Surah 100 · 11 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

Surah Al-'Adiyat in Xhosa

In English with tafsir

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

100:1

وَٱلۡعَٰدِيَٰتِ ضَبۡحًا

Ndifunga ngamahashe agabadula, akhefuzele

100:2

فَٱلۡمُورِيَٰتِ قَدۡحًا

Atakise iintlantsi zomlilo (ngamanqina awo)

100:3

فَٱلۡمُغِيرَٰتِ صُبۡحًا

Ephumelelisa uhlaselo lwawo kwasekuseni

100:4

فَأَثَرۡنَ بِهِۦ نَقۡعًا

Aqhumise uthuli luye kutsho emafini kusenjalo

100:5

فَوَسَطۡنَ بِهِۦ جَمۡعًا

Agqobhoze, aye phambili angene esazulwini (sotshaba)

100:6

إِنَّ ٱلۡإِنسَٰنَ لِرَبِّهِۦ لَكَنُودٌ

Inene umntu (ongakholwayo) akanambulelo eNkosini yakhe (uAllâh)

100:7

وَإِنَّهُۥ عَلَىٰ ذَٰلِكَ لَشَهِيدٌ

Yaye inene ulingqina lako oko (ngezenzo zakhe)

100:8

وَإِنَّهُۥ لِحُبِّ ٱلۡخَيۡرِ لَشَدِيدٌ

Kwaye inene unobutyhuthu-tyhuthu ekuthandeni kwakhe ubutyebi

100:9

أَفَلَا يَعۡلَمُ إِذَا بُعۡثِرَ مَا فِي ٱلۡقُبُورِ

Akazi na okokuba xa okusemangcwabeni kuvunjululwe kwesaa ngaphandle

100:10

وَحُصِّلَ مَا فِي ٱلصُّدُورِ

Kuze noko kusezifubeni (zabantu) kwenziwe kwaziwe

100:11

إِنَّ رَبَّهُم بِهِمۡ يَوۡمَئِذٍ لَّخَبِيرُۢ

Inene iNkosi yakho ngaloo Mini Iya kuba Isazi konke ngabo

Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.