Surah 86 · 17 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

Surah At-Tariq in Xhosa

In English with tafsir

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

86:1

وَٱلسَّمَآءِ وَٱلطَّارِقِ

Ndifunga ngesibhakabhaka nangondwendwe lwasebusuku (inkwenkwezi ekhazimla kakhulu)

86:2

وَمَآ أَدۡرَىٰكَ مَا ٱلطَّارِقُ

Yintoni na enokukucacisela okokuba undwendwe lwasebusuku yintoni na

86:3

ٱلنَّجۡمُ ٱلثَّاقِبُ

Yinkwenkwezi ekukhazimla kwayo kugqobhozelayo

86:4

إِن كُلُّ نَفۡسٍ لَّمَّا عَلَيۡهَا حَافِظٌ

Umphefumlo ngamnye unomkhuseli phezu kwawo

86:5

فَلۡيَنظُرِ ٱلۡإِنسَٰنُ مِمَّ خُلِقَ

Ngoko ke umntu makajonge ukuba udalwe ngantoni na

86:6

خُلِقَ مِن مَّآءٍ دَافِقٍ

Udalwe ngamanzi atsawulayo

86:7

يَخۡرُجُ مِنۢ بَيۡنِ ٱلصُّلۡبِ وَٱلتَّرَآئِبِ

Avela phakathi komqolo neembambo

86:8

إِنَّهُۥ عَلَىٰ رَجۡعِهِۦ لَقَادِرٌ

Inene uAllâh Uyakwazi ukuphinda ambuyisele (ebomini) kwakhona

86:9

يَوۡمَ تُبۡلَى ٱلسَّرَآئِرُ

NgeMini apho iimfihlelo ziya kuvavanywa

86:10

فَمَا لَهُۥ مِن قُوَّةٍ وَلَا نَاصِرٍ

Ngoko (umntu) akayi kuba namandla engayi kuba namncedisi

86:11

وَٱلسَّمَآءِ ذَاتِ ٱلرَّجۡعِ

Ndifunga ngesibhakabhaka (esiza nemvula) siphindaphinde

86:12

وَٱلۡأَرۡضِ ذَاتِ ٱلصَّدۡعِ

Nangomhlaba ocazulukayo (xa kuhluma uhlaza kuwo)

86:13

إِنَّهُۥ لَقَوۡلٌ فَصۡلٌ

Inene le (‘Kur’ân) liLizwi elihluza (inyani ebuxokini)

86:14

وَمَا هُوَ بِٱلۡهَزۡلِ

Yaye asiyonto yokonwabisa

86:15

إِنَّهُمۡ يَكِيدُونَ كَيۡدًا

Inene bona baqulunqa iyelenqe ngawe (Muhammad)

86:16

وَأَكِيدُ كَيۡدًا

Kanti naM (oku kwaM) Ndiqulunqa icebo (ngokuchasene nabo)

86:17

فَمَهِّلِ ٱلۡكَٰفِرِينَ أَمۡهِلۡهُمۡ رُوَيۡدَۢا

Khawubayekelele abangakholwayo, ubaphathe ngobunono okwethutyana

Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.