بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ
87:1سَبِّحِ ٱسۡمَ رَبِّكَ ٱلۡأَعۡلَى
Zukisa igama leNkosi, UMlondolozi, Ophakamileyo
87:2ٱلَّذِي خَلَقَ فَسَوَّىٰ
Odale, Wacwangcisa ngokupheleleyo
87:3وَٱلَّذِي قَدَّرَ فَهَدَىٰ
Owise (umthetho), Wanika isiKhokelo
87:4وَٱلَّذِيٓ أَخۡرَجَ ٱلۡمَرۡعَىٰ
Ovelise amadlelo aluhlaza
87:5فَجَعَلَهُۥ غُثَآءً أَحۡوَىٰ
Aphinde awaguqule, Awenze atshazwe
87:6سَنُقۡرِئُكَ فَلَا تَنسَىٰٓ
Siyakukufundisawena(Muhammadi’Kur’ân) ngamanqanaba ukuze ungalibali
87:7إِلَّا مَا شَآءَ ٱللَّهُۚ إِنَّهُۥ يَعۡلَمُ ٱلۡجَهۡرَ وَمَا يَخۡفَىٰ
Ngaphandle koko uAllâh Athande (ukuba ukulibale). Inene Yena Uyakwazi okubonakalayo nokungabonakaliyo
87:8وَنُيَسِّرُكَ لِلۡيُسۡرَىٰ
Siya kukwenzela lula indlela yakho ukuze kube lula (ukushumayela i-Islam)
87:9فَذَكِّرۡ إِن نَّفَعَتِ ٱلذِّكۡرَىٰ
Ngoko ke nika isilumkiso eluntwini kuba isilumkiso siluncedo
87:10سَيَذَّكَّرُ مَن يَخۡشَىٰ
Uya kusiphulaphula onoloyiko
87:11وَيَتَجَنَّبُهَا ٱلۡأَشۡقَى
Kodwa asiyi kuhoywa ngonelishwa
87:12ٱلَّذِي يَصۡلَى ٱلنَّارَ ٱلۡكُبۡرَىٰ
Yena lowo uya kungeniswa kuMlilokazi omkhulu
87:13ثُمَّ لَا يَمُوتُ فِيهَا وَلَا يَحۡيَىٰ
Akayi kufa apho engayi kuphila
87:14قَدۡ أَفۡلَحَ مَن تَزَكَّىٰ
Inene uyaphumelela ozihlambululayo
87:15وَذَكَرَ ٱسۡمَ رَبِّهِۦ فَصَلَّىٰ
(Ohlala) ekhumbula igama leNkosi yakhe athandaze nokuthandaza
87:16بَلۡ تُؤۡثِرُونَ ٱلۡحَيَوٰةَ ٱلدُّنۡيَا
Kodwa nina nikhetha ubomi beli hlabathi
87:17وَٱلۡأٓخِرَةُ خَيۡرٌ وَأَبۡقَىٰٓ
Nangona uBomi Obuzayo ibobona bulungileyo bungenaso nasiphelo
87:18إِنَّ هَٰذَا لَفِي ٱلصُّحُفِ ٱلۡأُولَىٰ
Inene oku kukwiziBhalo zokuqala
87:19صُحُفِ إِبۡرَٰهِيمَ وَمُوسَىٰ
IziBhalo zikaIbrâhîm noMûsâ
Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.