Surah 82 · 19 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana
Surah Al-Infitar in Xhosa
بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ
عَلِمَتۡ نَفۡسٌ مَّا قَدَّمَتۡ وَأَخَّرَتۡ
Umphefumlo (ngamnye) uya kuyazi into oze nayo ngaphambili noyishiye ngemva
يَٰٓأَيُّهَا ٱلۡإِنسَٰنُ مَا غَرَّكَ بِرَبِّكَ ٱلۡكَرِيمِ
Hini na wena mntu! Yintoni na ekwenze akwaYihoya iNkosi yakho, uSobubele
فِيٓ أَيِّ صُورَةٍ مَّا شَآءَ رَكَّبَكَ
Nayiphi na imo Ethanda ukuba ube yiyo wena; Ikudibanisa ube njalo
وَمَآ أَدۡرَىٰكَ مَا يَوۡمُ ٱلدِّينِ
Yintoni na enokukucacisela ukuba uMhla wemivuzo (lo) uyintoni na
ثُمَّ مَآ أَدۡرَىٰكَ مَا يَوۡمُ ٱلدِّينِ
Kwakhona yintoni na enokukucacisela ukuba uMhla wemivuzo (lo) uyintoni na
يَوۡمَ لَا تَمۡلِكُ نَفۡسٌ لِّنَفۡسٍ شَيۡـًٔاۖ وَٱلۡأَمۡرُ يَوۡمَئِذٍ لِّلَّهِ
Iya kuba yiMini apho kungekho mphefumlo uya kuba namandla akwenzela nto omnye. Yaye ulawulo ngaloo Mini luya kuba loluka-Allâh (lonke)
Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.