Surah 54 · 55 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

Surah Al-Qamar in Xhosa

In English with tafsir

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

54:1

ٱقۡتَرَبَتِ ٱلسَّاعَةُ وَٱنشَقَّ ٱلۡقَمَرُ

IYure sele ifikile yaye nenyanga sele icandeke (kubini)

54:2

وَإِن يَرَوۡاْ ءَايَةً يُعۡرِضُواْ وَيَقُولُواْ سِحۡرٌ مُّسۡتَمِرٌّ

Ke kaloku xa bebona umqondiso (ummangaliso), bayatshikila bathi: “(Lo) ngumlingo ogqithayo.”

54:3

وَكَذَّبُواْ وَٱتَّبَعُوٓاْ أَهۡوَآءَهُمۡۚ وَكُلُّ أَمۡرٍ مُّسۡتَقِرٌّ

Kananjalo baye baphika, balandela iminqweno yabo. Kodwa into nganye inexesha lokufezekiswa (kwayo)

54:4

وَلَقَدۡ جَآءَهُم مِّنَ ٱلۡأَنۢبَآءِ مَا فِيهِ مُزۡدَجَرٌ

Ke kaloku sele ifikile kubo inkcazelo ekukho kuyo isilumkiso (esaneleyo ngokubhekiselele kugabadelo)

54:5

حِكۡمَةُۢ بَٰلِغَةٌۖ فَمَا تُغۡنِ ٱلنُّذُرُ

Ubulumko obuphangaleleyo kodwa isilumkiso asibancedi (nto)

54:6

فَتَوَلَّ عَنۡهُمۡۘ يَوۡمَ يَدۡعُ ٱلدَّاعِ إِلَىٰ شَيۡءٍ نُّكُرٍ

Bayeke ke (Muhammad), ngeMini uMkhwazi aya kubizela abantu kwinto engathandekiyo (uMlilo wesiHogo)

54:7

خُشَّعًا أَبۡصَٰرُهُمۡ يَخۡرُجُونَ مِنَ ٱلۡأَجۡدَاثِ كَأَنَّهُمۡ جَرَادٌ مُّنتَشِرٌ

Amehlo abo aya kuba ethobekile, baya kuphuma emangcwabeni wabo bengathi ziinkumbi bethe saa

54:8

مُّهۡطِعِينَ إِلَى ٱلدَّاعِۖ يَقُولُ ٱلۡكَٰفِرُونَ هَٰذَا يَوۡمٌ عَسِرٌ

Begxalathelana besiya phambili kuMkhwazi. Abangakholwayo baya kuthi: “Le yiMini enzima.”

54:9

كَذَّبَتۡ قَبۡلَهُمۡ قَوۡمُ نُوحٍ فَكَذَّبُواْ عَبۡدَنَا وَقَالُواْ مَجۡنُونٌ وَٱزۡدُجِرَ

Abantu bakaNûh baphika ngaphambili kunabo, ke kaloku basiphika isiCaka seThu. Bathi: “ (Lo uNûh) yindoda ephambanayo” wada (uNûh) wagxothwa (ngabo)

54:10

فَدَعَا رَبَّهُۥٓ أَنِّي مَغۡلُوبٌ فَٱنتَصِرۡ

Ke kaloko wacela eNkosini yakhe: “Inene mna ndoyisakele, ndincede ke Wena (Nkosi yam).”

54:11

فَفَتَحۡنَآ أَبۡوَٰبَ ٱلسَّمَآءِ بِمَآءٍ مُّنۡهَمِرٍ

Thina ke Savula iingcango zezulu nemvula eyathululeka phantsi

54:12

وَفَجَّرۡنَا ٱلۡأَرۡضَ عُيُونًا فَٱلۡتَقَى ٱلۡمَآءُ عَلَىٰٓ أَمۡرٍ قَدۡ قُدِرَ

Eyenza umhlaba wagqabhuka yimithombo namanzi, aza namanzi adibana nento eyayisele imiselwe kakade

54:13

وَحَمَلۡنَٰهُ عَلَىٰ ذَاتِ أَلۡوَٰحٍ وَدُسُرٍ

Samthumela ke yena (ngenqanawa eyenziwe) ngamaplanga nezikhonkwane

54:14

تَجۡرِي بِأَعۡيُنِنَا جَزَآءً لِّمَن كَانَ كُفِرَ

Idada phantsi kolondolozo lweThu njengomvuzo kulowo wayephikiwe (uNûh)

54:15

وَلَقَد تَّرَكۡنَٰهَآ ءَايَةً فَهَلۡ مِن مُّدَّكِرٍ

Sayishiya ukuba ibe ngumqondiso1, ukhona ke oza kukhumbula (okanye afumane isilumkiso)

54:16

فَكَيۡفَ كَانَ عَذَابِي وَنُذُرِ

Saba njani ke ukuba (buhlungu) isohlwayo saM nesilumkiso

54:17

وَلَقَدۡ يَسَّرۡنَا ٱلۡقُرۡءَانَ لِلذِّكۡرِ فَهَلۡ مِن مُّدَّكِرٍ

Kananjalo Siyenze i’Kur’ân yalula ukuba ikhumbuleke, ukhona phofu oza kukhumbula

54:18

كَذَّبَتۡ عَادٌ فَكَيۡفَ كَانَ عَذَابِي وَنُذُرِ

Ama’Ad aphika; saba njani ke (ukuba buhlungu) isohlwayo saM nesilumkiso

54:19

إِنَّآ أَرۡسَلۡنَا عَلَيۡهِمۡ رِيحًا صَرۡصَرًا فِي يَوۡمِ نَحۡسٍ مُّسۡتَمِرٍّ

Inene, Thina Sathumela kubo umoya otswinayo ngemini eyayiyeyeshwangusha (elalisihla emva kweshwangusha)

54:20

تَنزِعُ ٱلنَّاسَ كَأَنَّهُمۡ أَعۡجَازُ نَخۡلٍ مُّنقَعِرٍ

Lincothula abantu ngokungathi zizibhukubhuku zemithi yesundu encothulwe neengcambu

54:21

فَكَيۡفَ كَانَ عَذَابِي وَنُذُرِ

Saba njani (ukuba buhlungu) isohlwayo saM nesilumkiso

54:22

وَلَقَدۡ يَسَّرۡنَا ٱلۡقُرۡءَانَ لِلذِّكۡرِ فَهَلۡ مِن مُّدَّكِرٍ

Kananjalo Siyenze yalula i’Kur’ân ukuba ikhumbuleke, ukhona phofu oza kukhumbula

54:23

كَذَّبَتۡ ثَمُودُ بِٱلنُّذُرِ

AmaThamûd asala isilumkiso

54:24

فَقَالُوٓاْ أَبَشَرًا مِّنَّا وَٰحِدًا نَّتَّبِعُهُۥٓ إِنَّآ إِذًا لَّفِي ضَلَٰلٍ وَسُعُرٍ

Athi:“Ingabangumntuomnyephakathikwethuesizakulandela yena? Inene singaba sekulahlekeni nasempambanweni

54:25

أَءُلۡقِيَ ٱلذِّكۡرُ عَلَيۡهِ مِنۢ بَيۡنِنَا بَلۡ هُوَ كَذَّابٌ أَشِرٌ

Ingaba umyalezo uthunyelwe kuye phakathi kwethu? Hayi khona lixoki elingenazintloni (lo)!”

54:26

سَيَعۡلَمُونَ غَدًا مَّنِ ٱلۡكَذَّابُ ٱلۡأَشِرُ

Baza kumazi ngomso ukuba ngubani na olixoki elingenazintloni

54:27

إِنَّا مُرۡسِلُواْ ٱلنَّاقَةِ فِتۡنَةً لَّهُمۡ فَٱرۡتَقِبۡهُمۡ وَٱصۡطَبِرۡ

Inene Thina Sithumele ithokazi lenkamela ukuba libe luvavanyo kubo, bajonge ke ube nomonde

54:28

وَنَبِّئۡهُمۡ أَنَّ ٱلۡمَآءَ قِسۡمَةُۢ بَيۡنَهُمۡۖ كُلُّ شِرۡبٍ مُّحۡتَضَرٌ

Ubaxelele kananjalo okokuba amanzi baza kwahlulelana ngawo, (Nenkamela), ngenye (imini) kuza kusela bona (ize ibe yinkamela ngenye imini)

54:29

فَنَادَوۡاْ صَاحِبَهُمۡ فَتَعَاطَىٰ فَعَقَرَ

Kodwa bona babiza ugxa wabo2, waba nesibindi wayinqumla imisipha

54:30

فَكَيۡفَ كَانَ عَذَابِي وَنُذُرِ

Saba njani ke (ukuba buhlungu) iSohlwayo saM nesilumkiso

54:31

إِنَّآ أَرۡسَلۡنَا عَلَيۡهِمۡ صَيۡحَةً وَٰحِدَةً فَكَانُواْ كَهَشِيمِ ٱلۡمُحۡتَظِرِ

Inene Thina Sathoba isiqhushumbisi phezu kwabo baba ngathi ziintsasa ezomileyo ezizizijungqu zesibaya sezilwanyana

54:32

وَلَقَدۡ يَسَّرۡنَا ٱلۡقُرۡءَانَ لِلذِّكۡرِ فَهَلۡ مِن مُّدَّكِرٍ

Kananjalo Siyenze i’Kur’ân yalula ukuba ikhumbuleke, ukhona na phofu oza kukhumbula

54:33

كَذَّبَتۡ قَوۡمُ لُوطِۭ بِٱلنُّذُرِ

Abantu bakwaLût basala isilumkiso

54:34

إِنَّآ أَرۡسَلۡنَا عَلَيۡهِمۡ حَاصِبًا إِلَّآ ءَالَ لُوطٍۖ نَّجَّيۡنَٰهُم بِسَحَرٍ

Inene, Thina Sathumela isiphango samatye phezu kwabo ngaphandle kosapho lukaLût, lona Salusindisa phambi koms’obomvu

54:35

نِّعۡمَةً مِّنۡ عِندِنَاۚ كَذَٰلِكَ نَجۡزِي مَن شَكَرَ

NgoBabalo oluvela kuThi. Simvuza kanjalo ke onombulelo

54:36

وَلَقَدۡ أَنذَرَهُم بَطۡشَتَنَا فَتَمَارَوۡاْ بِٱلنُّذُرِ

Ke kaloku yena wayesele ebalumkisile (kwantlandlolo) ngohlaselo lweThu, kodwa bona basiphikisa isilumkiso

54:37

وَلَقَدۡ رَٰوَدُوهُ عَن ضَيۡفِهِۦ فَطَمَسۡنَآ أَعۡيُنَهُمۡ فَذُوقُواْ عَذَابِي وَنُذُرِ

Kananjalo bafuna ukuxhwila iindwendwe zakhe, Kodwa Sabamfamekisela amehlo abo (SiSithi): “Ngcamlani isohlwayo saM nesilumkiso ke.”

54:38

وَلَقَدۡ صَبَّحَهُم بُكۡرَةً عَذَابٌ مُّسۡتَقِرٌّ

Ke kaloku ekuseni bafikelwa sisohlwayo esibuhlungu

54:39

فَذُوقُواْ عَذَابِي وَنُذُرِ

(Kwathiwa kubo): “Ngcamlani isohlwayo saM nesilumkiso ke.”

54:40

وَلَقَدۡ يَسَّرۡنَا ٱلۡقُرۡءَانَ لِلذِّكۡرِ فَهَلۡ مِن مُّدَّكِرٍ

Kananjalo Siyenze i’Kur’ân yalula ukuba ikhumbuleke kodwa ukhona na phofu oza kukhumbula

54:41

وَلَقَدۡ جَآءَ ءَالَ فِرۡعَوۡنَ ٱلنُّذُرُ

Kanti nakubantu bakwaFir’awn kwafika isilumkiso

54:42

كَذَّبُواْ بِـَٔايَٰتِنَا كُلِّهَا فَأَخَذۡنَٰهُمۡ أَخۡذَ عَزِيزٍ مُّقۡتَدِرٍ

Bayala imiqondiso yeThu yonke, Sabahlasela ke ngohlaselo lwaloWo Unobunganga, Unamandla

54:43

أَكُفَّارُكُمۡ خَيۡرٌ مِّنۡ أُوْلَٰٓئِكُمۡ أَمۡ لَكُم بَرَآءَةٌ فِي ٱلزُّبُرِ

Ingaba (abantu) abangakholwayo benu bangcono kunabayaa bamandulo, okanye ninogonyo oluvela kwiziBhalo

54:44

أَمۡ يَقُولُونَ نَحۡنُ جَمِيعٌ مُّنتَصِرٌ

Okanye bathi: “Thina silibandla elixhasanayo,” kusini na

54:45

سَيُهۡزَمُ ٱلۡجَمۡعُ وَيُوَلُّونَ ٱلدُّبُرَ

(Elo) bandlana labo liza koyiswa, kwaye baza kuza ngemiva (babaleke)

54:46

بَلِ ٱلسَّاعَةُ مَوۡعِدُهُمۡ وَٱلسَّاعَةُ أَدۡهَىٰ وَأَمَرُّ

Kodwa iYure lixesha labo elimisiweyo, kwaye iYure leyo ingaphaya ngokonakalisa yaye ikrakra ngakumbi

54:47

إِنَّ ٱلۡمُجۡرِمِينَ فِي ضَلَٰلٍ وَسُعُرٍ

Inene izaphula-mthetho zisekulahlekeni nasempambanweni

54:48

يَوۡمَ يُسۡحَبُونَ فِي ٱلنَّارِ عَلَىٰ وُجُوهِهِمۡ ذُوقُواْ مَسَّ سَقَرَ

NgeMini abaya kurhuqelwa eMlilweni ngobuso babo kuya (kuthiwa kubo): “Ngcamlani ukuchukunyiswa sisiHogo kaloku”

54:49

إِنَّا كُلَّ شَيۡءٍ خَلَقۡنَٰهُ بِقَدَرٍ

Inene Sidale zonke izinto ngommiselo (wento eziya kuba yiyo)

54:50

وَمَآ أَمۡرُنَآ إِلَّا وَٰحِدَةٌ كَلَمۡحِۭ بِٱلۡبَصَرِ

Ukanti umyalelo weThu uba mnye jwi ube ngathi kukuqhwanyaza kweliso

54:51

وَلَقَدۡ أَهۡلَكۡنَآ أَشۡيَاعَكُمۡ فَهَلۡ مِن مُّدَّكِرٍ

Kananjalo Sele Sabatshabalalisa abanjengani, ukhona phofu za kukhumbula

54:52

وَكُلُّ شَيۡءٍ فَعَلُوهُ فِي ٱلزُّبُرِ

Kananjalo yonke into abayenzayo ibhaliwe emacwecweni

54:53

وَكُلُّ صَغِيرٍ وَكَبِيرٍ مُّسۡتَطَرٌ

Kwaye nto nganye encinane (nenkulu) ibhaliwe

54:54

إِنَّ ٱلۡمُتَّقِينَ فِي جَنَّٰتٍ وَنَهَرٍ

Inene amalungisa aya kuba phakathi kwemiyezo nemilambo

54:55

فِي مَقۡعَدِ صِدۡقٍ عِندَ مَلِيكٍ مُّقۡتَدِرِۭ

Esihlalweni sentlonipheko ecaleni kukaSobunganga, uSomandla

Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.