Surah 91 · 15 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

Surah Ash-Shams in Xhosa

In English with tafsir

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

91:1

وَٱلشَّمۡسِ وَضُحَىٰهَا

Ndifunga ngelanga nangokumenyezela kwalo

91:2

وَٱلۡقَمَرِ إِذَا تَلَىٰهَا

Nangenyanga xa ililandela

91:3

وَٱلنَّهَارِ إِذَا جَلَّىٰهَا

Nangemini xa ibonisa ukukhazimla kwalo (ilanga)

91:4

وَٱلَّيۡلِ إِذَا يَغۡشَىٰهَا

Nangobusuku xa buligquma

91:5

وَٱلسَّمَآءِ وَمَا بَنَىٰهَا

Nangezulu nangaloWo Walakhayo

91:6

وَٱلۡأَرۡضِ وَمَا طَحَىٰهَا

Nangomhlaba nangaloWo Wawandlalayo

91:7

وَنَفۡسٍ وَمَا سَوَّىٰهَا

Nangomphefulo nangaloWo Wawufezekisayo

91:8

فَأَلۡهَمَهَا فُجُورَهَا وَتَقۡوَىٰهَا

Waza kananjalo Wawubonisa okungawulungelanga noko kuwulungeleyo

91:9

قَدۡ أَفۡلَحَ مَن زَكَّىٰهَا

Inene uphumelele lowo uwuhlambululayo

91:10

وَقَدۡ خَابَ مَن دَسَّىٰهَا

Akaphumelelanga lowo uwungcolisayo

91:11

كَذَّبَتۡ ثَمُودُ بِطَغۡوَىٰهَآ

(Abantu) bakwaThamûd babaphikisa (abaProfeti babo) ngokugabadela kwabo

91:12

إِذِ ٱنۢبَعَثَ أَشۡقَىٰهَا

Xa oyena mntu wayengcole kakhulu phakathi kwabo waphuma (waya kubulala imazi yenkamela)

91:13

فَقَالَ لَهُمۡ رَسُولُ ٱللَّهِ نَاقَةَ ٱللَّهِ وَسُقۡيَٰهَا

Kodwa uMthunywa ka-Allâh (uSâlih) wathi kubo: “Ze nilumke! (Noyike isihelegu esiya kunihlela), yimazi yenkamela ka-Allâh le, ningayibulali okanye niyithintele ekuseleni amanzi wayo

91:14

فَكَذَّبُوهُ فَعَقَرُوهَا فَدَمۡدَمَ عَلَيۡهِمۡ رَبُّهُم بِذَنۢبِهِمۡ فَسَوَّىٰهَا

Bamphikisa ke bayibulala. Ngoko ke iNkosi yabo Yabatshabalalisa ngenxa yesono sabo, Yabenza batshabalala ngokulinganayo (abazizityebi nabangamahlwempu phakathi kwabo abangakholwayo)

91:15

وَلَا يَخَافُ عُقۡبَٰهَا

Kwaye uAllâh Azanga Abe naloyiko lweziphumo zako oko

Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.