Surah 36 · 83 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana

Surah Ya-Sin in Xhosa

In English with tafsir

بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ

36:1

يسٓ

Yâsîn

36:2

وَٱلۡقُرۡءَانِ ٱلۡحَكِيمِ

Nge’Kur’ân, enobulumko

36:3

إِنَّكَ لَمِنَ ٱلۡمُرۡسَلِينَ

Inene wena ungomnye wabaThunywa

36:4

عَلَىٰ صِرَٰطٍ مُّسۡتَقِيمٍ

ENdleleni ethe Tye

36:5

تَنزِيلَ ٱلۡعَزِيزِ ٱلرَّحِيمِ

(Esi) sisiTyhilelo sikaSobunganga, uSozinceba

36:6

لِتُنذِرَ قَوۡمًا مَّآ أُنذِرَ ءَابَآؤُهُمۡ فَهُمۡ غَٰفِلُونَ

Khon’ukuze ulumkise abantu (ngaso) abakhokho babo bangazanga balunyukiswe, ngoko (bahleli) bengazi

36:7

لَقَدۡ حَقَّ ٱلۡقَوۡلُ عَلَىٰٓ أَكۡثَرِهِمۡ فَهُمۡ لَا يُؤۡمِنُونَ

Inene ilizwi eliyinyani lesohlwayo sele (livakalisiwe) Ngokuchasene noninzi lwabo, ngoko ke abakholwa

36:8

إِنَّا جَعَلۡنَا فِيٓ أَعۡنَٰقِهِمۡ أَغۡلَٰلًا فَهِيَ إِلَى ٱلۡأَذۡقَانِ فَهُم مُّقۡمَحُونَ

Inene, Thina Sibaqamangele ngamakhonkco ezintanyeni zabo ukuya kutsho ezilevini zabo ukuze iintloko zabo (zihlale) ziqwanyile

36:9

وَجَعَلۡنَا مِنۢ بَيۡنِ أَيۡدِيهِمۡ سَدًّا وَمِنۡ خَلۡفِهِمۡ سَدًّا فَأَغۡشَيۡنَٰهُمۡ فَهُمۡ لَا يُبۡصِرُونَ

Kananjalo Sibeke umqobo phambi kwabo nangemva kwabo Sabagquma ukuze bangaboni

36:10

وَسَوَآءٌ عَلَيۡهِمۡ ءَأَنذَرۡتَهُمۡ أَمۡ لَمۡ تُنذِرۡهُمۡ لَا يُؤۡمِنُونَ

Ke kaloku kuyafana kubo nokuba ungabalumkisa okanye ungabalumkisi abayi kukholwa

36:11

إِنَّمَا تُنذِرُ مَنِ ٱتَّبَعَ ٱلذِّكۡرَ وَخَشِيَ ٱلرَّحۡمَٰنَ بِٱلۡغَيۡبِۖ فَبَشِّرۡهُ بِمَغۡفِرَةٍ وَأَجۡرٍ كَرِيمٍ

Wena uya kulumkisa kuphela olandela umyalezo nowoyika uSozinceba Ongabonwayo. Ngoko ke (onjalo) mnike iindaba ezivuyisayo zokuxolelwa nomvuzo omkhulu

36:12

إِنَّا نَحۡنُ نُحۡيِ ٱلۡمَوۡتَىٰ وَنَكۡتُبُ مَا قَدَّمُواْ وَءَاثَٰرَهُمۡۚ وَكُلَّ شَيۡءٍ أَحۡصَيۡنَٰهُ فِيٓ إِمَامٍ مُّبِينٍ

Inene SiThi ababuyisela abafileyo ebomini, Sibhale (konke) abakwenzayo nabakushiya ngemva, kwaye zonke izinto Sizibhale eNcwadini ecacileyo

36:13

وَٱضۡرِبۡ لَهُم مَّثَلًا أَصۡحَٰبَ ٱلۡقَرۡيَةِ إِذۡ جَآءَهَا ٱلۡمُرۡسَلُونَ

Ke kaloku benzele umzekeliso (wabantu) besixeko (esithile) ekwafika abaThunywa kuso

36:14

إِذۡ أَرۡسَلۡنَآ إِلَيۡهِمُ ٱثۡنَيۡنِ فَكَذَّبُوهُمَا فَعَزَّزۡنَا بِثَالِثٍ فَقَالُوٓاْ إِنَّآ إِلَيۡكُم مُّرۡسَلُونَ

Sathi Sisakuthumela ababini kubo basuka babaphika, Saza Sabomeleza ngowesithathu, bathi: “Inene thina singabathunywa kuni.”

36:15

قَالُواْ مَآ أَنتُمۡ إِلَّا بَشَرٌ مِّثۡلُنَا وَمَآ أَنزَلَ ٱلرَّحۡمَٰنُ مِن شَيۡءٍ إِنۡ أَنتُمۡ إِلَّا تَكۡذِبُونَ

Bathi bona: “Aninto yimbi nina ngaphandle kokuba ngabantu abafana nathi, kunjalo nje uSozinceba Akananto Ayityhilileyo (kuni) koko nina ningamaxoki.”

36:16

قَالُواْ رَبُّنَا يَعۡلَمُ إِنَّآ إِلَيۡكُمۡ لَمُرۡسَلُونَ

Bathi bona: “INkosi yethu Iyazi okokuba singabaThunywa kuni

36:17

وَمَا عَلَيۡنَآ إِلَّا ٱلۡبَلَٰغُ ٱلۡمُبِينُ

Yaye thina asinaxanduva lumbi ngaphandle kokuvakalisa uMyalezo ngokucacileyo.”

36:18

قَالُوٓاْ إِنَّا تَطَيَّرۡنَا بِكُمۡۖ لَئِن لَّمۡ تَنتَهُواْ لَنَرۡجُمَنَّكُمۡ وَلَيَمَسَّنَّكُم مِّنَّا عَذَابٌ أَلِيمٌ

Bathi bona: “Inene thina sinicingela ukuba ningumhlola ombi. Ukuba aniyeki ke inene siya kunixuluba ngamatye, kwaye inene niya kufunyanwa sisohlwayo esibuhlungu esivela kuthi.”

36:19

قَالُواْ طَٰٓئِرُكُم مَّعَكُمۡ أَئِن ذُكِّرۡتُمۚ بَلۡ أَنتُمۡ قَوۡمٌ مُّسۡرِفُونَ

Bathi bona (abathunywa): “Umhlola ombi ukuni buqu. Ingaba (nikutsho oku) kuba nikhunjuzwa (ngoAllâh) kusini na?” Nakanye nina ningabenzi bobubi.”

36:20

وَجَآءَ مِنۡ أَقۡصَا ٱلۡمَدِينَةِ رَجُلٌ يَسۡعَىٰ قَالَ يَٰقَوۡمِ ٱتَّبِعُواْ ٱلۡمُرۡسَلِينَ

Ke kaloku kweza indoda ibaleka, ivela kwicala elikude lesixeko. Yathi: “Hini na bantu bakuthi landelani abaThunywa

36:21

ٱتَّبِعُواْ مَن لَّا يَسۡـَٔلُكُمۡ أَجۡرًا وَهُم مُّهۡتَدُونَ

Landelani abo banganibizi ntlawulo babe bengabakhokelelekileyo

36:22

وَمَالِيَ لَآ أَعۡبُدُ ٱلَّذِي فَطَرَنِي وَإِلَيۡهِ تُرۡجَعُونَ

Ndiya kuthini na ukungamnquli loWo Wandidalayo ekunguYe eniza kubuyiselwa kuYe

36:23

ءَأَتَّخِذُ مِن دُونِهِۦٓ ءَالِهَةً إِن يُرِدۡنِ ٱلرَّحۡمَٰنُ بِضُرٍّ لَّا تُغۡنِ عَنِّي شَفَٰعَتُهُمۡ شَيۡـًٔا وَلَا يُنقِذُونِ

Ndingathabatha (thixo) bambi na ngaphandle kwaKhe (lo gama) xa uSozinceba Enokuthi Athande ukuba ndihlelwe bububi intethelelo yabo (thixo benu bobuxoki) ingandincedi nto konke konke, bengekhe bandisindise nokundisindisa

36:24

إِنِّيٓ إِذًا لَّفِي ضَلَٰلٍ مُّبِينٍ

Inene bendingaba sekulahlekeni okucacileyo

36:25

إِنِّيٓ ءَامَنتُ بِرَبِّكُمۡ فَٱسۡمَعُونِ

Inene mna ndikholiwe eNkosini yenu, ngoko ke ndiphulaphuleni.”

36:26

قِيلَ ٱدۡخُلِ ٱلۡجَنَّةَۖ قَالَ يَٰلَيۡتَ قَوۡمِي يَعۡلَمُونَ

Kwathiwa (kuye:) “Ngena ePaladesi.” Wathi yena: “Akwaba abantu bakuthi babesazi

36:27

بِمَا غَفَرَ لِي رَبِّي وَجَعَلَنِي مِنَ ٱلۡمُكۡرَمِينَ

Okokuba Indixolele kangakanani na iNkosi yam, Yandibeka kunye nabahloniphekileyo.”

36:28

وَمَآ أَنزَلۡنَا عَلَىٰ قَوۡمِهِۦ مِنۢ بَعۡدِهِۦ مِن جُندٍ مِّنَ ٱلسَّمَآءِ وَمَا كُنَّا مُنزِلِينَ

Ke kaloku aSizanga Sithumele mkhosi ngokuchasene nabantu bakubo kungazanga kube yimfuneko kananjalo kuThi ukwenza loo nto

36:29

إِن كَانَتۡ إِلَّا صَيۡحَةً وَٰحِدَةً فَإِذَا هُمۡ خَٰمِدُونَ

Akuzanga kube thuba lingakanani kwakhwazwa kwaba kanye, bacima (pam)

36:30

يَٰحَسۡرَةً عَلَى ٱلۡعِبَادِۚ مَا يَأۡتِيهِم مِّن رَّسُولٍ إِلَّا كَانُواْ بِهِۦ يَسۡتَهۡزِءُونَ

Kwaba njani ke ukuzisola kwezicaka. Akuzanga kufike Mthunywa kubo bangaphoxisi ngaye

36:31

أَلَمۡ يَرَوۡاْ كَمۡ أَهۡلَكۡنَا قَبۡلَهُم مِّنَ ٱلۡقُرُونِ أَنَّهُمۡ إِلَيۡهِمۡ لَا يَرۡجِعُونَ

Ababonanga na okokuba zingaphi izizukulwana eSazitshabalalisayo kwanokuba ezo (zizukulwana) azisokuze ziphinde zibuyele kubo kwakhona

36:32

وَإِن كُلٌّ لَّمَّا جَمِيعٌ لَّدَيۡنَا مُحۡضَرُونَ

Ukanti inene, bonke baza kubuyiselwa kuThi

36:33

وَءَايَةٌ لَّهُمُ ٱلۡأَرۡضُ ٱلۡمَيۡتَةُ أَحۡيَيۡنَٰهَا وَأَخۡرَجۡنَا مِنۡهَا حَبًّا فَمِنۡهُ يَأۡكُلُونَ

Kanti ke umqondiso wabo ngumhlaba ofileyo. Thina ke Siye Siwubuyisele ebomini Size Sivelise iinkozo abathi badle kuzo

36:34

وَجَعَلۡنَا فِيهَا جَنَّٰتٍ مِّن نَّخِيلٍ وَأَعۡنَٰبٍ وَفَجَّرۡنَا فِيهَا مِنَ ٱلۡعُيُونِ

Ke kaloku Sabeka apho imiyezo yemithi yesundu nezidiliya, Senza kwagqabhuka imithombo apho phakathi kuyo

36:35

لِيَأۡكُلُواْ مِن ثَمَرِهِۦ وَمَا عَمِلَتۡهُ أَيۡدِيهِمۡۚ أَفَلَا يَشۡكُرُونَ

Khona ukuze badle iziqhamo zaKhe. Ukanti ke izandla zabo ayizizo eziyivelisayo, ngoko ke abayi kubulela na

36:36

سُبۡحَٰنَ ٱلَّذِي خَلَقَ ٱلۡأَزۡوَٰجَ كُلَّهَا مِمَّا تُنۢبِتُ ٱلۡأَرۡضُ وَمِنۡ أَنفُسِهِمۡ وَمِمَّا لَا يَعۡلَمُونَ

Makazukiswe loWo Wadala zonke (izinto) ngambini zokuhluma emhlabeni nakubo buqu nakoko bangakwaziyo

36:37

وَءَايَةٌ لَّهُمُ ٱلَّيۡلُ نَسۡلَخُ مِنۡهُ ٱلنَّهَارَ فَإِذَا هُم مُّظۡلِمُونَ

Kananjalo umqondiso kubo bubusuku. Sisusa ukukhanya kwemini kubo (ubusuku), ukuze babe sebumnyameni

36:38

وَٱلشَّمۡسُ تَجۡرِي لِمُسۡتَقَرٍّ لَّهَاۚ ذَٰلِكَ تَقۡدِيرُ ٱلۡعَزِيزِ ٱلۡعَلِيمِ

Ukanti lona ilanga libaleka endaweni yalo ukuya endaweni yokuma kwalo. Oko kungummiselo kaSobunganga, uSolwazi

36:39

وَٱلۡقَمَرَ قَدَّرۡنَٰهُ مَنَازِلَ حَتَّىٰ عَادَ كَٱلۡعُرۡجُونِ ٱلۡقَدِيمِ

Nenyanga Siyiqingqela izigaba zayo (kangangokuba) ide ibuyele (ibonakale) injengentlava endala yedatilisi

36:40

لَا ٱلشَّمۡسُ يَنۢبَغِي لَهَآ أَن تُدۡرِكَ ٱلۡقَمَرَ وَلَا ٱلَّيۡلُ سَابِقُ ٱلنَّهَارِۚ وَكُلٌّ فِي فَلَكٍ يَسۡبَحُونَ

Akuvumelekanga ukuba (ilanga) liyifumane inyanga, bungavumelekanga nobusuku ukuba buyifumane imini kodwa nganye kuzo indanda kwisijikelezisi sayo

36:41

وَءَايَةٌ لَّهُمۡ أَنَّا حَمَلۡنَا ذُرِّيَّتَهُمۡ فِي ٱلۡفُلۡكِ ٱلۡمَشۡحُونِ

Kananjalo umqondiso kubo ngulowo wokuba Sathwala ooyisemkhulu enqanaweni (kaNûh) eyayizele qhu

36:42

وَخَلَقۡنَا لَهُم مِّن مِّثۡلِهِۦ مَا يَرۡكَبُونَ

Yaye Sibadalele okufana noko bakuqhubayo (bakuqabelayo)

36:43

وَإِن نَّشَأۡ نُغۡرِقۡهُمۡ فَلَا صَرِيخَ لَهُمۡ وَلَا هُمۡ يُنقَذُونَ

Kanti ke ukuba SaSithandile ngeSaSibatshonisile emanzini, kwaye kwakungazi kubakho bani ubavelelayo, babengayi kusinda nokusinda

36:44

إِلَّا رَحۡمَةً مِّنَّا وَمَتَٰعًا إِلَىٰ حِينٍ

Ngaphandle kwenceba evela kuThi nembonelelo yokwethutyana

36:45

وَإِذَا قِيلَ لَهُمُ ٱتَّقُواْ مَا بَيۡنَ أَيۡدِيكُمۡ وَمَا خَلۡفَكُمۡ لَعَلَّكُمۡ تُرۡحَمُونَ

Kodwa xa kusithiwa kubo: “Lumkelani okwangaphambili kunani nokungemva kwenu; mhlawumbi niya kwenzelwa inceba

36:46

وَمَا تَأۡتِيهِم مِّنۡ ءَايَةٍ مِّنۡ ءَايَٰتِ رَبِّهِمۡ إِلَّا كَانُواْ عَنۡهَا مُعۡرِضِينَ

Kananjalo akukho mqondiso ufikayo kubo uvela kwimiqondiso yeNkosi yabo abangawutshikileliyo

36:47

وَإِذَا قِيلَ لَهُمۡ أَنفِقُواْ مِمَّا رَزَقَكُمُ ٱللَّهُ قَالَ ٱلَّذِينَ كَفَرُواْ لِلَّذِينَ ءَامَنُوٓاْ أَنُطۡعِمُ مَن لَّوۡ يَشَآءُ ٱللَّهُ أَطۡعَمَهُۥٓ إِنۡ أَنتُمۡ إِلَّا فِي ضَلَٰلٍ مُّبِينٍ

Kanti naxa kusithiwa kubo: ‘Nikelani kumalizo ngoko uAllâh Anibonelele ngako,” Abo bangakholwayo bathi kwabo bakholwayo: “Thina sondle lowo xa uAllâh Ebethanda ngemondle ngokwaKhe? Nina anikho ntweni yimbi ngaphandle kokulahleka okucacileyo.”

36:48

وَيَقُولُونَ مَتَىٰ هَٰذَا ٱلۡوَعۡدُ إِن كُنتُمۡ صَٰدِقِينَ

Kananjalo bathi: Siya kuba nini na esi sithembiso ukuba nithetha inyaniso?”

36:49

مَا يَنظُرُونَ إِلَّا صَيۡحَةً وَٰحِدَةً تَأۡخُذُهُمۡ وَهُمۡ يَخِصِّمُونَ

(Ukuba bebesazi) akukho nto bayilindileyo ngaphandle kokudubula kwesithongakazi, esiya kubahlasela besalibele kukuphikisa

36:50

فَلَا يَسۡتَطِيعُونَ تَوۡصِيَةً وَلَآ إِلَىٰٓ أَهۡلِهِمۡ يَرۡجِعُونَ

Kwaye abayi kukwazi (ukunikela imiyalezo) bengayi kubuyela nakubantu bakubo na kakade

36:51

وَنُفِخَ فِي ٱلصُّورِ فَإِذَا هُم مِّنَ ٱلۡأَجۡدَاثِ إِلَىٰ رَبِّهِمۡ يَنسِلُونَ

Ke kaloku iXilongo liya kuvuthelwa, baze ngoko nangoko baphume emangcwabeni beze eNkosini yabo bengxamile

36:52

قَالُواْ يَٰوَيۡلَنَا مَنۢ بَعَثَنَا مِن مَّرۡقَدِنَاۜۗ هَٰذَا مَا وَعَدَ ٱلرَّحۡمَٰنُ وَصَدَقَ ٱلۡمُرۡسَلُونَ

Baya kuthi: “O yini na kuthi! Ngubani na osivusileyo endaweni yethu yokulala?” (Impendulo iya kuthi): “Oku koko uSozinceba Wakuthembisayo, yaye abaThunywa babethetha inyaniso.”

36:53

إِن كَانَتۡ إِلَّا صَيۡحَةً وَٰحِدَةً فَإِذَا هُمۡ جَمِيعٌ لَّدَيۡنَا مُحۡضَرُونَ

Akuyi kuba yinto yimbi ngaphandle kwesithonga esinye baze ngoko nangoko babuyiswe phambi kweThu

36:54

فَٱلۡيَوۡمَ لَا تُظۡلَمُ نَفۡسٌ شَيۡـًٔا وَلَا تُجۡزَوۡنَ إِلَّا مَا كُنتُمۡ تَعۡمَلُونَ

Ngoko ke (kuya kuthiwa kubo): “(NaMhlanje) akuyi kubakho mphefumlo uya kwenziwa bugwenxa konke konke, kananjalo aniyi kubuyekezwa ngaphandle koko nakwenzayo.”

36:55

إِنَّ أَصۡحَٰبَ ٱلۡجَنَّةِ ٱلۡيَوۡمَ فِي شُغُلٍ فَٰكِهُونَ

Inene amadlelane asePaladesi ngaloo Mini aya kuhleka echulumancile, esebenza imisebenzi (yawo) emihle

36:56

هُمۡ وَأَزۡوَٰجُهُمۡ فِي ظِلَٰلٍ عَلَى ٱلۡأَرَآئِكِ مُتَّكِـُٔونَ

Bona nabalingane babo besemthunzini, bengqiyame ngeesofa ezihonjisiweyo

36:57

لَهُمۡ فِيهَا فَٰكِهَةٌ وَلَهُم مَّا يَدَّعُونَ

Okwabo apho iya kuba ziziqhamo, yaye okwabo iya kuba yiyo nantoni na abayicelayo (okanye abayinqwenelayo)

36:58

سَلَٰمٌ قَوۡلًا مِّن رَّبٍّ رَّحِيمٍ

“Noxolo,” ilizwi elivela eNkosini uSozinceba

36:59

وَٱمۡتَٰزُواْ ٱلۡيَوۡمَ أَيُّهَا ٱلۡمُجۡرِمُونَ

(Uya kuthi Yena): “Yimani ngokwahlukeneyo nina zaphula- mthetho

36:60

أَلَمۡ أَعۡهَدۡ إِلَيۡكُمۡ يَٰبَنِيٓ ءَادَمَ أَن لَّا تَعۡبُدُواْ ٱلشَّيۡطَٰنَۖ إِنَّهُۥ لَكُمۡ عَدُوٌّ مُّبِينٌ

NdaNdinganiyalelanga na ukuba ningamkhonzi uShaytân, hini na bantwana baka-Adam kuba yena kuni ulutshaba olucacileyo

36:61

وَأَنِ ٱعۡبُدُونِيۚ هَٰذَا صِرَٰطٌ مُّسۡتَقِيمٌ

Kwanokuba nina nqulani Mna kuphela Le yiNdlela ethe Tye

36:62

وَلَقَدۡ أَضَلَّ مِنكُمۡ جِبِلًّا كَثِيرًاۖ أَفَلَمۡ تَكُونُواْ تَعۡقِلُونَ

Kananjalo yena phakathi kwenu sele elahlekise inyambalala endalweni, ke ngoko nina naningayisebenzisi ingqiqo

36:63

هَٰذِهِۦ جَهَنَّمُ ٱلَّتِي كُنتُمۡ تُوعَدُونَ

Lo nguMlilo wesiHogo enanithenjiswe ngawo

36:64

ٱصۡلَوۡهَا ٱلۡيَوۡمَ بِمَا كُنتُمۡ تَكۡفُرُونَ

Yitshani naMhlanje ngenxa yoko nanidla ngokukuphika!”

36:65

ٱلۡيَوۡمَ نَخۡتِمُ عَلَىٰٓ أَفۡوَٰهِهِمۡ وَتُكَلِّمُنَآ أَيۡدِيهِمۡ وَتَشۡهَدُ أَرۡجُلُهُم بِمَا كَانُواْ يَكۡسِبُونَ

Ngaloo Mini Siya kuyitywina imilomo yabo, kuze kuthethe izandla zabo kuThi, iinyawo zabo zona ziya kungqina ngoko bakwenzayo

36:66

وَلَوۡ نَشَآءُ لَطَمَسۡنَا عَلَىٰٓ أَعۡيُنِهِمۡ فَٱسۡتَبَقُواْ ٱلصِّرَٰطَ فَأَنَّىٰ يُبۡصِرُونَ

Ke kaloku ukuba SaSithandile ngeSaSibatshabalalisele amehlo abo, baza bakhuphisana (ngokufuna) indlela, phofu babeza kuyibona kanjani

36:67

وَلَوۡ نَشَآءُ لَمَسَخۡنَٰهُمۡ عَلَىٰ مَكَانَتِهِمۡ فَمَا ٱسۡتَطَٰعُواْ مُضِيًّا وَلَا يَرۡجِعُونَ

Kananjalo ukuba SaSithandile ngeSabenza baba ziimbedlenge ezindaweni zabo khona ukuze bangakwazi (ukuhamba) baye phambili, bangakwazi nokubuyela umva

36:68

وَمَن نُّعَمِّرۡهُ نُنَكِّسۡهُ فِي ٱلۡخَلۡقِۚ أَفَلَا يَعۡقِلُونَ

Lowo Simnike ubomi obude, Simbuyisela umva endalweni. Ingaba ke ngoku abayi kuqonda

36:69

وَمَا عَلَّمۡنَٰهُ ٱلشِّعۡرَ وَمَا يَنۢبَغِي لَهُۥٓۚ إِنۡ هُوَ إِلَّا ذِكۡرٌ وَقُرۡءَانٌ مُّبِينٌ

Kananjalo Asizanga Simnike (uMuhammad) ulwazi lobumbongi, kwaye asinto imfaneleyo (leyo). Koko (eSimnike kona) akunto yimbi ngaphandle kokuba ngumyalezo ne’Kurân ecacileyo

36:70

لِّيُنذِرَ مَن كَانَ حَيًّا وَيَحِقَّ ٱلۡقَوۡلُ عَلَى ٱلۡكَٰفِرِينَ

Yokulumkisa nabani na ophilayo, kuze kuthetheleleke ilizwi lesilumkiso ngokuchasene nabangakholwayo

36:71

أَوَلَمۡ يَرَوۡاْ أَنَّا خَلَقۡنَا لَهُم مِّمَّا عَمِلَتۡ أَيۡدِينَآ أَنۡعَٰمًا فَهُمۡ لَهَا مَٰلِكُونَ

Kanti ababoni na okokuba koko kuvela eZandleni zeThu Sibadalele, Sabenzela izilwanyana ezitya ingca, baze babe ngabaninizo

36:72

وَذَلَّلۡنَٰهَا لَهُمۡ فَمِنۡهَا رَكُوبُهُمۡ وَمِنۡهَا يَأۡكُلُونَ

Kananjalo Sizilulamisele bona, ngoko ke ezinye zazo bayaziqabela, ezinye zazo bazitye

36:73

وَلَهُمۡ فِيهَا مَنَٰفِعُ وَمَشَارِبُۚ أَفَلَا يَشۡكُرُونَ

Ukanti kwakuzo apho kukwakho nezinye (izinto) eziyinzuzo (kubo) nokuselwayo, ngoko ke abayi kubulela na

36:74

وَٱتَّخَذُواْ مِن دُونِ ٱللَّهِ ءَالِهَةً لَّعَلَّهُمۡ يُنصَرُونَ

Kodwa bazithabathele thixo bambi ngaphandle koAllâh (besithi) mhlawumbi baya kuncedakala

36:75

لَا يَسۡتَطِيعُونَ نَصۡرَهُمۡ وَهُمۡ لَهُمۡ جُندٌ مُّحۡضَرُونَ

Abakwazi kubanceda nje, ukanti ikwangabo buqu amajoni angabalondolozi babo (thixo babo bobuxoki)

36:76

فَلَا يَحۡزُنكَ قَوۡلُهُمۡۘ إِنَّا نَعۡلَمُ مَا يُسِرُّونَ وَمَا يُعۡلِنُونَ

Ngoko ke wena musa ukuvumela iintetho zabo zikukhubekise, Siyakwazi abakufihlayo noko bakuvezayo

36:77

أَوَلَمۡ يَرَ ٱلۡإِنسَٰنُ أَنَّا خَلَقۡنَٰهُ مِن نُّطۡفَةٍ فَإِذَا هُوَ خَصِيمٌ مُّبِينٌ

Kanti umntu lo akaqapheli na okokuba Samdala ngeqabaza lembewu yomntu? kodwa asuke yena abe ngumchasi ocacileyo

36:78

وَضَرَبَ لَنَا مَثَلًا وَنَسِيَ خَلۡقَهُۥۖ قَالَ مَن يُحۡيِ ٱلۡعِظَٰمَ وَهِيَ رَمِيمٌ

Ade enze umzekelo (ngaThi), alibale ngokudalwa kwakhe athi: “Ngubani oza kunika ubomi emathanjeni asele ethe saa?”

36:79

قُلۡ يُحۡيِيهَا ٱلَّذِيٓ أَنشَأَهَآ أَوَّلَ مَرَّةٍۖ وَهُوَ بِكُلِّ خَلۡقٍ عَلِيمٌ

Yithi wena: “Uya kuwanika ubomi loWo Wawavelisayo ekuqalekeni, kwaye Yena phezu kwayo yonke indalo nguSolwazi.”

36:80

ٱلَّذِي جَعَلَ لَكُم مِّنَ ٱلشَّجَرِ ٱلۡأَخۡضَرِ نَارًا فَإِذَآ أَنتُم مِّنۡهُ تُوقِدُونَ

Yena nguloWo Wanenzela umlilo ngomthi oluhlaza, nenithi niphembe ngawo

36:81

أَوَلَيۡسَ ٱلَّذِي خَلَقَ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضَ بِقَٰدِرٍ عَلَىٰٓ أَن يَخۡلُقَ مِثۡلَهُمۚ بَلَىٰ وَهُوَ ٱلۡخَلَّٰقُ ٱلۡعَلِيمُ

Ingaba loWo Wadala amazulu nomhlaba Akakwazi ukudala abanjengabo? Ewe (kunjalo nje) yaye Yena nguSolwazi, uMdali

36:82

إِنَّمَآ أَمۡرُهُۥٓ إِذَآ أَرَادَ شَيۡـًٔا أَن يَقُولَ لَهُۥ كُن فَيَكُونُ

Yena owaKhe umyalelo ngowokuba Athi xa Enenjongo yento (ethile) Asuke Athi kuyo: “Yibakho,” ibekho (ngoko nangoko)

36:83

فَسُبۡحَٰنَ ٱلَّذِي بِيَدِهِۦ مَلَكُوتُ كُلِّ شَيۡءٍ وَإِلَيۡهِ تُرۡجَعُونَ

Ngoko ke Makazukiswe loWo eSandleni saKhe kukho ulongamelo lwezinto zonke, yaye kukuYe apho niza kubuyiselwa khona

Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.