Surah 40 · 85 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana
Surah Ghafir in Xhosa
بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ
تَنزِيلُ ٱلۡكِتَٰبِ مِنَ ٱللَّهِ ٱلۡعَزِيزِ ٱلۡعَلِيمِ
IsiTyhileloseNcwadi(i’Kur’ân)sivelakuAllâh,uSobunganga, uSolwazi
غَافِرِ ٱلذَّنۢبِ وَقَابِلِ ٱلتَّوۡبِ شَدِيدِ ٱلۡعِقَابِ ذِي ٱلطَّوۡلِۖ لَآ إِلَٰهَ إِلَّا هُوَۖ إِلَيۡهِ ٱلۡمَصِيرُ
UMxoleli wezono, uMamkeli wenguquko, Owohlwaya kabuhlungu, UMnini ndyebo, akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe, kukuYe apho kuza kubuyelwa khona
مَا يُجَٰدِلُ فِيٓ ءَايَٰتِ ٱللَّهِ إِلَّا ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ فَلَا يَغۡرُرۡكَ تَقَلُّبُهُمۡ فِي ٱلۡبِلَٰدِ
Akukho bani uyiphikayo imiqondiso ka-Allâh ngaphandle kwabo bangakholwayo, ngoko ke wena ungakhohliswa yintshukumo yabo ezweni lonke
كَذَّبَتۡ قَبۡلَهُمۡ قَوۡمُ نُوحٍ وَٱلۡأَحۡزَابُ مِنۢ بَعۡدِهِمۡۖ وَهَمَّتۡ كُلُّ أُمَّةِۭ بِرَسُولِهِمۡ لِيَأۡخُذُوهُۖ وَجَٰدَلُواْ بِٱلۡبَٰطِلِ لِيُدۡحِضُواْ بِهِ ٱلۡحَقَّ فَأَخَذۡتُهُمۡۖ فَكَيۡفَ كَانَ عِقَابِ
Abantu bakwaNûh baphika ngaphambili kunabo nabangakholwayo emva kwabo, ukanti sizwe ngasinye saba nenjongo (yokwenza iyelenqe) ngokuchasene noMthunywa waso, ngenjongo yokumhlasela, kananjalo baphikisana (ngokusebenzisa) ubuxoki (bezama) ukutshitshisa inyaniso. Ndabahlasela ke, (sabasibi) kanjani ke isohlwayo saM
وَكَذَٰلِكَ حَقَّتۡ كَلِمَتُ رَبِّكَ عَلَى ٱلَّذِينَ كَفَرُوٓاْ أَنَّهُمۡ أَصۡحَٰبُ ٱلنَّارِ
Lasebenza ngolo hlobo ke ilizwi leNkosi yakho kwabo bangakholwayo yaba kukuba bona baya kuba ngamadlelane oMlilo
ٱلَّذِينَ يَحۡمِلُونَ ٱلۡعَرۡشَ وَمَنۡ حَوۡلَهُۥ يُسَبِّحُونَ بِحَمۡدِ رَبِّهِمۡ وَيُؤۡمِنُونَ بِهِۦ وَيَسۡتَغۡفِرُونَ لِلَّذِينَ ءَامَنُواْۖ رَبَّنَا وَسِعۡتَ كُلَّ شَيۡءٍ رَّحۡمَةً وَعِلۡمًا فَٱغۡفِرۡ لِلَّذِينَ تَابُواْ وَٱتَّبَعُواْ سَبِيلَكَ وَقِهِمۡ عَذَابَ ٱلۡجَحِيمِ
Ezo (ngelosi) zithwala iTrone nezo ziyingqongileyo zizukisa (uAllâh) ngendumiso yeNkosi yazo yaye ziyakholwa kuYe zicelela noxolo abo bakholwayo, (zisithi): “Nkosi yethu Wena Ugubungele izinto zonke ngenceba yakho nolwazi, xolela abo baguqukileyo, balandela iNdlela yaKho, Ubakhusele kananjalo kwisohlwayo soMlilo wesiHogo
رَبَّنَا وَأَدۡخِلۡهُمۡ جَنَّٰتِ عَدۡنٍ ٱلَّتِي وَعَدتَّهُمۡ وَمَن صَلَحَ مِنۡ ءَابَآئِهِمۡ وَأَزۡوَٰجِهِمۡ وَذُرِّيَّٰتِهِمۡۚ إِنَّكَ أَنتَ ٱلۡعَزِيزُ ٱلۡحَكِيمُ
Nkosi yethu bangenise eMiyezweni yokuhlala naphakade owabathembisa ngayo bona, nabani na owayengumenzi wobulungisa kooyise babo, kubalingane babo nakubantwana babo. Inene nguWe uSobunganga, uSobulumko
وَقِهِمُ ٱلسَّيِّـَٔاتِۚ وَمَن تَقِ ٱلسَّيِّـَٔاتِ يَوۡمَئِذٍ فَقَدۡ رَحِمۡتَهُۥۚ وَذَٰلِكَ هُوَ ٱلۡفَوۡزُ ٱلۡعَظِيمُ
Ubakhusele kananjalo kwiziphumo ezingcolileyo (zezenzo zabo). Ke kaloku lowo Umkhuselayo ekungcoleni kweziphumo zaloo Mini Uya kuba Umenzele inceba, yaye oko yiyona mpumelelo inkulu.”
إِنَّ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ يُنَادَوۡنَ لَمَقۡتُ ٱللَّهِ أَكۡبَرُ مِن مَّقۡتِكُمۡ أَنفُسَكُمۡ إِذۡ تُدۡعَوۡنَ إِلَى ٱلۡإِيمَٰنِ فَتَكۡفُرُونَ
Inene abo bangakholwayo kuya kuthethwa kuthiwe kubo: “Inkcaso ka-Allâh kuni yayingaphezulu kunokuchasana kwenu ukanti nanimenyiwe kodwa nina anakholwa.’’
قَالُواْ رَبَّنَآ أَمَتَّنَا ٱثۡنَتَيۡنِ وَأَحۡيَيۡتَنَا ٱثۡنَتَيۡنِ فَٱعۡتَرَفۡنَا بِذُنُوبِنَا فَهَلۡ إِلَىٰ خُرُوجٍ مِّن سَبِيلٍ
Baya kuthi: “Nkosi yethu, Wasenza asabi nabomi kabini, Wasinika ubomi kabini, yaye siyazivuma izono zethu, ingaba ikhona na indlela yokuphuma?’’
ذَٰلِكُم بِأَنَّهُۥٓ إِذَا دُعِيَ ٱللَّهُ وَحۡدَهُۥ كَفَرۡتُمۡ وَإِن يُشۡرَكۡ بِهِۦ تُؤۡمِنُواْۚ فَٱلۡحُكۡمُ لِلَّهِ ٱلۡعَلِيِّ ٱلۡكَبِيرِ
(Kuya kuthiwa kubo): “Oku kungenxa yokuba ngelixa uAllâh Wayethandazwa, (Enqulwa) Yedwa nina naye anakholwa, Kodwa kwathi kusakwayanyaniswa abanye kuYe nakholwa. (Ngoku) ke uMgwebo ngoka-Allâh Ophakamileyo, Omkhulu.’’
هُوَ ٱلَّذِي يُرِيكُمۡ ءَايَٰتِهِۦ وَيُنَزِّلُ لَكُم مِّنَ ٱلسَّمَآءِ رِزۡقًاۚ وَمَا يَتَذَكَّرُ إِلَّا مَن يُنِيبُ
NguYe Onibonisa imiqondiso yaKhe, Athumele kuni imbonelelo ivela esibhakabhakeni. Kodwa akukho namnye oya kukhumbula ngaphandle kwalowo ubuyelayo (aguquke)
فَٱدۡعُواْ ٱللَّهَ مُخۡلِصِينَ لَهُ ٱلدِّينَ وَلَوۡ كَرِهَ ٱلۡكَٰفِرُونَ
Ngokokewena,thandazakuAllâh,unyanisekekuYeenkolweni enokuba abangakholwayo bakuchase (kangakanani) na oko
رَفِيعُ ٱلدَّرَجَٰتِ ذُو ٱلۡعَرۡشِ يُلۡقِي ٱلرُّوحَ مِنۡ أَمۡرِهِۦ عَلَىٰ مَن يَشَآءُ مِنۡ عِبَادِهِۦ لِيُنذِرَ يَوۡمَ ٱلتَّلَاقِ
(Yena uAllâh) nguSobunganga, Ongentla kwayo (yonke) imimiselo, Umnini weTrone; Uphefumlela umyalelo waKhe kulowo Athandileyo kwizicaka zaKhe, ukuba alumkise ngeMini yendibano
يَوۡمَ هُم بَٰرِزُونَۖ لَا يَخۡفَىٰ عَلَى ٱللَّهِ مِنۡهُمۡ شَيۡءٌۚ لِّمَنِ ٱلۡمُلۡكُ ٱلۡيَوۡمَۖ لِلَّهِ ٱلۡوَٰحِدِ ٱلۡقَهَّارِ
Mhla baziswa ngaphambili akukho nto emayela nabo iya kufihlakala kuAllâh. Lelikabani na lonke igunya naMhlanje? Lelika-Allâh, Omnye Ongaphikiswayo
ٱلۡيَوۡمَ تُجۡزَىٰ كُلُّ نَفۡسِۭ بِمَا كَسَبَتۡۚ لَا ظُلۡمَ ٱلۡيَوۡمَۚ إِنَّ ٱللَّهَ سَرِيعُ ٱلۡحِسَابِ
NaMhla umphefumlo ngamnye uya kuvuzwa ngoko wakusebenzelayo. Akuyi kubakho ntswela-bulungisa namhlanje! IneneuAllâh, Uyakhawulezaukufakaembuzweni
وَأَنذِرۡهُمۡ يَوۡمَ ٱلۡأٓزِفَةِ إِذِ ٱلۡقُلُوبُ لَدَى ٱلۡحَنَاجِرِ كَٰظِمِينَۚ مَا لِلظَّٰلِمِينَ مِنۡ حَمِيمٍ وَلَا شَفِيعٍ يُطَاعُ
Balumkise (Muhammad), ngeMini esondelayo, xa iintliziyo ziya kuba semqaleni, (zixhalabile). Ke kaloku kubenzi bobubi akuyi kubakho mhlobo usenyongweni kungayi kubakho mthetheleli uya kuthotyelwa
يَعۡلَمُ خَآئِنَةَ ٱلۡأَعۡيُنِ وَمَا تُخۡفِي ٱلصُّدُورُ
(UAllâh) Uyakwazi okukholisa amehlo (abo) noko kufihlwa zizifuba (zabo)
وَٱللَّهُ يَقۡضِي بِٱلۡحَقِّۖ وَٱلَّذِينَ يَدۡعُونَ مِن دُونِهِۦ لَا يَقۡضُونَ بِشَيۡءٍۗ إِنَّ ٱللَّهَ هُوَ ٱلسَّمِيعُ ٱلۡبَصِيرُ
Kananjalo uAllâh Ugweba ngenyaniso, lo gama abo bathandaza kubo ngaphandle kwaKhe bengagwebi nganto. Inene uAllâh nguSokuva, uSokubona
أَوَلَمۡ يَسِيرُواْ فِي ٱلۡأَرۡضِ فَيَنظُرُواْ كَيۡفَ كَانَ عَٰقِبَةُ ٱلَّذِينَ كَانُواْ مِن قَبۡلِهِمۡۚ كَانُواْ هُمۡ أَشَدَّ مِنۡهُمۡ قُوَّةً وَءَاثَارًا فِي ٱلۡأَرۡضِ فَأَخَذَهُمُ ٱللَّهُ بِذُنُوبِهِمۡ وَمَا كَانَ لَهُم مِّنَ ٱللَّهِ مِن وَاقٍ
Abakhenkethanga na ehlabathini babone ukuba sabanjani na isiphelo sabo babandulelayo? Bona babebakhulu kunabo ngamandla nangenkangeleko elizweni, kodwa uAllâh Wabahlasela ngezono zabo. Abazanga babe namkhuseli kuAllâh
ذَٰلِكَ بِأَنَّهُمۡ كَانَت تَّأۡتِيهِمۡ رُسُلُهُم بِٱلۡبَيِّنَٰتِ فَكَفَرُواْ فَأَخَذَهُمُ ٱللَّهُۚ إِنَّهُۥ قَوِيٌّ شَدِيدُ ٱلۡعِقَابِ
Oko kwaba ngenxa yokuba abathunywa babo beza kubo nemiqondiso ecacileyo, kodwa abakholwa, Wabahlasela ke uAllâh. Inene Yena Unamandla, Wohlwaya kabuhlungu
وَلَقَدۡ أَرۡسَلۡنَا مُوسَىٰ بِـَٔايَٰتِنَا وَسُلۡطَٰنٍ مُّبِينٍ
Kananjalo Sathumela uMûsâ nemiqondiso yeThu negunya elicacileyo
إِلَىٰ فِرۡعَوۡنَ وَهَٰمَٰنَ وَقَٰرُونَ فَقَالُواْ سَٰحِرٌ كَذَّابٌ
KuFir’awn, uHâmân no’Kârûn, kodwa bona bathi: “Yena (uMûsâ) ngumenzi wemilingo nexoki.’’
فَلَمَّا جَآءَهُم بِٱلۡحَقِّ مِنۡ عِندِنَا قَالُواْ ٱقۡتُلُوٓاْ أَبۡنَآءَ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ مَعَهُۥ وَٱسۡتَحۡيُواْ نِسَآءَهُمۡۚ وَمَا كَيۡدُ ٱلۡكَٰفِرِينَ إِلَّا فِي ضَلَٰلٍ
Ekufikeni kwakhe nenyaniso kubo evela kuThi, bathi bona: “Bulalani oonyana babo bakholwa kunye naye, nigcine abasetyhini babo bephila.” Kodwa icebo labangakholwayo alinto yanto ngaphandle kokuba kukulahleka
وَقَالَ فِرۡعَوۡنُ ذَرُونِيٓ أَقۡتُلۡ مُوسَىٰ وَلۡيَدۡعُ رَبَّهُۥٓۖ إِنِّيٓ أَخَافُ أَن يُبَدِّلَ دِينَكُمۡ أَوۡ أَن يُظۡهِرَ فِي ٱلۡأَرۡضِ ٱلۡفَسَادَ
Ke kaloku uFir’awn wathi: “Ndiyekeni ndimbulale uMûsâ yena abize eNkosini yakhe. Inene mna ndoyikisela ukuba uya kuyijika inkolo yenu kungenjalo enze ubutshinga1 emhlabeni.”
وَقَالَ مُوسَىٰٓ إِنِّي عُذۡتُ بِرَبِّي وَرَبِّكُم مِّن كُلِّ مُتَكَبِّرٍ لَّا يُؤۡمِنُ بِيَوۡمِ ٱلۡحِسَابِ
Kodwa uMûsâ wathi yena: “Inene mna ndicela ukhuseleko ngeNkosiyam EkwayiNkosiyakhongokuchasenenayenabani na osisikhukhumali ongakholwayo kwiMini yamatyala.”
وَقَالَ رَجُلٌ مُّؤۡمِنٌ مِّنۡ ءَالِ فِرۡعَوۡنَ يَكۡتُمُ إِيمَٰنَهُۥٓ أَتَقۡتُلُونَ رَجُلًا أَن يَقُولَ رَبِّيَ ٱللَّهُ وَقَدۡ جَآءَكُم بِٱلۡبَيِّنَٰتِ مِن رَّبِّكُمۡۖ وَإِن يَكُ كَٰذِبًا فَعَلَيۡهِ كَذِبُهُۥۖ وَإِن يَكُ صَادِقًا يُصِبۡكُم بَعۡضُ ٱلَّذِي يَعِدُكُمۡۖ إِنَّ ٱللَّهَ لَا يَهۡدِي مَنۡ هُوَ مُسۡرِفٌ كَذَّابٌ
Ke kaloku indoda ekholwayo yakuloFir’awn eyayilufihlile ukholo lwayo, yathi: “Ingaba uza kubulala indoda ngenxa yokusuka ithi: “INkosi yam nguAllâh”, lo gama ikunike imiqondiso ecacileyo evela eNkosini yakho? Ukanti ke ukuba iyaxoka, siya kuba phezu kwayo isiphumo sokuxoka kwayo, kodwa ukuba kuthe kanti ithetha inyaniso, kuya kukuthwaxa okuyinxalenye yoko ikuthembisa ngako. Inene uAllâh Akamkhokeli lowo ungumgabadeli nolixoki
يَٰقَوۡمِ لَكُمُ ٱلۡمُلۡكُ ٱلۡيَوۡمَ ظَٰهِرِينَ فِي ٱلۡأَرۡضِ فَمَن يَنصُرُنَا مِنۢ بَأۡسِ ٱللَّهِ إِن جَآءَنَاۚ قَالَ فِرۡعَوۡنُ مَآ أُرِيكُمۡ إِلَّا مَآ أَرَىٰ وَمَآ أَهۡدِيكُمۡ إِلَّا سَبِيلَ ٱلرَّشَادِ
Hini na bantu bakuthi, ulawulo lolwenu namhlanje elizweni. Kodwa ke ngubani na oza kusikhusela kwisohlwayo sika- Allâh sakufika kuthi?” UFir’awn wathi: “Mna andinibonisi nto ngaphandle kwale ndiyibonayo, yaye andinikhokeleli ntweni ngaphandle (kokunikhokelela) kokulungileyo.’’
وَقَالَ ٱلَّذِيٓ ءَامَنَ يَٰقَوۡمِ إِنِّيٓ أَخَافُ عَلَيۡكُم مِّثۡلَ يَوۡمِ ٱلۡأَحۡزَابِ
Wathi kananjalo lowo wayekholwa (kuMûsâ): “Hini na bantu bakuthi, inene ndiyanoyikisela kokuza kunihlela okunjengoko kwehla ngemini yamadlelane
مِثۡلَ دَأۡبِ قَوۡمِ نُوحٍ وَعَادٍ وَثَمُودَ وَٱلَّذِينَ مِنۢ بَعۡدِهِمۡۚ وَمَا ٱللَّهُ يُرِيدُ ظُلۡمًا لِّلۡعِبَادِ
Njengesehlo sabantu bakwaNûh nabakwa’Ad nabakwaThamûd nabo basemveni kwabo. Kanti ke uAllâh Akanqweneli (kwenza) ntswela bulungisa kwizicaka zaKhe
وَيَٰقَوۡمِ إِنِّيٓ أَخَافُ عَلَيۡكُمۡ يَوۡمَ ٱلتَّنَادِ
Kananjalo hini na bantu bakuthi, inene mna ndiyanoyikisela kwiMini yokuBizwa
يَوۡمَ تُوَلُّونَ مُدۡبِرِينَ مَا لَكُم مِّنَ ٱللَّهِ مِنۡ عَاصِمٍۗ وَمَن يُضۡلِلِ ٱللَّهُ فَمَا لَهُۥ مِنۡ هَادٍ
Mini leyo niya kuphethuka nibaleke; akukho mkhuseli ninaye kuAllâh, yaye lowo uAllâh Amyekele ekulahlekeni akukho bani uya kumkhokela
وَلَقَدۡ جَآءَكُمۡ يُوسُفُ مِن قَبۡلُ بِٱلۡبَيِّنَٰتِ فَمَا زِلۡتُمۡ فِي شَكٍّ مِّمَّا جَآءَكُم بِهِۦۖ حَتَّىٰٓ إِذَا هَلَكَ قُلۡتُمۡ لَن يَبۡعَثَ ٱللَّهُ مِنۢ بَعۡدِهِۦ رَسُولًاۚ كَذَٰلِكَ يُضِلُّ ٱللَّهُ مَنۡ هُوَ مُسۡرِفٌ مُّرۡتَابٌ
Kananjalo inene uYûsuf weza kuni, mandulo, enemiqondiso ecacileyo, kodwa nina anizanga nipheze ukukuthandabuza oko weza nako kuni: wada wafa, naqala nina nathi “Akukho Mprofeti uAllâh Aya kumthumela emveni kwakhe. Wenza njalo ke uAllâh ukukhokelela ekulahlekeni lowo ungumenzi wobubi nalowo uthandabuza izilumkiso zika-Allâh
ٱلَّذِينَ يُجَٰدِلُونَ فِيٓ ءَايَٰتِ ٱللَّهِ بِغَيۡرِ سُلۡطَٰنٍ أَتَىٰهُمۡۖ كَبُرَ مَقۡتًا عِندَ ٱللَّهِ وَعِندَ ٱلَّذِينَ ءَامَنُواْۚ كَذَٰلِكَ يَطۡبَعُ ٱللَّهُ عَلَىٰ كُلِّ قَلۡبِ مُتَكَبِّرٍ جَبَّارٍ
Abo baphikisanayo ngeeVesi zika-Allâh bengenamagunya afikileyo kubo, oko kulihlazo kwaye kuchaseke kakhulu kuAllâh nakwabo bakholwayo. Uyitywina kanjalo ke intliziyo yakhe wonke ubani osisikhukhumali, ongumcinezeli
وَقَالَ فِرۡعَوۡنُ يَٰهَٰمَٰنُ ٱبۡنِ لِي صَرۡحًا لَّعَلِّيٓ أَبۡلُغُ ٱلۡأَسۡبَٰبَ
Ke kaloku uFir’awn wathi: “Hini na Hâmân! Ndakhele ibhotwe eliphakamileyo ukuze ndikwazi ukuba neendlela
أَسۡبَٰبَ ٱلسَّمَٰوَٰتِ فَأَطَّلِعَ إِلَىٰٓ إِلَٰهِ مُوسَىٰ وَإِنِّي لَأَظُنُّهُۥ كَٰذِبًاۚ وَكَذَٰلِكَ زُيِّنَ لِفِرۡعَوۡنَ سُوٓءُ عَمَلِهِۦ وَصُدَّ عَنِ ٱلسَّبِيلِۚ وَمَا كَيۡدُ فِرۡعَوۡنَ إِلَّا فِي تَبَابٍ
“Iindlela (zokufikelela) emazulwini, ndikwazi nokuba ndibone uThixo kaMûsâ: kodwa inene mna ndimcingela ukuba (uMûsâ) lixoki.” Kwenziwa kwabonakala kulungile emehlweni kaFir’awn ukungcola kwezenzo zakhe yaye waye wathintelwa ukuba angangeni eNdleleni elungileyo; kananjalo icebo likaFir’awn alizanga likhokelele ntweni ngaphandle kwelahleko nentshabalalo
وَقَالَ ٱلَّذِيٓ ءَامَنَ يَٰقَوۡمِ ٱتَّبِعُونِ أَهۡدِكُمۡ سَبِيلَ ٱلرَّشَادِ
Ke kaloku yena lowo wakholwayo wathi: “Hini na bantu bakuthi landelani mna; ndiya kunikhokelela eNdleleni yezenzo ezilungileyo
يَٰقَوۡمِ إِنَّمَا هَٰذِهِ ٱلۡحَيَوٰةُ ٱلدُّنۡيَا مَتَٰعٌ وَإِنَّ ٱلۡأٓخِرَةَ هِيَ دَارُ ٱلۡقَرَارِ
Hini na bantu bakuthi: ubomi beli hlabathi abunto yanto ngaphandle kokuba lulonwabo lwethutyana, ke bona obelizayo, inene, bona likhaya lokuhlala lanaphakade elo
مَنۡ عَمِلَ سَيِّئَةً فَلَا يُجۡزَىٰٓ إِلَّا مِثۡلَهَاۖ وَمَنۡ عَمِلَ صَٰلِحًا مِّن ذَكَرٍ أَوۡ أُنثَىٰ وَهُوَ مُؤۡمِنٌ فَأُوْلَٰٓئِكَ يَدۡخُلُونَ ٱلۡجَنَّةَ يُرۡزَقُونَ فِيهَا بِغَيۡرِ حِسَابٍ
Nabani na lowo wenza isenzo sokungcola akayi kubuyekezwa nganto yimbi ngaphandle kokufana noko (kubi akwenzileyo) kodwa yena lowo wenza okulungileyo, enokuba ngoyindoda na okanye ngowasetyhini, abe elikholwa, abo baya kungeniswa eMyezweni, banikwe isixhaso (sabo) apho ngaphandle komlinganiselo
وَيَٰقَوۡمِ مَا لِيٓ أَدۡعُوكُمۡ إِلَى ٱلنَّجَوٰةِ وَتَدۡعُونَنِيٓ إِلَى ٱلنَّارِ
Kananjalo Hini na bantu bakuthi kwenzeka njani na ukuba ndithi ndinimemela elusindisweni nibe nina nindimemela eMlilweni
تَدۡعُونَنِي لِأَكۡفُرَ بِٱللَّهِ وَأُشۡرِكَ بِهِۦ مَا لَيۡسَ لِي بِهِۦ عِلۡمٌ وَأَنَا۠ أَدۡعُوكُمۡ إِلَى ٱلۡعَزِيزِ ٱلۡغَفَّٰرِ
Nina nindimemela ekubeni ndingakholwa kuAllâh nasekubeni ndayamanise endingenalwazi ngako kuYe, Mna ke ndinimemela kuSobunganga, uMxoleli
لَا جَرَمَ أَنَّمَا تَدۡعُونَنِيٓ إِلَيۡهِ لَيۡسَ لَهُۥ دَعۡوَةٌ فِي ٱلدُّنۡيَا وَلَا فِي ٱلۡأٓخِرَةِ وَأَنَّ مَرَدَّنَآ إِلَى ٱللَّهِ وَأَنَّ ٱلۡمُسۡرِفِينَ هُمۡ أَصۡحَٰبُ ٱلنَّارِ
Oko nina nindimemela kuko akunayo (impendulo) xa kucelwa (kuko) kweli hlabathi nakwelizayo; ukanti kukuAllâh apho ukubuyela kwethu kukhoyo yaye inene abagabadeli baya kuba ngamadlelane oMlilo
فَسَتَذۡكُرُونَ مَآ أَقُولُ لَكُمۡۚ وَأُفَوِّضُ أَمۡرِيٓ إِلَى ٱللَّهِۚ إِنَّ ٱللَّهَ بَصِيرُۢ بِٱلۡعِبَادِ
Kanti ke niya kukukhumbula endikutshoyo kuni, yaye ndibeka ithemba lam kuAllâh. Inene uAllâh nguMjongi wezicaka zaKhe
فَوَقَىٰهُ ٱللَّهُ سَيِّـَٔاتِ مَا مَكَرُواْۖ وَحَاقَ بِـَٔالِ فِرۡعَوۡنَ سُوٓءُ ٱلۡعَذَابِ
Ke kaloku uAllâh Wamkhusela kumayelenqe angcolileyo ababewaqulunqile baza abantu bakwaFir’awn bagutyungelwa ngesona sibi isohlwayo
ٱلنَّارُ يُعۡرَضُونَ عَلَيۡهَا غُدُوًّا وَعَشِيًّاۚ وَيَوۡمَ تَقُومُ ٱلسَّاعَةُ أَدۡخِلُوٓاْ ءَالَ فِرۡعَوۡنَ أَشَدَّ ٱلۡعَذَابِ
UMlilo; bagagana nawo ekuseni nangokuhlwa3. Kanti ngoMhla iMini yoVuko ivela (kuya kuthiwa): “Phosani (phakathi eMlilweni) abantu bakwaFir’awn bangene kwesona sohlwayo sibuhlungu.”
وَإِذۡ يَتَحَآجُّونَ فِي ٱلنَّارِ فَيَقُولُ ٱلضُّعَفَٰٓؤُاْ لِلَّذِينَ ٱسۡتَكۡبَرُوٓاْ إِنَّا كُنَّا لَكُمۡ تَبَعًا فَهَلۡ أَنتُم مُّغۡنُونَ عَنَّا نَصِيبًا مِّنَ ٱلنَّارِ
Yabona! Baya kuphikisana phakathi eMlilweni, ababebuthathaka baya kuthi kwabo babekhukhumele: “Inene thina sasingabalandeli benu, ingaba niza kusiphumza, nithabathe (esenu) isabelo soMlilo na?’’
قَالَ ٱلَّذِينَ ٱسۡتَكۡبَرُوٓاْ إِنَّا كُلٌّ فِيهَآ إِنَّ ٱللَّهَ قَدۡ حَكَمَ بَيۡنَ ٱلۡعِبَادِ
Abo babekhukhumele baya kuthi: “Inene, sisonke sikuwo nathi Inene uAllâh Ugwebile phakathi kwezicaka zaKhe.’’
وَقَالَ ٱلَّذِينَ فِي ٱلنَّارِ لِخَزَنَةِ جَهَنَّمَ ٱدۡعُواْ رَبَّكُمۡ يُخَفِّفۡ عَنَّا يَوۡمًا مِّنَ ٱلۡعَذَابِ
Abo baseMlilweni baya kuthi kubagcini besiHogo: Celani eNkosini yenu ukuba isinciphisele ngemini enye kwisohlwayo.’’
قَالُوٓاْ أَوَلَمۡ تَكُ تَأۡتِيكُمۡ رُسُلُكُم بِٱلۡبَيِّنَٰتِۖ قَالُواْ بَلَىٰۚ قَالُواْ فَٱدۡعُواْۗ وَمَا دُعَٰٓؤُاْ ٱلۡكَٰفِرِينَ إِلَّا فِي ضَلَٰلٍ
Baya kuthi: “Akuzanga kufike baThunywa nemiqondiso ecacileyo na kuni? Baya kuthi bona: “Ewe.’’ Baya kuphendula, “Ziceleleni nina (ngokwenu) kodwa isicelo sabangakholwayo asinto yanto ngaphandle kokuba kukulahleka”
إِنَّا لَنَنصُرُ رُسُلَنَا وَٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ فِي ٱلۡحَيَوٰةِ ٱلدُّنۡيَا وَيَوۡمَ يَقُومُ ٱلۡأَشۡهَٰدُ
Inene Thina Siya kubenza babe noloyiso abaThunywa bethu nabo bakholwayo ngoku besesemhlabeni kanti nangeMini amangqina aya kumiswa
يَوۡمَ لَا يَنفَعُ ٱلظَّٰلِمِينَ مَعۡذِرَتُهُمۡۖ وَلَهُمُ ٱللَّعۡنَةُ وَلَهُمۡ سُوٓءُ ٱلدَّارِ
NgeMini ukuzithethelela kwabo kungayi kubanceda abenzi bobugwenxa, yaye baya kuba nesiqalekiso, nelona khaya lakha lalibi (esiHogweni)
وَلَقَدۡ ءَاتَيۡنَا مُوسَى ٱلۡهُدَىٰ وَأَوۡرَثۡنَا بَنِيٓ إِسۡرَٰٓءِيلَ ٱلۡكِتَٰبَ
Kananjalo Thina Sanika uMûsâ isiKhokelo Senza aBantwana bakwaSirayeli baba ziindlalifa zesiBhalo
فَٱصۡبِرۡ إِنَّ وَعۡدَ ٱللَّهِ حَقٌّ وَٱسۡتَغۡفِرۡ لِذَنۢبِكَ وَسَبِّحۡ بِحَمۡدِ رَبِّكَ بِٱلۡعَشِيِّ وَٱلۡإِبۡكَٰرِ
Ngoko ke wena (Muhammad) yiba nomonde, inene isithembiso sika-Allâh siyinyaniso, ucele itarhu lesono4 sakho, uzukise (uAllâh) ngendumiso yeNkosi ngokuhlwa nasekuseni
إِنَّ ٱلَّذِينَ يُجَٰدِلُونَ فِيٓ ءَايَٰتِ ٱللَّهِ بِغَيۡرِ سُلۡطَٰنٍ أَتَىٰهُمۡ إِن فِي صُدُورِهِمۡ إِلَّا كِبۡرٌ مَّا هُم بِبَٰلِغِيهِۚ فَٱسۡتَعِذۡ بِٱللَّهِۖ إِنَّهُۥ هُوَ ٱلسَّمِيعُ ٱلۡبَصِيرُ
Inene abo baphikisanayo ngokuphathelene nemiqondiso ka- Allâh bengenagunya lifikileyo kubo – akukho nto ezifubeni zabo ngaphandle kwenkukhumalo (bona ubuProfeti) asokuze babufumane. Ke wena funa ukhuseleko ngoAllâh, inene yena nguYe OnguSokuva, uSokubona
لَخَلۡقُ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِ أَكۡبَرُ مِنۡ خَلۡقِ ٱلنَّاسِ وَلَٰكِنَّ أَكۡثَرَ ٱلنَّاسِ لَا يَعۡلَمُونَ
Ukudalwa kwamazulu nomhlaba kukhulu ngenene kunokudalwa kwabantu: kodwa uninzi lwabantu alwazi
وَمَا يَسۡتَوِي ٱلۡأَعۡمَىٰ وَٱلۡبَصِيرُ وَٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَعَمِلُواْ ٱلصَّٰلِحَٰتِ وَلَا ٱلۡمُسِيٓءُۚ قَلِيلًا مَّا تَتَذَكَّرُونَ
Kanti abalingani abaziimfama nababonayo, (bengalingani kananjalo) abo bakholwayo, benza ubulungisa nabo benza ukungcola, kuncinane enikuqaphelayo
إِنَّ ٱلسَّاعَةَ لَأٓتِيَةٌ لَّا رَيۡبَ فِيهَا وَلَٰكِنَّ أَكۡثَرَ ٱلنَّاسِ لَا يُؤۡمِنُونَ
Inene iYure iyeza yona, akukho ntandabuzo ngayo, kodwa abantu abaninzi abakholwa
وَقَالَ رَبُّكُمُ ٱدۡعُونِيٓ أَسۡتَجِبۡ لَكُمۡۚ إِنَّ ٱلَّذِينَ يَسۡتَكۡبِرُونَ عَنۡ عِبَادَتِي سَيَدۡخُلُونَ جَهَنَّمَ دَاخِرِينَ
Ke kaloku iNkosi yakho Ithi: “Cela kuM; Ndiya kukuphendula Mna. Inene abo bakucekisayo ukunqulwa kwaM baya kungena esiHogweni bedelekile.”
ٱللَّهُ ٱلَّذِي جَعَلَ لَكُمُ ٱلَّيۡلَ لِتَسۡكُنُواْ فِيهِ وَٱلنَّهَارَ مُبۡصِرًاۚ إِنَّ ٱللَّهَ لَذُو فَضۡلٍ عَلَى ٱلنَّاسِ وَلَٰكِنَّ أَكۡثَرَ ٱلنَّاسِ لَا يَشۡكُرُونَ
NguAllâh Owanenzela ubusuku ukuze niphumle ngabo nemini (ukuba) ininike ukubona. Inene uAllâh nguMnini- Bubele eluntwini. Kodwa uninzi lwabantu alunambulelo
ذَٰلِكُمُ ٱللَّهُ رَبُّكُمۡ خَٰلِقُ كُلِّ شَيۡءٍ لَّآ إِلَٰهَ إِلَّا هُوَۖ فَأَنَّىٰ تُؤۡفَكُونَ
NguAllâh ke loWo, iNkosi yakho, uMdali wezinto zonke; akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe, kanti nimfamekiseke njani na
كَذَٰلِكَ يُؤۡفَكُ ٱلَّذِينَ كَانُواْ بِـَٔايَٰتِ ٱللَّهِ يَجۡحَدُونَ
(Nabangaphambili) kunani baya bamfamekiseka ngolo hlobo, besala iiVesi zika-Allâh
ٱللَّهُ ٱلَّذِي جَعَلَ لَكُمُ ٱلۡأَرۡضَ قَرَارًا وَٱلسَّمَآءَ بِنَآءً وَصَوَّرَكُمۡ فَأَحۡسَنَ صُوَرَكُمۡ وَرَزَقَكُم مِّنَ ٱلطَّيِّبَٰتِۚ ذَٰلِكُمُ ٱللَّهُ رَبُّكُمۡۖ فَتَبَارَكَ ٱللَّهُ رَبُّ ٱلۡعَٰلَمِينَ
NguAllâh Onenzele umhlaba waba yindawo yokuzinza nesibhakabhaka saba luphahla, Wanibumba, Wanifezekisela izimo zenu Wanibonelela ngezinto ezilungileyo. NguAllâh ke loWo, iNkosi yenu; Usikelelekile uAllâh iNkosi, uMlondolozi wamaphakade.’’
هُوَ ٱلۡحَيُّ لَآ إِلَٰهَ إِلَّا هُوَ فَٱدۡعُوهُ مُخۡلِصِينَ لَهُ ٱلدِّينَۗ ٱلۡحَمۡدُ لِلَّهِ رَبِّ ٱلۡعَٰلَمِينَ
Yena Uphila ngonaphakade, akukho thixo wumbi ngaphandle kwaKhe, ngoko thandazani kuYe, ninyanisekile kuYe enkolweni, iindumiso zonke mazibe kuAllâh iNkosi yamaphakade
قُلۡ إِنِّي نُهِيتُ أَنۡ أَعۡبُدَ ٱلَّذِينَ تَدۡعُونَ مِن دُونِ ٱللَّهِ لَمَّا جَآءَنِيَ ٱلۡبَيِّنَٰتُ مِن رَّبِّي وَأُمِرۡتُ أَنۡ أُسۡلِمَ لِرَبِّ ٱلۡعَٰلَمِينَ
Yithi (Muhammad): “Inene mna ndalelwa ukuba ndinqule abo nibanqulayo ngaphandle koAllâh, nje ukufika kwemiqondiso evela eNkosini yam, kwaye mna ndiyalelwe ukuba ndizinikele eNkosini yamaphakade.’’
هُوَ ٱلَّذِي خَلَقَكُم مِّن تُرَابٍ ثُمَّ مِن نُّطۡفَةٍ ثُمَّ مِنۡ عَلَقَةٍ ثُمَّ يُخۡرِجُكُمۡ طِفۡلًا ثُمَّ لِتَبۡلُغُوٓاْ أَشُدَّكُمۡ ثُمَّ لِتَكُونُواْ شُيُوخًاۚ وَمِنكُم مَّن يُتَوَفَّىٰ مِن قَبۡلُۖ وَلِتَبۡلُغُوٓاْ أَجَلًا مُّسَمًّى وَلَعَلَّكُمۡ تَعۡقِلُونَ
Nguye Owanidalayo ngothuli, emva koko ngeqabaza lembewu yomntu, emva koko ngehlwili elinamathelayo; emva koko Unikhuphela ngaphandle ningabantwana, Aphinde Aniphucule nifikelele ebuntwini, Niphinde nibe ngamaxhego. Ukanti phakathi kwenu kukho abo bathatyathwa bafe phambi (koko) khona ukuze nifikelele kwithuba elithile; mhlawumbi niya kuyisebenzisa ingqiqo
هُوَ ٱلَّذِي يُحۡيِۦ وَيُمِيتُۖ فَإِذَا قَضَىٰٓ أَمۡرًا فَإِنَّمَا يَقُولُ لَهُۥ كُن فَيَكُونُ
NguYe Onika ubomi Enze ukufa; Xa Emisela into Usuka Athi kuyo: “Yibakho”, ibekho
أَلَمۡ تَرَ إِلَى ٱلَّذِينَ يُجَٰدِلُونَ فِيٓ ءَايَٰتِ ٱللَّهِ أَنَّىٰ يُصۡرَفُونَ
Akubaboni na ukuba baphambuke njani na abo baphikisana nemiqondiso ka-Allâh
ٱلَّذِينَ كَذَّبُواْ بِٱلۡكِتَٰبِ وَبِمَآ أَرۡسَلۡنَا بِهِۦ رُسُلَنَاۖ فَسَوۡفَ يَعۡلَمُونَ
Abo bayiphikayo iNcwadi (i’Kur’ân) noko Sakuthumela abaThunywa beThu baza kwazi
إِذِ ٱلۡأَغۡلَٰلُ فِيٓ أَعۡنَٰقِهِمۡ وَٱلسَّلَٰسِلُ يُسۡحَبُونَ
Xa amakhamandela ebathandele ezintanyeni zabo namakhonkco; baya kurhuqwa
فِي ٱلۡحَمِيمِ ثُمَّ فِي ٱلنَّارِ يُسۡجَرُونَ
Emanzini abilayo; naseMlilweni baya kuhlohlwa (amadangatya oMlilo eziswini zabo)
ثُمَّ قِيلَ لَهُمۡ أَيۡنَ مَا كُنتُمۡ تُشۡرِكُونَ
Kuze kuthiwe kubo: “Baphi na abo nanidla ngokubayamanisa njengamahlulelane (kuAllâh)
مِن دُونِ ٱللَّهِۖ قَالُواْ ضَلُّواْ عَنَّا بَل لَّمۡ نَكُن نَّدۡعُواْ مِن قَبۡلُ شَيۡـًٔاۚ كَذَٰلِكَ يُضِلُّ ٱللَّهُ ٱلۡكَٰفِرِينَ
bengengo-Allâh?’’ Baya kuthi bona: “Basishiyile: gxebe, asizanga sinqule nto thina ngaphambili,” Ubalahlekisa ngolo hlobo ke uAllâh abangakholwayo
ذَٰلِكُم بِمَا كُنتُمۡ تَفۡرَحُونَ فِي ٱلۡأَرۡضِ بِغَيۡرِ ٱلۡحَقِّ وَبِمَا كُنتُمۡ تَمۡرَحُونَ
(Iingelosi ziya kuthi): “Oko kwaba ngenxa yokuba nina nanizikhukhumalisa emhlabeni ngokungekho lungelweni yaye naniziphethe ngolunya
ٱدۡخُلُوٓاْ أَبۡوَٰبَ جَهَنَّمَ خَٰلِدِينَ فِيهَاۖ فَبِئۡسَ مَثۡوَى ٱلۡمُتَكَبِّرِينَ
NgenanikeemasangweniesiHogonihlaleaphongonaphakade, hayi ukungcola kwendawo yokuhlala izikhukhumali!”
فَٱصۡبِرۡ إِنَّ وَعۡدَ ٱللَّهِ حَقٌّۚ فَإِمَّا نُرِيَنَّكَ بَعۡضَ ٱلَّذِي نَعِدُهُمۡ أَوۡ نَتَوَفَّيَنَّكَ فَإِلَيۡنَا يُرۡجَعُونَ
Ngoko ke wena (Muhammad) yiba nomonde; inene isithembiso sika-Allâh siyinyaniso. Enokuba Singakubonisa inxalenye yoko Sibathembise kona okanye Sikuthabathe wena ngokufa, kukuThi apho baza kubuyiselwa khona
وَلَقَدۡ أَرۡسَلۡنَا رُسُلًا مِّن قَبۡلِكَ مِنۡهُم مَّن قَصَصۡنَا عَلَيۡكَ وَمِنۡهُم مَّن لَّمۡ نَقۡصُصۡ عَلَيۡكَۗ وَمَا كَانَ لِرَسُولٍ أَن يَأۡتِيَ بِـَٔايَةٍ إِلَّا بِإِذۡنِ ٱللَّهِۚ فَإِذَا جَآءَ أَمۡرُ ٱللَّهِ قُضِيَ بِٱلۡحَقِّ وَخَسِرَ هُنَالِكَ ٱلۡمُبۡطِلُونَ
Ke kaloku Sanithumela abaThunywa ngaphambi kwenu. Phakathi kwabo kukho abo (iimbali zabo) sele Sikubalisele ngazo, kuze phakathi kwabo kubekho abo (iimbali zabo) Singakubaliselanga ngazo. Kananjalo yayingekokwakhe nawuphi na uMthunywa ukuba eze nomqondiso (okanye iVesi) ngaphandle kwemvume ka-Allâh. Ngoko ke xa umyalelo ka-Allâh ufika uya kufezekiswa ngenyaniso baze abaqambi bobuxoki balahlekelwe
ٱللَّهُ ٱلَّذِي جَعَلَ لَكُمُ ٱلۡأَنۡعَٰمَ لِتَرۡكَبُواْ مِنۡهَا وَمِنۡهَا تَأۡكُلُونَ
NguAllâh Owanenzela izilwanyana ezidla ingca eniziqabelayo, ukanti ezinye zazo niyazidla
وَلَكُمۡ فِيهَا مَنَٰفِعُ وَلِتَبۡلُغُواْ عَلَيۡهَا حَاجَةً فِي صُدُورِكُمۡ وَعَلَيۡهَا وَعَلَى ٱلۡفُلۡكِ تُحۡمَلُونَ
Ukanti kwalapho kuzo nineenzuzo (ezizezinye) kanti kwalapho kuzo nifezekisa iimfuno ezisezifubeni5 zenu, ukanti zona neenqanawa ziyanithwala
وَيُرِيكُمۡ ءَايَٰتِهِۦ فَأَيَّ ءَايَٰتِ ٱللَّهِ تُنكِرُونَ
Ke kaloku Yena Unibonise imiqondiso yaKhe ngoko ke yiyiphi le miqondiso ka-Allâh niyiphikayo
أَفَلَمۡ يَسِيرُواْ فِي ٱلۡأَرۡضِ فَيَنظُرُواْ كَيۡفَ كَانَ عَٰقِبَةُ ٱلَّذِينَ مِن قَبۡلِهِمۡۚ كَانُوٓاْ أَكۡثَرَ مِنۡهُمۡ وَأَشَدَّ قُوَّةً وَءَاثَارًا فِي ٱلۡأَرۡضِ فَمَآ أَغۡنَىٰ عَنۡهُم مَّا كَانُواْ يَكۡسِبُونَ
Kanti abakahamba-hambi na ehlabathini babone ukuba sabanjani na isiphelo sabo babandulelayo? babebaninzi ngakumbi kunabo, benamandla nomfaneleko ngakumbi kunabo ehlabathini, kodwa azanga bancedakale koko bakusebenzelayo
فَلَمَّا جَآءَتۡهُمۡ رُسُلُهُم بِٱلۡبَيِّنَٰتِ فَرِحُواْ بِمَا عِندَهُم مِّنَ ٱلۡعِلۡمِ وَحَاقَ بِهِم مَّا كَانُواْ بِهِۦ يَسۡتَهۡزِءُونَ
Kananjalo ukufika kwabaThunywa babo kubo nobungqina obucacileyo, (basuka) bagutyungelwa koko babekugculela
فَلَمَّا رَأَوۡاْ بَأۡسَنَا قَالُوٓاْ ءَامَنَّا بِٱللَّهِ وَحۡدَهُۥ وَكَفَرۡنَا بِمَا كُنَّا بِهِۦ مُشۡرِكِينَ
Ke kaloku bakubona isohlwayo seThu, bathi: “Sikholwa kuAllâhYedwathina,asikholwakokobesikadesikwayamanisa naYe.”
فَلَمۡ يَكُ يَنفَعُهُمۡ إِيمَٰنُهُمۡ لَمَّا رَأَوۡاْ بَأۡسَنَاۖ سُنَّتَ ٱللَّهِ ٱلَّتِي قَدۡ خَلَتۡ فِي عِبَادِهِۦۖ وَخَسِرَ هُنَالِكَ ٱلۡكَٰفِرُونَ
Kodwa aluzanga ukholo lwabo lubancede (nto), ukubonana kwabo nesohlwayo seThu. (Sona) yindlela eyamiselwayo ka-Allâh Aqubisana ngayo nezicaka zaKhe. Apho ke abangakholwayo balahlekelwa (yinto yonke)
Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.