِّنَ ٱللَّهِ وَرِضۡوَٰنٌۚ وَمَا ٱلۡحَيَوٰةُ ٱلدُّنۡيَآ إِلَّا مَتَٰعُ ٱلۡغُرُورِ
Kwazini kananjalo okokuba ubomi balo mhlaba yintlekisa njee nesiphambukisi nobunewunewu nokuqhayiselana nokhuphiswano ekwandiseni ubutyebi nabantwana njengomzekelo wemvula ezityalo zayo zikhula zigcobise umhlwayeli, zisuke zome, ubone sele zijike zamthubi; zisuke zibe bubutyobo obuthe saa. Kanti ke kuBomi oBuzayo sisohlwayo esibuhlungu noxolelo oluvela kuAllâh nokwamkeleka. Buyintoni ubomi basemhlabeni ngaphandle kokuba kukuziqhatha
سَابِقُوٓاْ إِلَىٰ مَغۡفِرَةٍ مِّن رَّبِّكُمۡ وَجَنَّةٍ عَرۡضُهَا كَعَرۡضِ ٱلسَّمَآءِ وَٱلۡأَرۡضِ أُعِدَّتۡ لِلَّذِينَ ءَامَنُواْ بِٱللَّهِ وَرُسُلِهِۦۚ ذَٰلِكَ فَضۡلُ ٱللَّهِ يُؤۡتِيهِ مَن يَشَآءُۚ وَٱللَّهُ ذُو ٱلۡفَضۡلِ ٱلۡعَظِيمِ
Khuphisanani ke ngokufuna ukuxolelwa yiNkosi yenu nomyezo obubanzi bawo bungangobubanzi bamazulu nomhlaba, ulungiselelwe abo bakholwayo kuAllâh nabaThunywa baKhe. Obo bubuBele buka-Allâh Abunika lowo Athande ukumnika, kwaye uAllâh nguMnini buBele oMkhulu
مَآ أَصَابَ مِن مُّصِيبَةٍ فِي ٱلۡأَرۡضِ وَلَا فِيٓ أَنفُسِكُمۡ إِلَّا فِي كِتَٰبٍ مِّن قَبۡلِ أَن نَّبۡرَأَهَآۚ إِنَّ ذَٰلِكَ عَلَى ٱللَّهِ يَسِيرٌ
Akukhontlekeleihlayoemhlabeniokanyekuniingabhalwanga phambi kokuba ibekho Inene oko kulula kuAllâh
لِّكَيۡلَا تَأۡسَوۡاْ عَلَىٰ مَا فَاتَكُمۡ وَلَا تَفۡرَحُواْ بِمَآ ءَاتَىٰكُمۡۗ وَٱللَّهُ لَا يُحِبُّ كُلَّ مُخۡتَالٍ فَخُورٍ
Khon’ukuze ningalahli ithemba ngoko kuniphosileyo ningakhukhumali kananjalo ngoko Aninike kona. Kwaye uAllâh Akamthandi wonke ozingcayo, noqhayisayo
ٱلَّذِينَ يَبۡخَلُونَ وَيَأۡمُرُونَ ٱلنَّاسَ بِٱلۡبُخۡلِۗ وَمَن يَتَوَلَّ فَإِنَّ ٱللَّهَ هُوَ ٱلۡغَنِيُّ ٱلۡحَمِيدُ
(Abo) bangamagogotya bayalela ubugogotya (kwabanye) ke kaloku lowo utshikilayo, inene uAllâh Akananto Ayidingayo, nguSokudunyiswa
لَقَدۡ أَرۡسَلۡنَا رُسُلَنَا بِٱلۡبَيِّنَٰتِ وَأَنزَلۡنَا مَعَهُمُ ٱلۡكِتَٰبَ وَٱلۡمِيزَانَ لِيَقُومَ ٱلنَّاسُ بِٱلۡقِسۡطِۖ وَأَنزَلۡنَا ٱلۡحَدِيدَ فِيهِ بَأۡسٌ شَدِيدٌ وَمَنَٰفِعُ لِلنَّاسِ وَلِيَعۡلَمَ ٱللَّهُ مَن يَنصُرُهُۥ وَرُسُلَهُۥ بِٱلۡغَيۡبِۚ إِنَّ ٱللَّهَ قَوِيٌّ عَزِيزٌ
Sele Sabathumela abaThunywa beThu nemiqondiso ecacileyo Sathumela neziBhalo kubo nendlela yokugweba khona ukuze abantu bahlale besebulungiseni. Kananjalo Sathumela2 intsimbi ekukho amandla amakhulu emikhosi kuyo (nezinye izinto) eziyinzuzo eluntwini khon’ukuze uAllâh Enze bacace abo baMxhasayo neziThunywa zaKhe ezingabonwayo. Inene uAllâh Unamandla, Unobunganga
وَلَقَدۡ أَرۡسَلۡنَا نُوحًا وَإِبۡرَٰهِيمَ وَجَعَلۡنَا فِي ذُرِّيَّتِهِمَا ٱلنُّبُوَّةَ وَٱلۡكِتَٰبَۖ فَمِنۡهُم مُّهۡتَدٍۖ وَكَثِيرٌ مِّنۡهُمۡ فَٰسِقُونَ
Kananjalo Sele Sathumela uNûh noIbrâhîm Saza kananjalo Sabeka ubuProfeti neziBhalo kwinzala yabo; yaye phakathi kwayo (inzala yabo leyo) kukho lowo ukhokelelekileyo, kodwa uninzi lwabo alunantobeko konke konke
ثُمَّ قَفَّيۡنَا عَلَىٰٓ ءَاثَٰرِهِم بِرُسُلِنَا وَقَفَّيۡنَا بِعِيسَى ٱبۡنِ مَرۡيَمَ وَءَاتَيۡنَٰهُ ٱلۡإِنجِيلَۖ وَجَعَلۡنَا فِي قُلُوبِ ٱلَّذِينَ ٱتَّبَعُوهُ رَأۡفَةً وَرَحۡمَةًۚ وَرَهۡبَانِيَّةً ٱبۡتَدَعُوهَا مَا كَتَبۡنَٰهَا عَلَيۡهِمۡ إِلَّا ٱبۡتِغَآءَ رِضۡوَٰنِ ٱللَّهِ فَمَا رَعَوۡهَا حَقَّ رِعَايَتِهَاۖ فَـَٔاتَيۡنَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ مِنۡهُمۡ أَجۡرَهُمۡۖ وَكَثِيرٌ مِّنۡهُمۡ فَٰسِقُونَ
Ke kaloku ezinyaweni zabo Sathumela abaThunywa beThu Sabalandelisa ngo’Isâ, unyana kaMaryam, Samnika iVangeli Safaka imfobe nenceba ezintliziyweni zabo balandela yena nokungatshati (ukungatshati) oko baziqambela ngokwabo, Asizanga Sibayalele ngako ngaphandle (kokuzenzela ngokwabo) befuna ukwamkeleka kwako (ukungatshati oko) kuAllâh. Kodwa (ukungatshati oko) azanga bakugcine ngendlela efanelekileyo. Thina ke Sanika abo bakholwayo phakathi kwabo umvuzo wabo kodwa uninzi lwabo alunantobeko konke-konke
يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ ٱتَّقُواْ ٱللَّهَ وَءَامِنُواْ بِرَسُولِهِۦ يُؤۡتِكُمۡ كِفۡلَيۡنِ مِن رَّحۡمَتِهِۦ وَيَجۡعَل لَّكُمۡ نُورًا تَمۡشُونَ بِهِۦ وَيَغۡفِرۡ لَكُمۡۚ وَٱللَّهُ غَفُورٌ رَّحِيمٌ
Hini na nina bakholwayo, yoyikani uAllâh nikholwe nakuMthunywa waKhe: Yena Uya kuninika isahlulo esiphindwe kabini kwinceba yaKhe. Anenzele ukukhanya eniya kuhamba ngako Anixolele futhi, ke kaloku uAllâh nguMxoleli, nguSozinceba
لِّئَلَّا يَعۡلَمَ أَهۡلُ ٱلۡكِتَٰبِ أَلَّا يَقۡدِرُونَ عَلَىٰ شَيۡءٍ مِّن فَضۡلِ ٱللَّهِ وَأَنَّ ٱلۡفَضۡلَ بِيَدِ ٱللَّهِ يُؤۡتِيهِ مَن يَشَآءُۚ وَٱللَّهُ ذُو ٱلۡفَضۡلِ ٱلۡعَظِيمِ
(Oku kunjalo) khon’ukuze aBantu beNcwadi (amaYuda namaKhristu) bazi okokuba abanamandla ngokuchasene noBabaloluka-AllâhkwanokubabonkeubuBelebuseSandleni saKhe; Ubunika lowo Athande ukumnika kananjalo uAllâh nguMnini buBele Omkhulu
Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.