Surah 56 · 96 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana
Surah Al-Waqi'ah in Xhosa
بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ
فَأَصۡحَٰبُ ٱلۡمَيۡمَنَةِ مَآ أَصۡحَٰبُ ٱلۡمَيۡمَنَةِ
Ke kaloku amadlelane angasekunene; ziintoni na amadlelane angasekunene
وَأَصۡحَٰبُ ٱلۡمَشۡـَٔمَةِ مَآ أَصۡحَٰبُ ٱلۡمَشۡـَٔمَةِ
Namadlelane angasekhohlo; ziintoni na amadlelane angasekhohlo
يَطُوفُ عَلَيۡهِمۡ وِلۡدَٰنٌ مُّخَلَّدُونَ
Kuya kujikeleza phakathi kwabo amakhwenkwe enzelwe (ukuphila) ngonaphakade
بِأَكۡوَابٍ وَأَبَارِيقَ وَكَأۡسٍ مِّن مَّعِينٍ
Nezitya, imiphanda nendebe (yewayini) ephuma kumthombo ompompozayo
لَّا يُصَدَّعُونَ عَنۡهَا وَلَا يُنزِفُونَ
Akukho kuqaqamba kwantloko baya kuba nako apho, bengayi kunxila nakunxila
لَا يَسۡمَعُونَ فِيهَا لَغۡوًا وَلَا تَأۡثِيمًا
Abayi kuva ntetho ingcolileyo nakwenziwa kwasono apho
وَأَصۡحَٰبُ ٱلۡيَمِينِ مَآ أَصۡحَٰبُ ٱلۡيَمِينِ
Amadlelane angasekunene; yintoni amadlelane angasekunene
لَّا مَقۡطُوعَةٍ وَلَا مَمۡنُوعَةٍ
Ezinganqamkiyo (ukuntshula) zingalelwanga nokwalelwa (ukuba zityiwe)
إِنَّآ أَنشَأۡنَٰهُنَّ إِنشَآءً
Inene Thina Sibavelisele (abafazi bePaladesi) kwindalo (entsha)
وَأَصۡحَٰبُ ٱلشِّمَالِ مَآ أَصۡحَٰبُ ٱلشِّمَالِ
Neqela lamadlelane angasekhohlo yintoni na amadlelane angasekhohlo
إِنَّهُمۡ كَانُواْ قَبۡلَ ذَٰلِكَ مُتۡرَفِينَ
Inene bona kaloku bazanelisa ngobutyebi ngaphambili
وَكَانُواْ يُصِرُّونَ عَلَى ٱلۡحِنثِ ٱلۡعَظِيمِ
Kananjalo bona babethe gqolo ngokugabadela (ngezono ezikhulu)
وَكَانُواْ يَقُولُونَ أَئِذَا مِتۡنَا وَكُنَّا تُرَابًا وَعِظَٰمًا أَءِنَّا لَمَبۡعُوثُونَ
Kwaye babesithi: “Xa sele sifile saba luthuli namathambo, siza kuphinda ngenene sivuswe
قُلۡ إِنَّ ٱلۡأَوَّلِينَ وَٱلۡأٓخِرِينَ
Yithi wena (Muhammad): “Inene abantu bokuqala nabantu bokugqibela
ثُمَّ إِنَّكُمۡ أَيُّهَا ٱلضَّآلُّونَ ٱلۡمُكَذِّبُونَ
Ke kaloku nina ndawonye nabo balahlekileyo baphikayo
ءَأَنتُمۡ تَخۡلُقُونَهُۥٓ أَمۡ نَحۡنُ ٱلۡخَٰلِقُونَ
Nini na abakudalayo nokuba siThi abanguMdali
نَحۡنُ قَدَّرۡنَا بَيۡنَكُمُ ٱلۡمَوۡتَ وَمَا نَحۡنُ بِمَسۡبُوقِينَ
Simisele ukufa phakathi kwenu, yaye Thina ngeKhe Soyiswe
عَلَىٰٓ أَن نُّبَدِّلَ أَمۡثَٰلَكُمۡ وَنُنشِئَكُمۡ فِي مَا لَا تَعۡلَمُونَ
Kangangokuba Siya kuyiguqula imbonakalo yenu Sinivelise ngenye imo eningayaziyo nina
وَلَقَدۡ عَلِمۡتُمُ ٱلنَّشۡأَةَ ٱلۡأُولَىٰ فَلَوۡلَا تَذَكَّرُونَ
Ke kaloku sele niyazi indalo yokuqala, aniyi kukhumbula ke
ءَأَنتُمۡ تَزۡرَعُونَهُۥٓ أَمۡ نَحۡنُ ٱلزَّٰرِعُونَ
Nini na abayenza ikhule nokuba Sithi abakhulisi
لَوۡ نَشَآءُ لَجَعَلۡنَٰهُ حُطَٰمًا فَظَلۡتُمۡ تَفَكَّهُونَ
Ukuba beSinokuthanda beSingasuka Siyenze yome ibe bubutyobo nihlale nimangazekile
ءَأَنتُمۡ أَنزَلۡتُمُوهُ مِنَ ٱلۡمُزۡنِ أَمۡ نَحۡنُ ٱلۡمُنزِلُونَ
Nini na abaza nawo emafini nokuba SiThi abawathobayo
لَوۡ نَشَآءُ جَعَلۡنَٰهُ أُجَاجًا فَلَوۡلَا تَشۡكُرُونَ
Ukuba beSithanda beSingasuka Siwenze akrakre, kungokuba kutheni ukuba ningabi nambulelo (kuAllâh)
ءَأَنتُمۡ أَنشَأۡتُمۡ شَجَرَتَهَآ أَمۡ نَحۡنُ ٱلۡمُنشِـُٔونَ
Nini na abavelisa umthi wawo nokuba SiThi abaVelisi (bawo)
نَحۡنُ جَعَلۡنَٰهَا تَذۡكِرَةً وَمَتَٰعًا لِّلۡمُقۡوِينَ
Siwenze wasisikhumbuzi (soMlilo wesiHogo) nembonelelo yabahambi
وَإِنَّهُۥ لَقَسَمٌ لَّوۡ تَعۡلَمُونَ عَظِيمٌ
Inene esi sisifungo ukuba beniMazi (uMnini) bukhulu
لَّا يَمَسُّهُۥٓ إِلَّا ٱلۡمُطَهَّرُونَ
Akukho namnye oyichukumisayo ngaphandle kwabahlambulukileyo
أَفَبِهَٰذَا ٱلۡحَدِيثِ أَنتُم مُّدۡهِنُونَ
Ingaba yintetho eloo lohlobo (le ‘Kur’ân) na le niyiphikayo (nina bangakholwayo)
وَتَجۡعَلُونَ رِزۡقَكُمۡ أَنَّكُمۡ تُكَذِّبُونَ
Endaweni (yokubulela uAllâh) ngembonelelo Aninika yona niyaMphika nina
فَلَوۡلَآ إِذَا بَلَغَتِ ٱلۡحُلۡقُومَ
Kutheni xa umphefumlo (womntu ofayo) ufikelela emqaleni (ningangeneleli) kaloku
وَنَحۡنُ أَقۡرَبُ إِلَيۡهِ مِنكُمۡ وَلَٰكِن لَّا تُبۡصِرُونَ
Thina ke Siba Sikufutshane kuye kunani kodwa nina nibe ningaboni
فَلَوۡلَآ إِن كُنتُمۡ غَيۡرَ مَدِينِينَ
Kutheni kaloku (nisima nijonge ningamncedi nje) xa ngaba anizozicaka (kuThi)
فَأَمَّآ إِن كَانَ مِنَ ٱلۡمُقَرَّبِينَ
Ke kaloku ukuba yena (umfi lowo) ube engomnye wabo basondeleyo kuAllâh (ngokuthandwa)
فَرَوۡحٌ وَرَيۡحَانٌ وَجَنَّتُ نَعِيمٍ
Okwakhe iya kuba kukuphumla (ngoxolo) noBubele noMyezo wolonwabo
وَأَمَّآ إِن كَانَ مِنۡ أَصۡحَٰبِ ٱلۡيَمِينِ
Kanti ukuba ube engomnye wamadlelane wabangasekunene
فَسَلَٰمٌ لَّكَ مِنۡ أَصۡحَٰبِ ٱلۡيَمِينِ
(Iingelosi ziya kuthi kuye): “Makube lukhuseleko noxolo kuwe wena oluvela kumadlelane angasekunene.”
وَأَمَّآ إِن كَانَ مِنَ ٱلۡمُكَذِّبِينَ ٱلضَّآلِّينَ
Kodwa ukuba ube engomnye wabaphiki, abalahlekileyo
Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.