Surah 52 · 49 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana
Surah At-Tur in Xhosa
بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ
يَوۡمَ يُدَعُّونَ إِلَىٰ نَارِ جَهَنَّمَ دَعًّا
Ngemini abaya kutshovelwa eMlilweni wesiHogo ngamandla
هَٰذِهِ ٱلنَّارُ ٱلَّتِي كُنتُم بِهَا تُكَذِّبُونَ
(Kuya kuthiwa kubo): “Nangu ke lo Mlilo naniwuphika
ٱصۡلَوۡهَا فَٱصۡبِرُوٓاْ أَوۡ لَا تَصۡبِرُواْ سَوَآءٌ عَلَيۡكُمۡۖ إِنَّمَا تُجۡزَوۡنَ مَا كُنتُمۡ تَعۡمَلُونَ
(Ngenani ke) nitshe phakathi apho; yibani nomonde okanye ningabi namonde kuyafana kuni. Nihlawulwa ngoko nakwenzayo kuphela
فَٰكِهِينَ بِمَآ ءَاتَىٰهُمۡ رَبُّهُمۡ وَوَقَىٰهُمۡ رَبُّهُمۡ عَذَابَ ٱلۡجَحِيمِ
Esonwabela oko iNkosi yawo Iwanike kona, Ibe neNkosi yawo Iwakhusele esohlwayweni soMlilo wesiHogo
كُلُواْ وَٱشۡرَبُواْ هَنِيٓـَٔۢا بِمَا كُنتُمۡ تَعۡمَلُونَ
(Kuya kuthiwa kwabakholwayo): “Yidlani, nisele, naneliseke ngenxa yoko nakwenzayo.”
مُتَّكِـِٔينَ عَلَىٰ سُرُرٍ مَّصۡفُوفَةٍۖ وَزَوَّجۡنَٰهُم بِحُورٍ عِينٍ
Baya kuba bengqiyamile ezitroneni ezidwelisiweyo, kananjalo Siya kubatshatisa neembelukazi zabafazi abanamehlo amakhulu (amahle)
وَٱلَّذِينَ ءَامَنُواْ وَٱتَّبَعَتۡهُمۡ ذُرِّيَّتُهُم بِإِيمَٰنٍ أَلۡحَقۡنَا بِهِمۡ ذُرِّيَّتَهُمۡ وَمَآ أَلَتۡنَٰهُم مِّنۡ عَمَلِهِم مِّن شَيۡءٍۚ كُلُّ ٱمۡرِيِٕۭ بِمَا كَسَبَ رَهِينٌ
Abo baya bakholwa abantwana babo balandela ekhondweni labo ngokholo Siya kubadibanisa nenzala yabo, kwaye aSiyi kubabandeza nto kwizinto zabo. Umntu ngamnye awakusebenzelayo kugciniwe
وَأَمۡدَدۡنَٰهُم بِفَٰكِهَةٍ وَلَحۡمٍ مِّمَّا يَشۡتَهُونَ
Kananjalo Siya kubapha iziqhamo nenyama nantoni na abaya kuyinqwenela
يَتَنَٰزَعُونَ فِيهَا كَأۡسًا لَّا لَغۡوٌ فِيهَا وَلَا تَأۡثِيمٌ
Baya kunikana indebe (yewayini) apho akuyi kubakho ntetho imbi nakwenziwa kwasono
وَيَطُوفُ عَلَيۡهِمۡ غِلۡمَانٌ لَّهُمۡ كَأَنَّهُمۡ لُؤۡلُؤٌ مَّكۡنُونٌ
Kuya kuhamba hamba phakathi kwabo (izicaka) ezingamakhwenkwana azele ukulungiselela bona engathi ziiperile ezilondoloziweyo
قَالُوٓاْ إِنَّا كُنَّا قَبۡلُ فِيٓ أَهۡلِنَا مُشۡفِقِينَ
Baya kuthi: “Inene thina kwixesha elidlulileyo esasikunye nabantu bakuthi ngalo sasisoyika (ukumenza umsindo uAllâh)
فَمَنَّ ٱللَّهُ عَلَيۡنَا وَوَقَىٰنَا عَذَابَ ٱلسَّمُومِ
Waza uAllâh Wasibonelela ngobuBele baKhe, Wasikhusela kananjalo kwisohlwayo soMlilo otshisayo
إِنَّا كُنَّا مِن قَبۡلُ نَدۡعُوهُۖ إِنَّهُۥ هُوَ ٱلۡبَرُّ ٱلرَّحِيمُ
Inene sasidla ngokucela kuYe ngaphambili. Inene, nguYe OnguMncedi, uSozinceba
فَذَكِّرۡ فَمَآ أَنتَ بِنِعۡمَتِ رَبِّكَ بِكَاهِنٍ وَلَا مَجۡنُونٍ
Ngoko ke wena (Muhammad) khumbuza kuba wena ngoBabalo lweNkosi yakho akungosiyavumisa okanye umntu ophambeneyo
أَمۡ يَقُولُونَ شَاعِرٌ نَّتَرَبَّصُ بِهِۦ رَيۡبَ ٱلۡمَنُونِ
Okanye bathi (ngawe): “Yimbongi esilindele ukuba ihlelwe lilishwa lexesha”
قُلۡ تَرَبَّصُواْ فَإِنِّي مَعَكُم مِّنَ ٱلۡمُتَرَبِّصِينَ
Yithi wena: “Lindani kaloku, kuba nam phakathi kwenu ndingomnye wabalindileyo!”
أَمۡ تَأۡمُرُهُمۡ أَحۡلَٰمُهُم بِهَٰذَآۚ أَمۡ هُمۡ قَوۡمٌ طَاغُونَ
Makube mhlawumbi ziingqondo zabo ezibayalela ukuba (batsho) obu (buxoki ngawe Muhammad), okanye (bona) bangabantu nje abagabadeleyo
أَمۡ يَقُولُونَ تَقَوَّلَهُۥۚ بَل لَّا يُؤۡمِنُونَ
Okanye bathi: “Uyiqambe ngokwakhe (i’Kur’ân)”? Yeha bona abakholwa
فَلۡيَأۡتُواْ بِحَدِيثٍ مِّثۡلِهِۦٓ إِن كَانُواْ صَٰدِقِينَ
Mabavelise isicengcelezo esifana nayo (i’Kur’ân) kaloku ukuba bathetha inyaniso
أَمۡ خُلِقُواْ مِنۡ غَيۡرِ شَيۡءٍ أَمۡ هُمُ ٱلۡخَٰلِقُونَ
Makube mhlawumbi badalwa ngento engekhoyo? Okanye ngabo abangabadali
أَمۡ خَلَقُواْ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضَۚ بَل لَّا يُوقِنُونَ
Makube mhlawumbi ngabo abadala amazulu nomhlaba? Nakanye abaqinisekanga
أَمۡ عِندَهُمۡ خَزَآئِنُ رَبِّكَ أَمۡ هُمُ ٱلۡمُصَۜيۡطِرُونَ
Makube mhlawumbi banoovimba (bobutyebi) beNkosi yakho, Okanye bangabalawuli babo (oovimba abo)
أَمۡ لَهُمۡ سُلَّمٌ يَسۡتَمِعُونَ فِيهِۖ فَلۡيَأۡتِ مُسۡتَمِعُهُم بِسُلۡطَٰنٍ مُّبِينٍ
Okanye banomchankcatho (wokuya ezulwini) abaphulaphula ngawo (iimfihlelo zezulu)? Ukuba kunnalo, umphulaphuli lowo wabo makaze nobungqina obucacileyo kaloku
أَمۡ تَسۡـَٔلُهُمۡ أَجۡرًا فَهُم مِّن مَّغۡرَمٍ مُّثۡقَلُونَ
Okanye wena (Muhammad), ubabiza intlawulo (ngalo myalezo) ukuze bazive besindekile ngumthwalo (wetyala lentlawulo)
أَمۡ يُرِيدُونَ كَيۡدًاۖ فَٱلَّذِينَ كَفَرُواْ هُمُ ٱلۡمَكِيدُونَ
Okanye baqulunqa icebo? Kodwa abo bangakholwayo ngabo ekuqulunqwa ngabo
أَمۡ لَهُمۡ إِلَٰهٌ غَيۡرُ ٱللَّهِۚ سُبۡحَٰنَ ٱللَّهِ عَمَّا يُشۡرِكُونَ
OkanyebanomnyeuthixoongaphandlekoAllâh?Makazukiswe uAllâh Ongentla kwayo yonke into abayayamanisa naYe
وَإِن يَرَوۡاْ كِسۡفًا مِّنَ ٱلسَّمَآءِ سَاقِطًا يَقُولُواْ سَحَابٌ مَّرۡكُومٌ
Ke kaloku xa benokubona iceba lisiwa livela esibhakabhakeni bangathi: “Ngamafu (njee) ayinqumba!”
فَذَرۡهُمۡ حَتَّىٰ يُلَٰقُواْ يَوۡمَهُمُ ٱلَّذِي فِيهِ يُصۡعَقُونَ
Bayeke ke wena bade badibane neMini yabo abaya kubethwa bengaqondi
يَوۡمَ لَا يُغۡنِي عَنۡهُمۡ كَيۡدُهُمۡ شَيۡـًٔا وَلَا هُمۡ يُنصَرُونَ
Mini leyo icebo labo lingayi kubanceda nto, bengayi kuncedwa nakuncedwa
وَإِنَّ لِلَّذِينَ ظَلَمُواْ عَذَابًا دُونَ ذَٰلِكَ وَلَٰكِنَّ أَكۡثَرَهُمۡ لَا يَعۡلَمُونَ
Inene kwabo benze ubugwenxa sisohlwayo esingaphambili kunoku kodwa uninzi lwabo alwazi
وَٱصۡبِرۡ لِحُكۡمِ رَبِّكَ فَإِنَّكَ بِأَعۡيُنِنَاۖ وَسَبِّحۡ بِحَمۡدِ رَبِّكَ حِينَ تَقُومُ
Ke kaloku wena (Muhammad) yiba nomonde ngesigqibo senkosi yakho kuba inene wena usemehlweni eThu, kananjalo zukisa (uAllâh) ngendumiso yeNkosi, yakho xa uvuka
وَمِنَ ٱلَّيۡلِ فَسَبِّحۡهُ وَإِدۡبَٰرَ ٱلنُّجُومِ
Nangenxalenye yobusuku Mzukise Yena nasemva (kokutshona) kweenkwenkwezi
Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.