Surah 96 · 19 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

Surah Al-'Alaq in Xhosa

In English with tafsir

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

96:1

ٱقۡرَأۡ بِٱسۡمِ رَبِّكَ ٱلَّذِي خَلَقَ

Funda! Egameni leNkosi yakho Eyadalayo

96:2

خَلَقَ ٱلۡإِنسَٰنَ مِنۡ عَلَقٍ

Yadala umntu ngehlwili legazi

96:3

ٱقۡرَأۡ وَرَبُّكَ ٱلۡأَكۡرَمُ

Funda iNkosi yakho Inesisa

96:4

ٱلَّذِي عَلَّمَ بِٱلۡقَلَمِ

Yona Yafundisa ukubhala ngosiba

96:5

عَلَّمَ ٱلۡإِنسَٰنَ مَا لَمۡ يَعۡلَمۡ

Yamfundisa umntu oko abengakwazi

96:6

كـَلَّآ إِنَّ ٱلۡإِنسَٰنَ لَيَطۡغَىٰٓ

Kodwa inene umntu uyagabadela

96:7

أَن رَّءَاهُ ٱسۡتَغۡنَىٰٓ

Kuba uzicingela ukuba akaxhomekekanga ntweni

96:8

إِنَّ إِلَىٰ رَبِّكَ ٱلرُّجۡعَىٰٓ

Inene eNkosini yakho kulapho kuza kubuyelwa khona

96:9

أَرَءَيۡتَ ٱلَّذِي يَنۡهَىٰ

Umbonile na lowo uthintela

96:10

عَبۡدًا إِذَا صَلَّىٰٓ

Umkhonzi xa ethandaza

96:11

أَرَءَيۡتَ إِن كَانَ عَلَى ٱلۡهُدَىٰٓ

Ingaba umbona ekuso isiKhokelo kusini na

96:12

أَوۡ أَمَرَ بِٱلتَّقۡوَىٰٓ

Okanye uyalela (abantu) ukuba bahlonele (uAllâh)

96:13

أَرَءَيۡتَ إِن كَذَّبَ وَتَوَلَّىٰٓ

Umbonile na ukuba uphika inkolo, afulathele

96:14

أَلَمۡ يَعۡلَم بِأَنَّ ٱللَّهَ يَرَىٰ

Akazi na ukuba uAllâh Uyambona

96:15

كـَلَّا لَئِن لَّمۡ يَنتَهِ لَنَسۡفَعَۢا بِٱلنَّاصِيَةِ

Nakanye ukuba akayeki siya kumrhuqa ngenwele zebunzi lakhe

96:16

نَاصِيَةٍ كَٰذِبَةٍ خَاطِئَةٍ

(Ezo) nwele zebunzi lexoki

96:17

فَلۡيَدۡعُ نَادِيَهُۥ

Makabize koogxabakhe (bamncede) ke

96:18

سَنَدۡعُ ٱلزَّبَانِيَةَ

Thina Siya kubiza abagcini siHogo. (Baqubisane naye)

96:19

كـَلَّا لَا تُطِعۡهُ وَٱسۡجُدۡۤ وَٱقۡتَرِب

Nakanye! Ungamthobeli lowo, wena, qubuda, uzisondeze (kuAllâh)

Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.