Surah 70 · 44 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

Surah Al-Ma'arij in Xhosa

In English with tafsir

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

70:1

سَأَلَ سَآئِلُۢ بِعَذَابٍ وَاقِعٍ

Umbuzi wabuza ngesohlwayo esele siza kuhla

70:2

لِّلۡكَٰفِرِينَ لَيۡسَ لَهُۥ دَافِعٌ

Phezu kwabangakholwayo ekungekho bani unokusijika

70:3

مِّنَ ٱللَّهِ ذِي ٱلۡمَعَارِجِ

Sivela kuAllâh, uMnini weendlela ezinyukayo

70:4

تَعۡرُجُ ٱلۡمَلَٰٓئِكَةُ وَٱلرُّوحُ إِلَيۡهِ فِي يَوۡمٍ كَانَ مِقۡدَارُهُۥ خَمۡسِينَ أَلۡفَ سَنَةٍ

Iingelosi noMoya (oyiNgcwele) ziya kunyuka ziye kuYe ngeMini ebude bayo bungamawaka angamashumi amahlanu

70:5

فَٱصۡبِرۡ صَبۡرًا جَمِيلًا

Linda ke ngomonde omhle

70:6

إِنَّهُمۡ يَرَوۡنَهُۥ بَعِيدًا

Inene bona bayibona (ngathi) imgama

70:7

وَنَرَىٰهُ قَرِيبًا

Kodwa Thina Siyibona ikufuphi

70:8

يَوۡمَ تَكُونُ ٱلسَّمَآءُ كَٱلۡمُهۡلِ

NgoMhla isibhakabhaka siya kuba njenge-oli emdaka

70:9

وَتَكُونُ ٱلۡجِبَالُ كَٱلۡعِهۡنِ

Iintaba zibe njengoboya

70:10

وَلَا يَسۡـَٔلُ حَمِيمٌ حَمِيمًا

Akuyi kubakho mhlobo uya kubuza ngomhlobo (wakhe)

70:11

يُبَصَّرُونَهُمۡۚ يَوَدُّ ٱلۡمُجۡرِمُ لَوۡ يَفۡتَدِي مِنۡ عَذَابِ يَوۡمِئِذِۭ بِبَنِيهِ

Baya kubonana. Umoni uya kunqwenela ukuba akwaba ebeza kuhlawulelwa (akhululwe) esohlwayweni saloo Mini ngabantwana bakhe

70:12

وَصَٰحِبَتِهِۦ وَأَخِيهِ

Nangomkakhe nomntakwabo

70:13

وَفَصِيلَتِهِ ٱلَّتِي تُـٔۡوِيهِ

Nezizalwana zakhe ezizezona zisondeleyo kuye ezamnika indawo yokuhlala

70:14

وَمَن فِي ٱلۡأَرۡضِ جَمِيعًا ثُمَّ يُنجِيهِ

Naye wonke osemhlabeni ukuba amsindise

70:15

كـَلَّآۖ إِنَّهَا لَظَىٰ

Nakanye! Inene iya kuba liDangatya (loMlilo wesiHogo)

70:16

نَزَّاعَةً لِّلشَّوَىٰ

Oxwantsula (utshise) intlonze (yentloko)

70:17

تَدۡعُواْ مَنۡ أَدۡبَرَ وَتَوَلَّىٰ

Ubize (bonke) abafulathela (inyaniso) balushiya ukholo

70:18

وَجَمَعَ فَأَوۡعَىٰٓ

Baqokelela ubutyebi babufumba

70:19

إِنَّ ٱلۡإِنسَٰنَ خُلِقَ هَلُوعًا

Inene umntu wadalwa waxhalaba (wasisingxami)

70:20

إِذَا مَسَّهُ ٱلشَّرُّ جَزُوعًا

Xa ububi (intsokolo) bumchukumisa akanyamezeli

70:21

وَإِذَا مَسَّهُ ٱلۡخَيۡرُ مَنُوعًا

Xa okulungileyo (ubutyebi) kumchukumisa abe nobugogotya (abe ligqolo)

70:22

إِلَّا ٱلۡمُصَلِّينَ

Ngaphandle kwabo bazinikeleyo kwiSalâh (emthandazweni)

70:23

ٱلَّذِينَ هُمۡ عَلَىٰ صَلَاتِهِمۡ دَآئِمُونَ

Abo benza iSalah yabo rhoqo

70:24

وَٱلَّذِينَ فِيٓ أَمۡوَٰلِهِمۡ حَقٌّ مَّعۡلُومٌ

Nabo ebutyebini babo kukho amalungelo azekayo (kwabasweleyo)

70:25

لِّلسَّآئِلِ وَٱلۡمَحۡرُومِ

Kumngqibi ocelayo, nalowo ubandezekileyo, ulahlekelwe yimpahla nobutyebi bakhe

70:26

وَٱلَّذِينَ يُصَدِّقُونَ بِيَوۡمِ ٱلدِّينِ

Nabo bakholwayo kwiMini yembuyekezo

70:27

وَٱلَّذِينَ هُم مِّنۡ عَذَابِ رَبِّهِم مُّشۡفِقُونَ

Nabo banoloyiko lwesohlwayo seNkosi yabo

70:28

إِنَّ عَذَابَ رَبِّهِمۡ غَيۡرُ مَأۡمُونٍ

Inene isohlwayo seNkosi yabo seso kungekho namnye ungaziva ekhuselekile kuso

70:29

وَٱلَّذِينَ هُمۡ لِفُرُوجِهِمۡ حَٰفِظُونَ

Nabo babulondolozayo ubunyulu babo

70:30

إِلَّا عَلَىٰٓ أَزۡوَٰجِهِمۡ أَوۡ مَا مَلَكَتۡ أَيۡمَٰنُهُمۡ فَإِنَّهُمۡ غَيۡرُ مَلُومِينَ

Ngaphandle kwakubafazi babo nabo babanjwe zizandla zabo zokunene, bona abanakusoleka

70:31

فَمَنِ ٱبۡتَغَىٰ وَرَآءَ ذَٰلِكَ فَأُوْلَٰٓئِكَ هُمُ ٱلۡعَادُونَ

Kodwa ke lowo ufuna okungaphaya kunoku, inene abenza njalo ngabagabadeli

70:32

وَٱلَّذِينَ هُمۡ لِأَمَٰنَٰتِهِمۡ وَعَهۡدِهِمۡ رَٰعُونَ

Ke bona abo bagcina intembeko nezithembiso zabo

70:33

وَٱلَّذِينَ هُم بِشَهَٰدَٰتِهِمۡ قَآئِمُونَ

Nabo baqinayo kubungqina babo

70:34

وَٱلَّذِينَ هُمۡ عَلَىٰ صَلَاتِهِمۡ يُحَافِظُونَ

Nabo bazilondolozayo kakuhle iiSalâh zabo

70:35

أُوْلَٰٓئِكَ فِي جَنَّٰتٍ مُّكۡرَمُونَ

Abo ngabo baya kuba seMiyezweni benentlonipheko

70:36

فَمَالِ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ قِبَلَكَ مُهۡطِعِينَ

Yintoni kanye ngabo bangakholwayo, bengxama phambi kwakho nje (Muhammad)

70:37

عَنِ ٱلۡيَمِينِ وَعَنِ ٱلشِّمَالِ عِزِينَ

(Bahlale) ekunene (kwakho) nasekhohlo (kwakho) bengamaqela ahlukeneyo

70:38

أَيَطۡمَعُ كُلُّ ٱمۡرِيٍٕ مِّنۡهُمۡ أَن يُدۡخَلَ جَنَّةَ نَعِيمٍ

Ingaba ngamnye kubo ulangazelela ukungena eMyezweni wolonwabo

70:39

كـَلَّآۖ إِنَّا خَلَقۡنَٰهُم مِّمَّا يَعۡلَمُونَ

Nakanye! Thina Sibadale ngoko bakwaziyo

70:40

فَلَآ أُقۡسِمُ بِرَبِّ ٱلۡمَشَٰرِقِ وَٱلۡمَغَٰرِبِ إِنَّا لَقَٰدِرُونَ

Ngoko ke Ndifunga ngeNkosi yeempuma neentshona okokuba Thina inene Sinamandla

70:41

عَلَىٰٓ أَن نُّبَدِّلَ خَيۡرًا مِّنۡهُمۡ وَمَا نَحۡنُ بِمَسۡبُوقِينَ

Singabeka abanye abangcono endaweni yabo; yaye akukho nto inokuSithintela Thina

70:42

فَذَرۡهُمۡ يَخُوضُواْ وَيَلۡعَبُواْ حَتَّىٰ يُلَٰقُواْ يَوۡمَهُمُ ٱلَّذِي يُوعَدُونَ

Bayeke ke wena bancokole ubuvuvu bazonwabise bade bahlangane neMini yabo abathenjiswe ngayo

70:43

يَوۡمَ يَخۡرُجُونَ مِنَ ٱلۡأَجۡدَاثِ سِرَاعًا كَأَنَّهُمۡ إِلَىٰ نُصُبٍ يُوفِضُونَ

NgeMini abaya kuphuma ngokungxama emangcwabeni bangxame ngathi baya esithixweni esimisweyo

70:44

خَٰشِعَةً أَبۡصَٰرُهُمۡ تَرۡهَقُهُمۡ ذِلَّةٌۚ ذَٰلِكَ ٱلۡيَوۡمُ ٱلَّذِي كَانُواْ يُوعَدُونَ

Amehlo abo ethotyiselwe phantsi, ihlazo liya kuba libambethe. YiMini abathenjiswe ngayo ke leyo

Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.