Surah 61 · 14 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

Surah As-Saff in Xhosa

In English with tafsir

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

61:1

سَبَّحَ لِلَّهِ مَا فِي ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَمَا فِي ٱلۡأَرۡضِۖ وَهُوَ ٱلۡعَزِيزُ ٱلۡحَكِيمُ

(Konke) okusemazulwini nasemhlabeni kuzukisa uAllâh kananjalo Yena nguSobunganga, uSobulumko

61:2

يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ لِمَ تَقُولُونَ مَا لَا تَفۡعَلُونَ

Hini na nina bakholwayo, kungani na ukuba nithethe into ningayenziyo

61:3

كَبُرَ مَقۡتًا عِندَ ٱللَّهِ أَن تَقُولُواْ مَا لَا تَفۡعَلُونَ

Ichaseke kakhulu phambi koAllâh into yokuba nithethe into eningayenziyo

61:4

إِنَّ ٱللَّهَ يُحِبُّ ٱلَّذِينَ يُقَٰتِلُونَ فِي سَبِيلِهِۦ صَفًّا كَأَنَّهُم بُنۡيَٰنٌ مَّرۡصُوصٌ

Ke kaloku uAllâh Uyabathanda abo balwa eNdleleni yaKhe (bemi) belihlelo (umgca) babengathi basisiqu esinye esidityaniswe ngokuqinileyo

61:5

وَإِذۡ قَالَ مُوسَىٰ لِقَوۡمِهِۦ يَٰقَوۡمِ لِمَ تُؤۡذُونَنِي وَقَد تَّعۡلَمُونَ أَنِّي رَسُولُ ٱللَّهِ إِلَيۡكُمۡۖ فَلَمَّا زَاغُوٓاْ أَزَاغَ ٱللَّهُ قُلُوبَهُمۡۚ وَٱللَّهُ لَا يَهۡدِي ٱلۡقَوۡمَ ٱلۡفَٰسِقِينَ

Yabona uMûsâ wathi kubantu bakubo: “Hini na bantu bakuthi, nindikhubekiselani na nisazi ngokuqinisekileyo nje okokuba mna ndinguMthunywa ka-Allâh kuni?” Ke kaloku bathi besakuphambuka, uAllâh Wenza iintliziyo zabo zaphambuka. Ke kaloku uAllâh Akabakhokeli abadelelayo, abangenantobeko

61:6

وَإِذۡ قَالَ عِيسَى ٱبۡنُ مَرۡيَمَ يَٰبَنِيٓ إِسۡرَٰٓءِيلَ إِنِّي رَسُولُ ٱللَّهِ إِلَيۡكُم مُّصَدِّقًا لِّمَا بَيۡنَ يَدَيَّ مِنَ ٱلتَّوۡرَىٰةِ وَمُبَشِّرَۢا بِرَسُولٍ يَأۡتِي مِنۢ بَعۡدِي ٱسۡمُهُۥٓ أَحۡمَدُۖ فَلَمَّا جَآءَهُم بِٱلۡبَيِّنَٰتِ قَالُواْ هَٰذَا سِحۡرٌ مُّبِينٌ

Yabona xa u’Isâ, unyana ka Maryam, wathi: “Hini na Bantwana bakwaSirayeli, inene mna ndinguMthunywa ka- Allâh kuni, ndingqina oko kwafika ngaphambili kunam kukwiTorah, ndiniphathele iindaba ezivuyisayo zoMthunywa oza kufika emveni kwam, ogama lakhe linguAhmad.” Kodwa wathi esakufika kubo, bathi bona: “Lo ngumlingo ocacileyo.”

61:7

وَمَنۡ أَظۡلَمُ مِمَّنِ ٱفۡتَرَىٰ عَلَى ٱللَّهِ ٱلۡكَذِبَ وَهُوَ يُدۡعَىٰٓ إِلَى ٱلۡإِسۡلَٰمِۚ وَٱللَّهُ لَا يَهۡدِي ٱلۡقَوۡمَ ٱلظَّٰلِمِينَ

Ngubaninaintswelabulungisaegqithaoqambaokungeyonyani ngoAllâh lo gama emenyelwa kwi-Islam. Ke kaloku uAllâh Akabakhokeli abantu abangabenzi bobugwenxa

61:8

يُرِيدُونَ لِيُطۡفِـُٔواْ نُورَ ٱللَّهِ بِأَفۡوَٰهِهِمۡ وَٱللَّهُ مُتِمُّ نُورِهِۦ وَلَوۡ كَرِهَ ٱلۡكَٰفِرُونَ

Banqwenela ukucima ukukhanya kuka-Allah, Uza kukufezekisa ukukhanya kwaKhe Yena, enokuba abangakholwayo bakuchase kangakanani na oko

61:9

هُوَ ٱلَّذِيٓ أَرۡسَلَ رَسُولَهُۥ بِٱلۡهُدَىٰ وَدِينِ ٱلۡحَقِّ لِيُظۡهِرَهُۥ عَلَى ٱلدِّينِ كُلِّهِۦ وَلَوۡ كَرِهَ ٱلۡمُشۡرِكُونَ

NguYe Othumele uMthunywa waKhe nesiKhokelo nenkolo yenyaniso ukuba ayibonakalise ngaphezulu kweenkolo zonke, enokuba abo bangabanquli zithixo bakuchase kangakanani na oko

61:10

يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ هَلۡ أَدُلُّكُمۡ عَلَىٰ تِجَٰرَةٍ تُنجِيكُم مِّنۡ عَذَابٍ أَلِيمٍ

Hini na nina bakholwayo ndinganikhokeleli kunaniselwano oluya kunisindisa esohlwayweni esibuhlungu

61:11

تُؤۡمِنُونَ بِٱللَّهِ وَرَسُولِهِۦ وَتُجَٰهِدُونَ فِي سَبِيلِ ٱللَّهِ بِأَمۡوَٰلِكُمۡ وَأَنفُسِكُمۡۚ ذَٰلِكُمۡ خَيۡرٌ لَّكُمۡ إِن كُنتُمۡ تَعۡلَمُونَ

Kholwani kuAllâh noMthunywa waKhe nizabalaze eNdleleni ka-Allâh ngobutyebi benu nangobomi benu. Oko kokona kulungileyo kuni, ukuba benisazi

61:12

يَغۡفِرۡ لَكُمۡ ذُنُوبَكُمۡ وَيُدۡخِلۡكُمۡ جَنَّٰتٍ تَجۡرِي مِن تَحۡتِهَا ٱلۡأَنۡهَٰرُ وَمَسَٰكِنَ طَيِّبَةً فِي جَنَّٰتِ عَدۡنٍۚ ذَٰلِكَ ٱلۡفَوۡزُ ٱلۡعَظِيمُ

Yena Uya kunixolela izono zenu, Aningenise eMiyezweni ekumpompoza imilambo phantsi kwayo nemizi emihle eMiyezweni yokuhlala ngonaphakade. Leyo ke yimpumelelo enkulu

61:13

وَأُخۡرَىٰ تُحِبُّونَهَاۖ نَصۡرٌ مِّنَ ٱللَّهِ وَفَتۡحٌ قَرِيبٌۗ وَبَشِّرِ ٱلۡمُؤۡمِنِينَ

Kananjalo niya kuzuza olunye uBabalo kuAllâh eniya kuluthanda noloyiso, vakalisa (Muhammad) iindaba ezivuyisayo kumakholwa

61:14

يَٰٓأَيُّهَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ كُونُوٓاْ أَنصَارَ ٱللَّهِ كَمَا قَالَ عِيسَى ٱبۡنُ مَرۡيَمَ لِلۡحَوَارِيِّـۧنَ مَنۡ أَنصَارِيٓ إِلَى ٱللَّهِۖ قَالَ ٱلۡحَوَارِيُّونَ نَحۡنُ أَنصَارُ ٱللَّهِۖ فَـَٔامَنَت طَّآئِفَةٌ مِّنۢ بَنِيٓ إِسۡرَٰٓءِيلَ وَكَفَرَت طَّآئِفَةٌۖ فَأَيَّدۡنَا ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ عَلَىٰ عَدُوِّهِمۡ فَأَصۡبَحُواْ ظَٰهِرِينَ

Hini na nina bakholwayo, yibani ngabancedisi baka-Allah, njengangoko u’Isâ, unyana kaMaryam wathi kubafundi bakhe: “Ngoobani na abancedisi bam kuAllâh?” Abafundi bathi: “Thina singabo abancedisi baka-Allah.” Ke kaloku iqela (elithile) kuBantwana bakwaSirayeli laya alakholwa. Thina ke Sancedisa abo bakholwayo ngokuchasene neentshaba zabo, baza baba nolongamelo

Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.