بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ
77:1وَٱلۡمُرۡسَلَٰتِ عُرۡفًا
(Ndifunga) ngemimoya ethunyelwa phambili omnye emva komnye
77:2فَٱلۡعَٰصِفَٰتِ عَصۡفًا
Nangemimoya evuthuza ngamandla
77:3وَٱلنَّٰشِرَٰتِ نَشۡرًا
Nangemimoya echitha-chitha amafu nemvula
77:4فَٱلۡفَٰرِقَٰتِ فَرۡقًا
NangeeVesi ze’Kur’ân ezahlula okulungileyo kokugwenxa
77:5فَٱلۡمُلۡقِيَٰتِ ذِكۡرًا
Nangeengelosi ezizisa isiTyhilelo kubaProfeti
77:6عُذۡرًا أَوۡ نُذۡرًا
Ukunqamla konke ukuzithethelela zilumkise nokulumkisa
77:7إِنَّمَا تُوعَدُونَ لَوَٰقِعٌ
Inene oko nikuthenjisiweyo kunyanzelekile kwenzeke
77:8فَإِذَا ٱلنُّجُومُ طُمِسَتۡ
Xa iinkwenkwezi ziphelelwe kukukhanya kwazo
77:9وَإِذَا ٱلسَّمَآءُ فُرِجَتۡ
Naxa izulu licandeka
77:10وَإِذَا ٱلۡجِبَالُ نُسِفَتۡ
Naxa iintaba ziphaphatheke zemka
77:11وَإِذَا ٱلرُّسُلُ أُقِّتَتۡ
Naxa abaThunywa behlanganiselwe ixesha labo elikhethiweyo
77:12لِأَيِّ يَوۡمٍ أُجِّلَتۡ
Yiyiphi le Mini le miqondiso irhoxiselwa yona
77:13لِيَوۡمِ ٱلۡفَصۡلِ
(Irhoxiselwa) iMini yohlenga-hlengiso
77:14وَمَآ أَدۡرَىٰكَ مَا يَوۡمُ ٱلۡفَصۡلِ
Yintoni na enokukwenza wazi ukuba iyintoni na iMini yohlengahlengiso
77:15وَيۡلٌ يَوۡمَئِذٍ لِّلۡمُكَذِّبِينَ
Yeha ngaloo Mini kubaphiki
77:16أَلَمۡ نُهۡلِكِ ٱلۡأَوَّلِينَ
ASizanga Sibatshabalalise na abamandulo
77:17ثُمَّ نُتۡبِعُهُمُ ٱلۡأٓخِرِينَ
Siya kwenza njalo ke nangezizukulwana zamva ukulandelisa
77:18كَذَٰلِكَ نَفۡعَلُ بِٱلۡمُجۡرِمِينَ
Siqubisana kanjalo ke naboni
77:19وَيۡلٌ يَوۡمَئِذٍ لِّلۡمُكَذِّبِينَ
Yeha ngaloo Mini kubaphiki
77:20أَلَمۡ نَخۡلُقكُّم مِّن مَّآءٍ مَّهِينٍ
ASizanga Sinidale ngolwelo olonyanyekayo na
77:21فَجَعَلۡنَٰهُ فِي قَرَارٍ مَّكِينٍ
Saza Salubeka kwindawo yalo yokhuseleko (esibelekweni)
77:22إِلَىٰ قَدَرٍ مَّعۡلُومٍ
Ixesha elingummiselo owaziwayo
77:23فَقَدَرۡنَا فَنِعۡمَ ٱلۡقَٰدِرُونَ
Samisela ixesha elithile ngalo, (SiThi ke) abaMiseli xesha Abalungileyo
77:24وَيۡلٌ يَوۡمَئِذٍ لِّلۡمُكَذِّبِينَ
Yeha ngaloo Mini kubaphiki
77:25أَلَمۡ نَجۡعَلِ ٱلۡأَرۡضَ كِفَاتًا
Asiwenzanga umhlaba waba sisiqulathi
77:26أَحۡيَآءً وَأَمۡوَٰتًا
Sabaphilileyo nabaFileyo na
77:27وَجَعَلۡنَا فِيهَا رَوَٰسِيَ شَٰمِخَٰتٍ وَأَسۡقَيۡنَٰكُم مَّآءً فُرَاتًا
Saza Sabeka apho kuwo iintaba ezinde eziqinileyo. Saninika amanzi amnandi ukuba nisele
77:28وَيۡلٌ يَوۡمَئِذٍ لِّلۡمُكَذِّبِينَ
Yeha ngaloo Mini kubaphiki
77:29ٱنطَلِقُوٓاْ إِلَىٰ مَا كُنتُم بِهِۦ تُكَذِّبُونَ
(Kuya kuthiwa kubo): “Yiyani koko nanidla ngokuphika
77:30ٱنطَلِقُوٓاْ إِلَىٰ ظِلٍّ ذِي ثَلَٰثِ شُعَبٍ
Yiyani ethunzini (lomsi woMlillo wesiHogo) oziingqimba ezintathu
77:31لَّا ظَلِيلٍ وَلَا يُغۡنِي مِنَ ٱللَّهَبِ
(Kodwa) lingenamthunzi upholileyo, lingancedi nakunceda ngokuchasene neDangatya.”
77:32إِنَّهَا تَرۡمِي بِشَرَرٍ كَٱلۡقَصۡرِ
Inene wona loo (msi) utakisa iintlantsi (ezinkulu) ezingangenqaba (yamajoni)
77:33كَأَنَّهُۥ جِمَٰلَتٌ صُفۡرٌ
Ngathi ziinkamela ezilubhelu bumnyama
77:34وَيۡلٌ يَوۡمَئِذٍ لِّلۡمُكَذِّبِينَ
Yeha ngaloo Mini kubaphiki
77:35هَٰذَا يَوۡمُ لَا يَنطِقُونَ
Le yiMini abangayi kuthetha ngayo
77:36وَلَا يُؤۡذَنُ لَهُمۡ فَيَعۡتَذِرُونَ
Bengayi kuvunyelwa nakuvunyelwa ukuba bazithethelele
77:37وَيۡلٌ يَوۡمَئِذٍ لِّلۡمُكَذِّبِينَ
Yeha ngaloo Mini kubaphiki
77:38هَٰذَا يَوۡمُ ٱلۡفَصۡلِۖ جَمَعۡنَٰكُمۡ وَٱلۡأَوَّلِينَ
Le yiMini yoMgwebo; Siya kuba Sinihlanganisile nabamandulo
77:39فَإِن كَانَ لَكُمۡ كَيۡدٌ فَكِيدُونِ
Ukuba ngaba ninalo icebo, cebani kaloku ngokuchasene naM (ngoku)
77:40وَيۡلٌ يَوۡمَئِذٍ لِّلۡمُكَذِّبِينَ
Yeha ngaloo Mini kubaphiki
77:41إِنَّ ٱلۡمُتَّقِينَ فِي ظِلَٰلٍ وَعُيُونٍ
Inene abanyulu baya kuba phakathi kwemithunzi nemithombo
77:42وَفَوَٰكِهَ مِمَّا يَشۡتَهُونَ
Neziqhamo (zohlobo) abalufunayo
77:43كُلُواْ وَٱشۡرَبُواْ هَنِيٓـَٔۢا بِمَا كُنتُمۡ تَعۡمَلُونَ
(Kuya kuthiwa kubo): “Yidlani nisele nanele ngenxa yoko nakwenzayo.”
77:44إِنَّا كَذَٰلِكَ نَجۡزِي ٱلۡمُحۡسِنِينَ
Inene Thina sibavuza kajalo ke abenzi bokulungileyo
77:45وَيۡلٌ يَوۡمَئِذٍ لِّلۡمُكَذِّبِينَ
Yeha ngaloo Mini kubaphiki
77:46كُلُواْ وَتَمَتَّعُواْ قَلِيلًا إِنَّكُم مُّجۡرِمُونَ
(Hini na nina bangakholwayo), yibani nisitya nizonwabise okwethutyana inene nina ningaboni
77:47وَيۡلٌ يَوۡمَئِذٍ لِّلۡمُكَذِّبِينَ
Yeha ngaloo Mini kubaphiki
77:48وَإِذَا قِيلَ لَهُمُ ٱرۡكَعُواْ لَا يَرۡكَعُونَ
Ukanti xa kusithiwa kubo: Gobani amadolo (phambi koAllâh)”, abagobi bona
77:49وَيۡلٌ يَوۡمَئِذٍ لِّلۡمُكَذِّبِينَ
Yeha ngaloo Mini kubaphiki
77:50فَبِأَيِّ حَدِيثِۭ بَعۡدَهُۥ يُؤۡمِنُونَ
Yiyiphi ke enye intetho emva (kwe’Kur’ân) abaya kukholwa kuyo
Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.