Surah 102 · 8 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

Surah At-Takathur in Xhosa

In English with tafsir

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

102:1

أَلۡهَىٰكُمُ ٱلتَّكَاثُرُ

Ukukhuphisana ngokuwanqa ubutyebi kuyaniphambukisa (ekukhonzeni uAllâh)

102:2

حَتَّىٰ زُرۡتُمُ ٱلۡمَقَابِرَ

Nide niye kubekwa emangcwabeni

102:3

كـَلَّا سَوۡفَ تَعۡلَمُونَ

Yeha! Kungekudala niza kwazi

102:4

ثُمَّ كـَلَّا سَوۡفَ تَعۡلَمُونَ

Kwakhona yeha! Kungekudala niza kwazi

102:5

كـَلَّا لَوۡ تَعۡلَمُونَ عِلۡمَ ٱلۡيَقِينِ

Yeha! Ukuba benisazi ngolwazi oluqinisekileyo (iziphumo zokuzilibazisa ngokuqokelela ubutyebi beniya kurhoxa kuloo nto, nizixakekise ngokukhonza uAllâh)

102:6

لَتَرَوُنَّ ٱلۡجَحِيمَ

Inene niza kuwubona uMlilo odwanguzayo (wesiHogo)

102:7

ثُمَّ لَتَرَوُنَّهَا عَيۡنَ ٱلۡيَقِينِ

Kwakhona, niya kuwubona ngamehlo okwenyani

102:8

ثُمَّ لَتُسۡـَٔلُنَّ يَوۡمَئِذٍ عَنِ ٱلنَّعِيمِ

Kananjalo ngaloo Mini niza kubuzwa ngobumnandi (enabuxhamlayo)

Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.