Surah 37 · 182 verses · Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana
Surah As-Saffat in Xhosa
بِسۡمِ ٱللَّهِ ٱلرَّحۡمَٰنِ ٱلرَّحِيمِ
رَّبُّ ٱلسَّمَٰوَٰتِ وَٱلۡأَرۡضِ وَمَا بَيۡنَهُمَا وَرَبُّ ٱلۡمَشَٰرِقِ
INkosi yamazulu nomhlaba noko kungaphakathi kwawo, EkwayiNkosi yeeMpumalanga
إِنَّا زَيَّنَّا ٱلسَّمَآءَ ٱلدُّنۡيَا بِزِينَةٍ ٱلۡكَوَاكِبِ
Inene Thina Silihombisile izulu elikufutshane ngeenkwenkwezi zokuhombisa
وَحِفۡظًا مِّن كُلِّ شَيۡطَٰنٍ مَّارِدٍ
Ezikwalukhuselo ngokuchasene naye nawuphi na uShaytân ongumvukeli
لَّا يَسَّمَّعُونَ إِلَى ٱلۡمَلَإِ ٱلۡأَعۡلَىٰ وَيُقۡذَفُونَ مِن كُلِّ جَانِبٍ
Ukuze (bangachwechwi) baye kuphulaphula intlanganiso ebekekileyo (yeengelosi) yaye (aba Sathana) baxulutywa (ngamadangatya omlilo) macala onke (abazama ukuvela ngakuwo)
إِلَّا مَنۡ خَطِفَ ٱلۡخَطۡفَةَ فَأَتۡبَعَهُۥ شِهَابٌ ثَاقِبٌ
Ngaphandle kwabo baxhwila (amazwi athile) ngobusela, kodwa nabo bayaleqwa ngezikhuni ezivuthayo, (ezikhanya) ngokugqobhozelayo
فَٱسۡتَفۡتِهِمۡ أَهُمۡ أَشَدُّ خَلۡقًا أَم مَّنۡ خَلَقۡنَآۚ إِنَّا خَلَقۡنَٰهُم مِّن طِينٍ لَّازِبِۭ
Khawubabuze (Muhammad) okukuba ingaba ngabo na abayeyona ndalo iqinileyo okanye yenye na (indalo enjengamazulu nomhlaba neentaba) eSazidalayo? Inene, bona Sabadala ngodongwe oluncangathi
بَلۡ عَجِبۡتَ وَيَسۡخَرُونَ
Ewe kakade (wena Muhammad) uye wamangaliseka (yindelelo yabo) xa bebekugculela (wena ne’Kur’ân)
وَقَالُوٓاْ إِنۡ هَٰذَآ إِلَّا سِحۡرٌ مُّبِينٌ
Bade bathi: “Asinto yimbi le ngaphandle kokuba ngumlingo ocacileyo
أَءِذَا مِتۡنَا وَكُنَّا تُرَابًا وَعِظَٰمًا أَءِنَّا لَمَبۡعُوثُونَ
Ingaba xa sifile sele siluthuli namathambo siza kuphinda sivuswe kwakhona
فَإِنَّمَا هِيَ زَجۡرَةٌ وَٰحِدَةٌ فَإِذَا هُمۡ يَنظُرُونَ
Iya kuba sisikhalo esinye (seXilongo), yabonani! Baya kuthi ndlaa (amehlo besoyika)
وَقَالُواْ يَٰوَيۡلَنَا هَٰذَا يَوۡمُ ٱلدِّينِ
Baya kuthi: “Yeha kuthi! Le yiyo (ngenene) iMini yembuyekezo!”
هَٰذَا يَوۡمُ ٱلۡفَصۡلِ ٱلَّذِي كُنتُم بِهِۦ تُكَذِّبُونَ
(Kuya kuthiwa kubo): “Yiyo le ke iMini yoMgwebo enanidla ngokuyiphika.”
ٱحۡشُرُواْ ٱلَّذِينَ ظَلَمُواْ وَأَزۡوَٰجَهُمۡ وَمَا كَانُواْ يَعۡبُدُونَ
(Kuya kuthiwa kwiingelosi): “Qokelelani ndaweninye bonke abo benza ubugwenxa, bedibene noogxa babo (ooSathana abangamademon) nezo nto2 babedla ngokuzikhonza
مِن دُونِ ٱللَّهِ فَٱهۡدُوهُمۡ إِلَىٰ صِرَٰطِ ٱلۡجَحِيمِ
Endaweni ka-Allâh, nibakhokelele endleleni eya edangatyeni loMlilo (isiHogo)
مَا لَكُمۡ لَا تَنَاصَرُونَ
Yintoni ngani, yini na ebangela ukuba ningancedisani (njengoko nanincedisana emhlabeni)
قَالُوٓاْ إِنَّكُمۡ كُنتُمۡ تَأۡتُونَنَا عَنِ ٱلۡيَمِينِ
Baya kuthi: “Nini (booSathana) ababedla ngokuza kuthi nivela ngasekunene kwethu (nisilahlekise ngokusenzela ntle indlela eya ekwenzeni ubutshinga)”
قَالُواْ بَل لَّمۡ تَكُونُواْ مُؤۡمِنِينَ
Baya kuphendula ke bona: “Unotshe! Nini ngokwenu eningazanga nikholwe
وَمَا كَانَ لَنَا عَلَيۡكُم مِّن سُلۡطَٰنِۭۖ بَلۡ كُنتُمۡ قَوۡمًا طَٰغِينَ
Ngapha koko thina sasingenagunya phezu kwenu. Nakanye, nina nasuka naba ngabagabadeli
فَحَقَّ عَلَيۡنَا قَوۡلُ رَبِّنَآۖ إِنَّا لَذَآئِقُونَ
“Ngoku ke iLizwi leNkosi yethu liyathetheleka ngokuchasene nathi, mayela nokuba singcamle (isohlwayo)
فَأَغۡوَيۡنَٰكُمۡ إِنَّا كُنَّا غَٰوِينَ
Ke ngoko sanikhokelela ekulahlekeni kuba nathi sasilahlekile.”
فَإِنَّهُمۡ يَوۡمَئِذٍ فِي ٱلۡعَذَابِ مُشۡتَرِكُونَ
Inene ngaloo Mini baya kwabelana ngesohlwayo
إِنَّا كَذَٰلِكَ نَفۡعَلُ بِٱلۡمُجۡرِمِينَ
Ngokwenene, leyo yindlela esiqubisana ngayo nabenzi bobubi
إِنَّهُمۡ كَانُوٓاْ إِذَا قِيلَ لَهُمۡ لَآ إِلَٰهَ إِلَّا ٱللَّهُ يَسۡتَكۡبِرُونَ
Ke kaloku, xa kusithiwa kubo: “Akukho thixo wumbi ngaphandle koAllâh,” bona bayazikhukhumalisa, (baphikise)
وَيَقُولُونَ أَئِنَّا لَتَارِكُوٓاْ ءَالِهَتِنَا لِشَاعِرٍ مَّجۡنُونِۭ
Kananjalo bathi: “Siza kushiya oothixo bethu ngenxa yembongi ephambeneyo na
بَلۡ جَآءَ بِٱلۡحَقِّ وَصَدَّقَ ٱلۡمُرۡسَلِينَ
Nakanye! Yena (uMuhammad) ufike nenyaniso (i-Islam ne’Kur’ân) yaye yena uyabangqina abaThunywa (abangaphambili kunaye)
إِنَّكُمۡ لَذَآئِقُواْ ٱلۡعَذَابِ ٱلۡأَلِيمِ
Inene nina (bahedenindini) niza kusingcamla isohlwayo esibuhlungu
وَمَا تُجۡزَوۡنَ إِلَّا مَا كُنتُمۡ تَعۡمَلُونَ
Kananjalo aniyi kubuyekezwa nganto ngaphandle koko nanidla ngokukwenza
يُطَافُ عَلَيۡهِم بِكَأۡسٍ مِّن مَّعِينِۭ
Emacaleni abo kuya kuba kugqithiswa indebe yewayini elungileyo (ehlambulukileyo)
لَا فِيهَا غَوۡلٌ وَلَا هُمۡ عَنۡهَا يُنزَفُونَ
Abayi kuva buhlungu apho nabubi, bengayi kuva kunxila nakuyotywa (apho)
وَعِندَهُمۡ قَٰصِرَٰتُ ٱلطَّرۡفِ عِينٌ
Kanti emacaleni kwabo kuya kubakho abasetyhini, ababajezula ngamehlo abo amahle
كَأَنَّهُنَّ بَيۡضٌ مَّكۡنُونٌ
(Ababuthathaka, benyulu) ngokungengathi ngamaqanda anonotshelweyo
قَالَ قَآئِلٌ مِّنۡهُمۡ إِنِّي كَانَ لِي قَرِينٌ
Isithethi phakathi kwabo siya kuthi: “Ndandinomhlobo (ehlabathini)
يَقُولُ أَءِنَّكَ لَمِنَ ٱلۡمُصَدِّقِينَ
Owayedla ngokuthi (kum): “Ingaba wena ungomnye wabo bakholwayo (kuvuko lwasemva kokufa na)?”
أَءِذَا مِتۡنَا وَكُنَّا تُرَابًا وَعِظَٰمًا أَءِنَّا لَمَدِينُونَ
Esithi (kananjalo): “Ingaba xa sele sifile, siluthuli namathambo, siza kuvuswa ngenene samkeliswe umvuzo okanye isohlwayo kusini na?”
فَٱطَّلَعَ فَرَءَاهُ فِي سَوَآءِ ٱلۡجَحِيمِ
Wajonga ke phantsi waza wambona (umhlobo lowo wakhe) esazulwini soMlilo
قَالَ تَٱللَّهِ إِن كِدتَّ لَتُرۡدِينِ
Wathi kuye: “Ndifunga ngoAllâh, inene wena waphantsela ukunditshabalalisa
وَلَوۡلَا نِعۡمَةُ رَبِّي لَكُنتُ مِنَ ٱلۡمُحۡضَرِينَ
Ukuba ngaba kwakungekho ngenxa yoBabalo lweNkosi yam, inene le, ngendandibe ngomnye wabo batyhalelwa (eMlilweni).”
أَفَمَا نَحۡنُ بِمَيِّتِينَ
(Ke kaloku abemi basePaladesi baya kuthi): Ingaba asizi kuphinda sife kwakhona na
إِلَّا مَوۡتَتَنَا ٱلۡأُولَىٰ وَمَا نَحۡنُ بِمُعَذَّبِينَ
Ngaphandle kokufa kwethu okokuqala, kananjalo ingaba asizi kohlwaywa na (emva kokungena kwethu eMyezweni?)”
لِمِثۡلِ هَٰذَا فَلۡيَعۡمَلِ ٱلۡعَٰمِلُونَ
Ngenxa yokunjengoku abasebenzi (bokulungileyo) mabasebenze
أَذَٰلِكَ خَيۡرٌ نُّزُلًا أَمۡ شَجَرَةُ ٱلزَّقُّومِ
Ingaba yiPaladesi na elungileyo okanye ngumthi weZa’kkum (umthi ombi osesihogweni)
إِنَّا جَعَلۡنَٰهَا فِتۡنَةً لِّلظَّٰلِمِينَ
Inene wona siwenze waba yintshutshiso kubenzi bobubi
إِنَّهَا شَجَرَةٌ تَخۡرُجُ فِيٓ أَصۡلِ ٱلۡجَحِيمِ
Inene wona ngumthi ohluma ngaphantsi koMlilo wesiHogo
طَلۡعُهَا كَأَنَّهُۥ رُءُوسُ ٱلشَّيَٰطِينِ
Amagaqa eziqhamo zawo anjengeentloko zamashayâtîn (amademon)
فَإِنَّهُمۡ لَأٓكِلُونَ مِنۡهَا فَمَالِـُٔونَ مِنۡهَا ٱلۡبُطُونَ
Inene baza kutyiswa (ezo ziqhamo) bazalise izisu zabo ngazo
ثُمَّ إِنَّ لَهُمۡ عَلَيۡهَا لَشَوۡبًا مِّنۡ حَمِيمٍ
Baze phezu koko banikwe amanzi abilayo, ukuba basele khona ukuze ibe ngumxube (wamanzi eZa’kkum ngaphakathi eziswini zabo)
ثُمَّ إِنَّ مَرۡجِعَهُمۡ لَإِلَى ٱلۡجَحِيمِ
Kuze emva koko inene ibe kukubuyiselwa kwabo eMlilweni wesiHogo odwanguzayo
إِنَّهُمۡ أَلۡفَوۡاْ ءَابَآءَهُمۡ ضَآلِّينَ
Inene bona bafumana ookhokho babo besendleleni egwenxa
وَلَقَدۡ ضَلَّ قَبۡلَهُمۡ أَكۡثَرُ ٱلۡأَوَّلِينَ
Yaye inene uninzi lwabantu bakudala ababandulelayo babelahlekile
وَلَقَدۡ أَرۡسَلۡنَا فِيهِم مُّنذِرِينَ
Kananjalo Thina Sasithumela abalumkisi (abaprofeti) phakathi kwabo
فَٱنظُرۡ كَيۡفَ كَانَ عَٰقِبَةُ ٱلۡمُنذَرِينَ
Khangelakeukubasabanjaninaisiphelosabobabelunyukisiwe (abamamela)
وَلَقَدۡ نَادَىٰنَا نُوحٌ فَلَنِعۡمَ ٱلۡمُجِيبُونَ
Kananjalo uNûh wathandaza kuThi, yaye Thina Singabona balungileyo ukuphendula (imithandazo)
وَنَجَّيۡنَٰهُ وَأَهۡلَهُۥ مِنَ ٱلۡكَرۡبِ ٱلۡعَظِيمِ
Ke kaloku Samsindisa yena nosapho lwakhe embandezelweni enkulu (yokurhaxwa ngamanzi)
وَجَعَلۡنَا ذُرِّيَّتَهُۥ هُمُ ٱلۡبَاقِينَ
Kanti nenzala yakhe yona Sayenza ukuba ibe ngabasindileyo
وَتَرَكۡنَا عَلَيۡهِ فِي ٱلۡأٓخِرِينَ
Saza Samshiyela (inkumbulo elungileyo) kwizizukulwana ezalandelayo emva koko
وَإِنَّ مِن شِيعَتِهِۦ لَإِبۡرَٰهِيمَ
Ke kaloku phakathi kwabo balandela indlela yakhe (uNûh) yaba nguIbrâhîm
إِذۡ قَالَ لِأَبِيهِ وَقَوۡمِهِۦ مَاذَا تَعۡبُدُونَ
Yabona; wathi kuyise nakubantu bakubo: “Yintoni na le niyinqulayo (apha)?”
فَرَاغَ إِلَىٰٓ ءَالِهَتِهِمۡ فَقَالَ أَلَا تَأۡكُلُونَ
Wabuyela yena kwizithixo zabo wathi: “Aniyi kutya na (kwiminikelo yamadini abekwe phambi kwenu?”)
قَالَ أَتَعۡبُدُونَ مَا تَنۡحِتُونَ
Wathi yena (kubo): “Ingaba nina ninqula oko nikwenze (ngezandla zenu) na?”
وَٱللَّهُ خَلَقَكُمۡ وَمَا تَعۡمَلُونَ
Lo gama uAllâh Edale nina kunye noko nikwenzayo (kuzizithixo)!”
قَالُواْ ٱبۡنُواْ لَهُۥ بُنۡيَٰنًا فَأَلۡقُوهُ فِي ٱلۡجَحِيمِ
Bathi bona: “Makheleni isakhiwo (esiliziko uIbrâhîm), nize nimphose edangatyeni lomlilo!”
فَأَرَادُواْ بِهِۦ كَيۡدًا فَجَعَلۡنَٰهُمُ ٱلۡأَسۡفَلِينَ
Baqulunqa iyelenqe elo ke kodwa Sasuka Sabenza bangabona bangaphantsi
وَقَالَ إِنِّي ذَاهِبٌ إِلَىٰ رَبِّي سَيَهۡدِينِ
Ke kaloku wathi yena (emva kokuba ehlanguliwe emlilweni): “InenemnandiyakuyaeNkosiniyam,Yiyo Eyakundikhokela
فَلَمَّا بَلَغَ مَعَهُ ٱلسَّعۡيَ قَالَ يَٰبُنَيَّ إِنِّيٓ أَرَىٰ فِي ٱلۡمَنَامِ أَنِّيٓ أَذۡبَحُكَ فَٱنظُرۡ مَاذَا تَرَىٰۚ قَالَ يَٰٓأَبَتِ ٱفۡعَلۡ مَا تُؤۡمَرُۖ سَتَجِدُنِيٓ إِن شَآءَ ٱللَّهُ مِنَ ٱلصَّٰبِرِينَ
Wathi unyana (wakhe lowo) esakuba emdala ngokwaneleyo ukuba ahambe naye, wathi kuye: “O nyana wam! Ndibone ephupheni ndixhela wena (njengedini lomnikelo kuAllah). Bona wena ke ukuba ucinga ntoni na!” Wathi yena: “O tata! Yenza oko ukuyalelweyo, ukuba uAllâh Uyavuma uya kundifumana ndingonyamezelayo.”
فَلَمَّآ أَسۡلَمَا وَتَلَّهُۥ لِلۡجَبِينِ
Bathi ke besakuba bezinikele bobabini (phantsi kwentando ka-Allâh),Waba sele emlalise phantsi emqubudise ngebunzi lakhe (elungiselela ukumnqumla umqala)
قَدۡ صَدَّقۡتَ ٱلرُّءۡيَآۚ إِنَّا كَذَٰلِكَ نَجۡزِي ٱلۡمُحۡسِنِينَ
Ulizalisekisile iphupha!” Siwavuza kanjalo ke Thina amalungisa
وَتَرَكۡنَا عَلَيۡهِ فِي ٱلۡأٓخِرِينَ
Kananjalo yena samshiyela (inkumbulo elungileyo) kwizizukulwana ezisezayo
وَبَشَّرۡنَٰهُ بِإِسۡحَٰقَ نَبِيًّا مِّنَ ٱلصَّٰلِحِينَ
Samnika iindaba ezivuyisayo zikaIs-hâ’k (uIsake)
وَبَٰرَكۡنَا عَلَيۡهِ وَعَلَىٰٓ إِسۡحَٰقَۚ وَمِن ذُرِّيَّتِهِمَا مُحۡسِنٌ وَظَالِمٌ لِّنَفۡسِهِۦ مُبِينٌ
Samsikelela yena noIs-hâ’k kodwa kwinzala yabo kukho abo benza okulungileyo, nabo bazona (imiphefumlo yabo) ngokuselubala
وَنَجَّيۡنَٰهُمَا وَقَوۡمَهُمَا مِنَ ٱلۡكَرۡبِ ٱلۡعَظِيمِ
Sabasindisa bona nabantu bakubo kwinkxwaleko enkulu
وَتَرَكۡنَا عَلَيۡهِمَا فِي ٱلۡأٓخِرِينَ
Sabashiyela (inkumbulo elungileyo) kwizizukulwana ezisezayo
إِنَّهُمَا مِنۡ عِبَادِنَا ٱلۡمُؤۡمِنِينَ
Inene bona (uMûsâ noHârûn) babezizicaka zeThu ezibini ezikholwayo
أَتَدۡعُونَ بَعۡلًا وَتَذَرُونَ أَحۡسَنَ ٱلۡخَٰلِقِينَ
Ingaba niza kubiza kuBhali na niyeke Oyena Mdali Wokwenene
ٱللَّهَ رَبَّكُمۡ وَرَبَّ ءَابَآئِكُمُ ٱلۡأَوَّلِينَ
uAllâh OyiNkosi yenu, OyiNkosi yooyihlo’mkhulu?”
فَكَذَّبُوهُ فَإِنَّهُمۡ لَمُحۡضَرُونَ
Kodwa basuka bamphikisa yena (uIlyâs)4, ngoko ke baza kuziswa ngaphambili (esohlwayweni)
وَتَرَكۡنَا عَلَيۡهِ فِي ٱلۡأٓخِرِينَ
Yena Samshiyela (inkumbulo elungileyo) kwizizukulwana ezisezayo
إِلَّا عَجُوزًا فِي ٱلۡغَٰبِرِينَ
Ngaphandle kwexhegokazi (umkakhe) elaba ngomnye wabo bashiyeka ngemva
وَإِنَّكُمۡ لَتَمُرُّونَ عَلَيۡهِم مُّصۡبِحِينَ
Inene nina nigqitha ngakubo (abo bafela apho) ekuseni
فَسَاهَمَ فَكَانَ مِنَ ٱلۡمُدۡحَضِينَ
Wavuma ke ukwenza amaqashiso, waza waba ngomnye wabo balahlekelwayo
فَٱلۡتَقَمَهُ ٱلۡحُوتُ وَهُوَ مُلِيمٌ
Ke kaloku intlanzi enkulu yamginya njengoko wayenze isenzo esigxekekileyo
فَلَوۡلَآ أَنَّهُۥ كَانَ مِنَ ٱلۡمُسَبِّحِينَ
Ukuba ngaba wayengazanga abe ngomnye wabo bazukisa uAllâh
لَلَبِثَ فِي بَطۡنِهِۦٓ إِلَىٰ يَوۡمِ يُبۡعَثُونَ
Inene yena wayeza kuhlala esiswini sentlanzi de kube yimini yoVuko
وَأَنۢبَتۡنَا عَلَيۡهِ شَجَرَةً مِّن يَقۡطِينٍ
Ke kaloku Sahlumisa umthi womhlavuthwa phezu kwakhe (ngentla kwakhe)
وَأَرۡسَلۡنَٰهُ إِلَىٰ مِاْئَةِ أَلۡفٍ أَوۡ يَزِيدُونَ
Kananjalo Samthumela kubantu abangamawaka aliwaka nangaphezulu kunoko
فَٱسۡتَفۡتِهِمۡ أَلِرَبِّكَ ٱلۡبَنَاتُ وَلَهُمُ ٱلۡبَنُونَ
Ngoku ke khawubabuze (Muhammad): “Ingaba ziintombi5 (zodwa) na Enazo iNkosi yakho baze bona babe noonyana na?”
أَمۡ خَلَقۡنَا ٱلۡمَلَٰٓئِكَةَ إِنَٰثًا وَهُمۡ شَٰهِدُونَ
Okanye mhlawumbi (bathi) Sadala iingelosi zaba ngabasetyhini lo gama babebukele bona kusini na
أَصۡطَفَى ٱلۡبَنَاتِ عَلَى ٱلۡبَنِينَ
Ingaba Yena Uzikhethele iintombi kusini na endaweni yoonyana
وَجَعَلُواْ بَيۡنَهُۥ وَبَيۡنَ ٱلۡجِنَّةِ نَسَبًاۚ وَلَقَدۡ عَلِمَتِ ٱلۡجِنَّةُ إِنَّهُمۡ لَمُحۡضَرُونَ
Kananjalo baye baqamba ukuhlobana phakathi kwaKhe neeJinni, kodwa zona iiJinni ziyazi (kakuhle) okokuba ziza kuma (phambi kwaKhe ziphendule ngezenzo zazo)
سُبۡحَٰنَ ٱللَّهِ عَمَّا يَصِفُونَ
Uzuko lonke malube kuAllâh! (Okude lee) koko bakwayamanisa naYe
فَإِنَّكُمۡ وَمَا تَعۡبُدُونَ
Ngoko ke inene nina bahedeni ndawonye nabo nibanqulayo (izinyanya)
مَآ أَنتُمۡ عَلَيۡهِ بِفَٰتِنِينَ
Abangekhe balahlekise (nabani na kumakholwa) bamwexule kuYe (uAllâh)
وَمَا مِنَّآ إِلَّا لَهُۥ مَقَامٌ مَّعۡلُومٌ
Yaye akukho namnye kuthi (ingelosi) koko unendawo yakhe eyaziwayo
وَإِنَّا لَنَحۡنُ ٱلصَّآفُّونَ
Kananjalo thina (zingelosi) sima ngokwemigca (sithandaze phambi koAllah)
لَوۡ أَنَّ عِندَنَا ذِكۡرًا مِّنَ ٱلۡأَوَّلِينَ
“Ukuba sasibe naye umlumkisi njengabantu bamandulo
فَكَفَرُواْ بِهِۦۖ فَسَوۡفَ يَعۡلَمُونَ
Kodwa (ngoku i’Kur’ân ifikile) abakholwa kuyo. Ngoko ke baza kwazi
وَلَقَدۡ سَبَقَتۡ كَلِمَتُنَا لِعِبَادِنَا ٱلۡمُرۡسَلِينَ
Inene lona ilizwi leThu sele liphumile, kwamandulo mayela neziCaka zeThu abaProfeti
فَإِذَا نَزَلَ بِسَاحَتِهِمۡ فَسَآءَ صَبَاحُ ٱلۡمُنذَرِينَ
Ke kaloku ukuhla kwaso singena emizini yabo, iya kuba mbi intsasa (yaloo mini) kwabo babelunyukisiwe
سُبۡحَٰنَ رَبِّكَ رَبِّ ٱلۡعِزَّةِ عَمَّا يَصِفُونَ
Uzuko lonke malube seNkosini yakho, iNkosi yobunganga namandla (Ekude lee) koko bakwayamanisa naYo
وَٱلۡحَمۡدُ لِلَّهِ رَبِّ ٱلۡعَٰلَمِينَ
Neendumiso zonke mazibe kuAllâh, iNkosi uMlondolozi wamazwe
Translation: Imaam Ismaaeel Ngqoyiyana.