Surah 101 · 11 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

Surah Al-Qari'ah in Xhosa

In English with tafsir

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

101:1

ٱلۡقَارِعَةُ

(IYure) yesiThonga

101:2

مَا ٱلۡقَارِعَةُ

Yintoni na (iYure) yesiThonga

101:3

وَمَآ أَدۡرَىٰكَ مَا ٱلۡقَارِعَةُ

Kananjalo yintoni na enokukuchazela okokuba iyintoni na iYure yesiThonga

101:4

يَوۡمَ يَكُونُ ٱلنَّاسُ كَٱلۡفَرَاشِ ٱلۡمَبۡثُوثِ

YiMini apho abantu baya kuthi saa njengamabhabhathane

101:5

وَتَكُونُ ٱلۡجِبَالُ كَٱلۡعِهۡنِ ٱلۡمَنفُوشِ

Iintaba zibe njengoboya obucazululweyo

101:6

فَأَمَّا مَن ثَقُلَتۡ مَوَٰزِينُهُۥ

Lowo uzenzo zakhe ziya kufunyaniswa zinobunzima esikalini

101:7

فَهُوَ فِي عِيشَةٍ رَّاضِيَةٍ

Uya kuba sebomini obumnandi (ePaladesi)

101:8

وَأَمَّا مَنۡ خَفَّتۡ مَوَٰزِينُهُۥ

Ke lowo uzenzo zakhe ziya kufunyaniswa zilula esikalini

101:9

فَأُمُّهُۥ هَاوِيَةٌ

Ikhaya lakhe liya kuba senzonzobileni (esiHogweni)

101:10

وَمَآ أَدۡرَىٰكَ مَا هِيَهۡ

Yintoni na enokukuchazela okokuba iyintoni na inzonzobila

101:11

نَارٌ حَامِيَةُۢ

NguMlilo odwanguzayo

Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.